Izibhalo
2 Nifayi 26


Isahluko 26

UKrestu uya kulungiselela kumaNifayithi—UNifayi wabona ngexesha elingaphambili intshabalalo yabantu bakhe—Baya kuthetha ukusuka eluthulini—AbeeNtlanga baya kwakha amabandla angeyonyaniso namayelenqe afihlakeleyo—INkosi ayibavumeli abantu ukuba bazixakekise ngobubingeleli bobuxoki. Malunga 559–545 P.K.

1 Kwaye emva kokuba uKrestu eya kuba evukile kwelabafileyo uya kuzibonakalisa kuni, bantwana bam, nabazalwana bam abathandekayo; kwaye amazwi aya kuthi awathethe kuni aya kuba ngumthetho eniya kuthi niwenze.

2 Kuba qaphelani, ndithi kuni ndibonisiwe okokuba izizukulwana ezininzi ziya kugqitha, kwaye kuya kubakho iimfazwe ezinkulu neembambano phakathi kwabantu bam.

3 Kwaye emva kokuba uMesiya eya kuba efikile kuya kubakho imiqondiso enikezelwe kubo abantu bam ngokuzalwa kwakhe, kananjalo ngokufa nokuvuka kwakhe; kwaye uya kuba mkhulu kwaye woyikeke loo mhla kubo abakhohlakeleyo, kuba baya kutshabalala; kwaye batshabalala ngenxa yokuba babakhuphela ngaphandle abaprofeti, nabangcwele, baza babaxuluba ngamatye, baza bababulala; ngako oko isikhalo segazi sabangcwele siya kunyukela phezulu kuThixo ukusuka emhlabeni ngokuchasene nabo.

4 Ngako oko, bonke abo banekratshi, nabo benza ngenkohlakalo, umhla ozayo uya kubatshisa baphele, itsho iNkosi yeMikhosi, kuba baya kuba njengeendiza.

5 Kwaye nabo babulala abaprofeti, nabangcwele, inzulu yomhlaba iya kubaginya ngokupheleleyo, itsho iNkosi yeMikhosi; kwaye iintaba ziya kubagubungela, kwaye nezivunguvane ziya kubathwalela kude, kwaye nezakhiwo ziya kubawela kwaye zibatyumze babe ziingceba zize zibacole babengumgubo.

6 Kwaye baya kuvelelwa ngeendudumo, nemibane, neenyikima, nazo zonke iintlobo zeentshabalalo, kuba umlilo womsindo weNkosi uya kuphenjelelwa ngokuchasene nabo, kwaye baya kuba njengeendiza, kwaye umhla lowo uzayo uya kubatshisa baphele, itsho iNkosi yeMikhosi.

7 Owu intlungu, nentuthumbo yomphefumlo wam ngokulahleka kwababuleweyo babantu bam! Kuba mna, Nifayi, ndiyibonile, kwaye iphantse ukunditshabalalisa phambi kobuso beNkosi; kodwa kufuneka ndidanduluke kuThixo wam: Iindlela zakho zilungile.

8 Kodwa qaphelani, amalungisa athi awaphulaphule amazwi abaprofeti, aze angabatshabalalisi, kodwa akhangele phambili kuKrestu ngenzondelelo imiqondiso enikiweyo, nangona kukho yonke intshutshiso—qaphelani, ngabo abo bangasayi kutshabalala.

9 Kodwa uNyana woBulungisa uya kuvela kubo, kwaye uya kubaphilisa, kwaye baya kuba noxolo kunye naye, kude kube kudlule izizukulwana ezithathu, kwaye abaninzi besizukulwana sesine baya kuba bedlulele ebulungiseni.

10 Kwaye xa sukuba ezi zinto zithe zadlula intshabalalo ekhawulezileyo iya kuza kubo abantu bam; kuba, nangona ndineentlungu zomphefumlo wam, ndiyibonile; ngako oko, ndiyayazi ukuba iza kwenzeka; kwaye bazithengisa ngento engento; kuba, ngomvuzo wekratshi labo nobudenge babo baya kuvuna intshabalalo; kuba ngenxa yokuba beziyekela kumtyholi baze bakhethe imisebenzi yobumnyama kunokukhanya, ke ngoko kufuneka behlele ezantsi esihogweni.

