Izibhalo
2 Nifayi 33


Isahluko 33

Amazwi kaNifayi ayinyani—Angqina ngoKrestu—Abo bakholwayo kuKrestu baya kuwakholelwa amazwi kaNifayi, aya kuthi eme nje ngobungqina phambi kwesihlalo sokugweba. Malunga 559–545 P.K.

1 Kwaye ngoku mna, Nifayi, andinako ukuzibhala zonke izinto ezazifundisiwe phakathi kwabantu bam; ndingenguye nomntu onobuchule bokubhala, nje ngasekuthetheni; kuba xa sukuba umntu ethetha ngamandla oMoya oyiNgcwele amandla oMoya oyiNgcwele ayayithwala ayise ezintliziyweni zabantwana babantu.

2 Kodwa qaphelani, baninzi abathi bazenze lukhuni iintliziyo zabo ngokuchasene noMoya oyiNgcwele, ukuze ungabi nandawo kubo; ngako oko, baziphosela kude izinto ezininzi ezibhaliweyo baze bazithabathe nje ngezinto ezingento.

3 Kodwa mna, Nifayi, ndibhale oko ndikubhalileyo, kwaye ndikuthabatha nje ngento enexabiso elikhulu, kwaye ingakumbi kubo abantu bam. Kuba ndiya bathandazela rhoqo ngemini, kwaye amehlo am amanzisa umqamelo wam ngobusuku, ngenxa yabo; kwaye ndiyakhala kuThixo wam ngokholo, kwaye ndiyazi okokuba uya kusiva isikhalo sam.

4 Kwaye ndiyazi okokuba iNkosi uThixo uya kuwungcwalisa umthandazo wam ukuze babe nenzuzo abantu bam. Kwaye amazwi endithe ndawabhala ebuthathakeni bam aya kwenziwa abe namandla kubo, kuba abathundezela ekubeni benze okulungileyo; abenza bazi ngooyise; kwaye athetha ngoYesu, aze abathundezele ekubeni bakholelwe kuye, baze banyamezele kude kube sekupheleni, esibubomi obungunaphakade.

5 Kwaye ithetha rhabaxa ngokuchasene nesono, malunga nokucaca kwenyaniso; ngako oko, akukho mntu uya kuba nomsindo kuwo amazwi endithe ndawabhala ngaphandle kokuba uya kuba engowomoya womtyholi.

6 Ndiyavuyiswa kokucacileyo; ndiyavuyiswa yinyaniso; ndiyavuyiswa nguYesu wam, kuba uwukhulule umphefumlo wam esihogweni.

7 Ndinothando lwenene ngabantu bam, nokholo olukhulu kuKrestu lokokuba ndiya kubonana nemiphefumlo emininzi ndingenachaphaza esihlalweni sakhe sokugweba.

8 Ndinothando lwenene ngomYuda—Ndithi mYuda, ngenxa yokuba ndithetha ngabo balapho ndivela khona.

9 Ndinothando lwenene kanjalo ngabeeNtlanga. Kodwa qaphelani, kuba akukho namnye kwaba endinokuba nethemba ngabo ngaphandle kokuba baya kuxolelaniswa noKrestu, baze bangene ngesango elicutheneyo, baze bahambe endleleni emxinwa ekhokelela ebomini, baze baqhubeke kuyo indlela kude kube sekupheleni komhla wokulingwa.

10 Kwaye ngoku, bazalwana bam abathandekayo, kwa nomYuda, kwaye nani nonke ziphelo zomhlaba, waphulaphuleni la mazwi nize nikholelwe kuKrestu; kwaye ukuba aniwakholelwa la mazwi kholelwani kuKrestu. Kwaye ukuba niya kukholelwa kuKrestu niya kukholelwa kula mazwi, kuba angawo amazwi kaKrestu, kwaye uwanikele kum; ukuze afundisa bonke abantu okokuba bemele ukwenza okulungileyo.

11 Kwaye ukuba awangawo amazwi kaKrestu, gwebani—kuba uKrestu uya kukubonisa, ngamandla nobuqaqawuli obukhulu, okokuba ngamazwi akhe, ngomhla wokugqibela; kwaye wena kunye nam siya kuma ubuso ngobuso phambi kwesihlalo sakhe; kwaye niya kuyazi okokuba bendiyalelwe nguye ukuba ndizibhale ezi zinto, nangona ndinobuthathaka bam.

12 Kwaye ndiyamthandaza uBawo egameni likaKrestu okokuba abaninzi bethu, ukuba asisonke, bangasindiswa ebukumkanini bakhe ngaloo mhla mkhulu nowokugqibela.

13 Kwaye ngoku, bazalwana bam abathandekayo, bonke abo bangabendlu kaSirayeli, nani nonke ziphelo zomhlaba, ndithetha kuni njengelizwi lalowo ukhala ekusuka eluthulini: Salani kakuhle kude kube kuya kufika loo mhla mkhulu.

14 Kwaye nina abangafuniyo ukuxhamla kuko ukulunga kukaThixo, kwaye niwahlonele amazwi amaYuda, namazwi am kanjalo, namazwi aya kuthi eze ephuma emlonyeni weMvana kaThixo, qaphelani, ndiyanibulisa ukuba nisale kakuhle ngonaphakade, kuba la mazwi aya kunigweba ngomhla wokugqibela.

15 Kuba oko ndikutywina emhlabeni, kuya kubekwa phambi kwenu ngokuchasene nani esihlalweni sokugweba; kuba iNkosi indiyalele njalo, kwaye kufuneka ndithobele. Amen.