Izibhalo
2 Nifayi 32


Isahluko 32

Iingelosi zithetha ngamandla oMoya oyiNgcwele—Abantu kufuneka bathandaze baze bazuze ulwazi ngokwabo kuwo uMoya oyiNgcwele. Malunga 559–545 P.K.

1 Kwaye ngoku, qaphelani, bazalwana bam abathandekayo, ndiyacinga okokuba niyacingisisa nje noko ezintliziyweni zenu malunga naloo nto nimele niyenze emva kokuba ningenile ngendlela. Kodwa, qaphelani, kungani nizicingisisa nje ezi zinto ezintliziyweni zenu?

2 Anikhumbuli na okokuba ndathi kuni emva kokuba namkele uMoya oyiNgcwele ninakho ukuthetha ngolwimi lweengelosi? Kwaye ngoku, ningathetha njani na ngolwimi lweengelosi ngaphandle kokuba kube kungoMoya oyiNgcwele?

3 Iingelosi zithetha ngamandla oMoya oyiNgcwele; ngako oko, zithetha amazwi kaKrestu. Ngako oko, ndathi kuni, zondleni ngamazwi kaKrestu; kuba qaphelani, amazwi kaKrestu aya kunixelela zonke izinto enimele ukuzenza.

4 Ngako oko, ngoku emva kokuba ndithethe la mazwi, ukuba aninako ukuwaqonda kuya kuba kungenxa yokuba anibuzi, ningankqonkqozi; ngako oko, aniziswa ekukhanyeni, kodwa kufuneka nitshabalalele ebumnyameni.

5 Kuba qaphelani, kwakhona ndithi kuni ukuba niya kungena ngendlela, nize namkele uMoya oyiNgcwele, uya kunibonisa zonke izinto ekumele nizenze.

6 Qaphelani, le yimfundiso kaKrestu, kwaye akuyi kuphinda kubekho enye imfundiso enikwayo kude kube semva kokuba eya kuzibonakalisa kuni esenyameni. Kwaye xa eya kuzibonakalisa kuni esenyameni, izinto aya kuzithetha kuni maze niqwalasele ukuzenza.

7 Kwaye ngoku mna, Nifayi, andinako ukuthetha ngakumbi; uMoya uya kumisa ukuthetha kwam, kwaye ndiselusizini ngenxa yokungakholwa, nenkohlakalo, nentswela-lwazi, nangokuqina kweentamo zabantu; kuba abafuni ukuluzingela ulwazi, nakuluqonda ulwazi olukhulu, xa sukuba lunikezelwa kubo ngokucaca, kwa nangokucaca anokucaca ngako amazwi.

8 Kwaye ngoku, bazalwana bam abathandekayo, ndiqwalasela ukuba nisacingisisa ezintliziyweni zenu; kwaye kuya ndihlungisa ukuba kufuneka ndithethe malunga nale nto. Kuba ukuba beniya kuphulaphula kuwo uMoya othi umfundise umntu ukuthandaza, beniya kukwazi ukuba kufuneka nithandaze; kuba umoya ongcolileyo awumfundisi umntu ukuba athandaze, kodwa umfundisa ukuba akufuneki athandaze.

9 Kodwa qaphelani, ndithi kuni kufuneka nithandaze rhoqo, kwaye ningatyhafi; nokuba ningenzi nanye into eNkosini ngaphandle kokuba kuqala niya kuthandaza kuBawo egameni likaKrestu, ukuze asingcwalise isenzo senu kuni, ukuze isenzo senu sibe sesentlalontle yomphefumlo wenu.