11 Kuba uMoya weNkosi awusayi kusoloko usebenza ebantwini. Kwaye xa sukuba uMoya uthe wapheza ukusebenza ebantwini ke kuya kufika intshabalalo ekhawulezileyo, kwaye oku kuyawuhlungisa umphefumlo wam.

12 Kwaye njengoko ndathethayo ngokunxulumene nokuqinisekisa amaYuda, okokuba uYesu ngokwenene unguKrestu, kuya funeka okokuba abeeNtlanga kanjalo baqinisekiswe okokuba uYesu unguKrestu, uThixo waNaphakade;

13 Kwaye nokokuba uya kuzibonakalisa kubo bonke abo bakholelwa kuye, ngamandla oMoya oyiNgcwele; ewe, kuso sonke isizwe, isalamane, ulwimi, nabantu, esebenza imimangaliso emikhulu, imiqondiso, nemimangaliso, phakathi kwabantwana babantu ngokokholo lwabo.

14 Kodwa qaphelani, ndiprofetha kuni ngokunxulumene nemihla yokugqibela; ngokunxulumene nemihla yaxa sukuba iNkosi uThixo iya kuthi izizise ezi zinto ngaphambili kubo abantwana babantu.

15 Emva kokuba imbewu yam nembewu yabantakwethu iya kube isiya iphelela ekungakholweni, kwaye beya kubethwa ngabeeNtlanga; ewe, emva kokuba iNkosi uThixo iya kuba irhangqe ngokuchasene nabo macala onke, kwaye yakuba irhangqe ngokuchasene nabo ngoqilima, yaza yenyusa iinqaba ngokuchasene nabo; kwaye nasemva kokuba beya kuba bethotyelwe ezantsi eluthulini, nokukuba bade bangabikho, kuko konke oko amazwi amalungisa aya kubhalwa, kwaye imithandazo yabanyanisekileyo iya kuviwa, kwaye bonke abo bathe baye bephelela ekungakholweni abasayi kulityalwa.

16 Kuba abo baya kutshatyalaliswa baya kuthetha nabo ngokuphuma emhlabeni, kwaye nentetho yabo iya kuba isezantsi isuka eluthulini, kwaye nelizwi labo liya kuba njengokungathi ngoneshologu; kuba iNkosi uThixo iya kumnika amandla, wokokuba abe nokusebeza ngokunxulumene nabo, kude kubengathi kuphuma emhlabeni; kwaye intetho yabo iya kusebeza iphuma eluthulini.

17 Kuba itsho njalo iNkosi uThixo: Baya kuzibhala izinto eziya kuthi zenziwe phakathi kwabo, kwaye ziya kubhalwa zize zitywinelwe encwadini, kwaye abo babesiya bephelela ekungakholweni abasayi kuzizuza, kuba bazama ukutshabalalisa izinto zikaThixo.

18 Ngako oko, njengabo babetshatyalalisiwe batshatyalaliswe ngokukhawuleza; nezihlwele zaboyikekayo babo ziya kuba njengomququ ophephezelayo—ewe, itsho njalo iNkosi uThixo: Kuya kuba ngephanyazo, ngesiquphe—

19 Kwaye kuya kwenzeka, okokuba abo bathe beya bephelela ekungakholweni baya kubethwa ngesandla sabeeNtlanga.

20 Kwaye abeeNtlanga baphakamile likratshi leembono zabo, kwaye bathe bakhubeka, ngenxa yobukhulu belitye lokukhubeka labo; ngokude bazakhele iinkonzo ezininzi; nangona kunjalo, bayawadela amandla nemimangaliso kaThixo, kwaye bashumayele bezidumisa ubulumko babo nemfundo yabo, ukuze bazuze ingeniso kwaye babusile ubuso beentsizana.

