Izibhalo
2 Nifayi 23


Isahluko 23

Ukutshatyalaliswa kweBhabhilon ngumfuziselo wentshabalalo ekuBuyeni kweSibini—Iya kuba ngumhla woburhalarhume nempindezelo—IBhabhilon (ihlabathi) iya kuwa ngonaphakade—Thelekisa Isaya 13. Malunga 559–545 P.K.

1 aUmthwalo bweBhabhilon, awathi uIsaya unyana ka-Amotsi wawubona.

2 Nyusani aibhanile phezu kwentaba ephakamileyo, phakamiselani phezulu izwi kubo, bkhwebani ngesandla, ukuze babe nokungena kumasango abo ababekekileyo.

3 Ndibayalele aabangcwalisiweyo bam, ndiwabizile kanjalo amagorha am, kuba umsindo wam awukho phezu kwabo abo bagcobayo bubungangamsha bam.

4 Ingxokolo yesihlwele ezintabeni ngokungathi yeyabantu abaninzi, isiphithiphithi sengxokolo ayezikumkani zezizwe bzihlanganisene kunye, iNkosi yeMikhosi ihlanganisa imikhosi yedabi.

5 Iza ivela kwilizwe elikude, esiphelweni samazulu, ewe, iNkosi, nezixhobo zengqumbo yayo, ukuza kutshabalalisa ilizwe lonke.

6 Bhombolozani nina, kuba umhla weNkosi usondele; uya kuza njengentshabalalo esuka kuSomandla.

7 Ke ngoko zonke izandla ziya kutyhafa, intliziyo yakhe wonke umntu iya kunyibilika;

8 Kwaye baya kuba noloyiko; amahlaba neentsizi aya kubaphatha; baya kukhwankqiswa omnye komnye, ubuso babo buya kuba njengamadangatye.

9 Qaphela, umhla weNkosi uyeza, ikhohlakele kunye noburhalarhume nomsindo owoyikekayo, ilenze ilizwe libe yinkangala; kwaye uya akutshabalalisa aboni balo bangabikho kulo.

10 Kuba iinkwenkwezi zezulu nokrozo lweenkwenkwezi zalo aziyi kukunika ukukhanya kwazo; ailanga liya kuba mnyama ekuphumeni kwalo, kwaye inyanga ayiyi kukwenza ukukhanya kwayo kubengezele.

11 Kwaye ndiya akulohlwaya ihlabathi ngenxa yobubi, kwaye nabakhohlakeleyo ngobugwenxa babo; ndiya kukwenza ukuzingca bkwabanekratshi kuphele, ndize ndibubeke phantsi ubukhakhamela babo oboyikisayo.

12 Ndiya kuyenza aindoda ixabiseke ngaphezulu kunayo igolide engcwengiweyo; kwanayo indoda kunayo igolide ecikizekileyo kaOfire.

13 Ke ngoko, ndiya kuwagungqisa amazulu, kwaye umhlaba uya akushenxa usuke endaweni yawo, ngoburhalarhume beNkosi yeMikhosi, nangomhla womsindo wayo owoyikekayo.

14 Kwaye kuya kuba anjengebhadikazi elisukelwa ngabazingeli, kwaye nanjengezimvu ezingahlanganiswayo; kwaye baya kuthi bonke abantu babuyele kwababo abantu, baze babalekele ingulowo kwelakhe ilizwe.

15 Bonke abanekratshi baya kungqulwa ngesikhali, ewe, nabo bonke abazimanyanise nabakhohlakeleyo baya kuwa ngekrele.

16 Abantwana babo kanjalo baya kucunyuzwa phambi kwamehlo abo; izindlu zabo ziya kuphangwa kwaye nabafazi babo badlwengulwe.

17 Qaphelani, ndiya kuxhokonxa amaMedi ngokuchasene nabo, abangasayi kukhathalela silivere nagolide, bengasayi kuyivuyela.

18 Izaphetha zawo kanjalo ziya kukhahlela amadodana abo abe ngamaqhekeza; kwaye awasayi kuba navelwano kwisiqhamo sesizalo; amehlo abo awasayi kuzisindisa iintsana.

19 Kwaye iBhabhilon, ebubukhazikhazi bezikumkani, aubuhle bobungangamsha bamaKaledi, buya kuba njengangoko uThixo wayibhukuqayo biSodom neGomora.

20 Ayi sokuze aimiwe, ingasayi kube ihlaliwe ukusuka kwisizukulwana ukuya kwisizukulwana: nama-Arabhi akasayi kugxumeka zintente khona; nabelusi abasayi kwenza buhlanti babo apho.

21 Kodwa aamarhamncwa entlango aya kubuthuma khona; kwaye izindlu zabo ziya kuzaliswa ngoodyakalashe; kwaye nezikhova ziya kuhlala apho, bneempongo ezixhonti ziya kudanisa apho.

22 Kwaye namarhamncwa eziqithi aya kugxwala akumanxiwa abo, kwaye bneenamba ezinkulu kubuncwane bamabhotwe abo; kwaye ixesha layo sele likufuphi ukufika, kwaye nomhla wayo awusayi kongezwa. Kuba ndiya kuyitshabalalisa ngokukhawuleza; ewe, kuba ndiya kuba nenceba kubo abantu bam, kodwa abakhohlakeleyo baya kutshabalala.