21 Kwaye zininzi iinkonzo ezakhiweyo ezidala oomona, neengxabano, nolunya.

22 Kwaye kanjalo kukho amayelenqe afihlakeleyo, kwananje ngakumaxesha amandulo, ngokwamayelenqe omtyholi, kuba ungumseki wazo zonke ezi zinto; ewe, umseki wokubulala, nemisebenzi yobumnyama; ewe, kwaye ubatsala ngentamo ngomtya welaphu, ade ababophelele ngeentambo ezomeleleyo ngonaphakade.

23 Kuba qaphelani, bazalwana bam abathandekayo, nditsho kuni ukuthi iNkosi uThixo ayize isebenze ebumnyameni.

24 Ayenzi nayiphina into ngaphandle kokuba ibe iluncedo lwehlabathi; kuba iya lithanda ihlabathi, ngokude inikezele ngobomi bayo ukuze itsalele bonke abantu kuyo. Ngako oko, akukho namnye emyalela ukuba angaluthabathi usindiso lwayo.

25 Qaphelani, iyadanduluka na nakomnye, isithi: Mkani kum? Qaphelani, ndithi kuni, Hayi; kodwa ithi: Yizani kum nonke nina ziphelo zomhlaba, thengani ubisi kwaye nobusi, ngaphandle kwemali kwaye nangaphandle kwexabiso.

26 Qaphelani, ingaba iyalela nabani na ukuba emke aphume kuzo izindlu zesikhungo, okanye baphume kuzo izindlu zokunqula? Qaphelani, ndithi kuni, Hayi.

27 Ingaba ikhe yayalela nabani na ukuba angaxhamli usindiso lwayo? Qaphelani ndithi kuni, Hayi; kodwa ilunikele simahla kubo bonke abantu; kwaye ibayalele abantu bayo ukuba bathundeze abantu bonke ukuba baguquke.

28 Qaphelani, ingaba iNkosi ikhe yayalela nabani na ukuba angaxhamli ukulunga kwayo? Qaphelani ndithi kuni, Hayi; kodwa bonke abantu banelungelo elilodwa omnye njengomnye, kwaye akukho namnye owalelweyo.

29 Iyalele okokuba maze kungabikho bulungiseleli bobuxoki; kuba, qaphelani, ubulungiseleli bobuxoki bobokuba abantu bashumayele kwaye bazimise njengokukhanya ehlabathini, ukuze bazuze ingeniso kwaye nodumo lwehlabathi; kodwa abafuni ntlalo-ntle yeZiyon.

30 Qaphelani, iNkosi ayiyivumelanga le nto; ngako oko, iNkosi uThixo inike umyalelo wokokuba bonke abantu kufanele babe nothando lwenene, uthando olo ke lwenene luluthando. Ngaphandle kokuba babe nothando lwenene, abanto yanto. Ngako oko, ukuba bathi babe nothando lwenene abangeze bayekele ukuba umsebenzi eZiyon ufe.

31 Kodwa umsebenzi eZiyon uya kusebenzela iZiyon; kuba ukuba basebenzela imali baya kutshatyalaliswa.

32 Kwaye kwakhona, iNkosi uThixo iyalele okokuba abantu maze bangabulali; maze bangaxoki; maze bangebi; maze bangalithabathi igama leNkosi uThixo wabo njengento engento; maze bangabi namona; maze bangabi nalunya; maze bangabi nambambano omnye nomnye; maze bangahenyuzi; nokokuba maze bangenzi nanye kwezi zinto; kuba othe wazenza uya kufa.

33 Kuba akukho nabunye kobu bugwenxa obuvela kuyo iNkosi; kuba yenza oko kulungileyo phakathi kwabantwana babantu; kwaye ayenzi nto ngaphandle kokuba ibe icacile kubo abantwana babantu; kwaye uya bamema bonke ukuba beze kuyo baze baxhamle kuko ukulunga kwayo; kwaye ayaleli namnye oza kuyo, omnyama nomhlophe, umthinjwa kwanokhululekileyo, indoda nomfazi; kwaye iya bakhumbula abahedeni; kwaye bonke bayafana kuThixo, kunye umYuda noweNtlanga.