Izibhalo
2 Nifayi 4


Isahluko 4

ULihayi ucebisa kwaye asikelele inzala yakhe—Uyafa kwaye angcwatywe—UNifayi udumisa ukulunga kukaThixo—UNifayi ubeka ithemba lakhe eNkosini ngonaphakade. Malunga 588–570 P.K.

1 Kwaye ngoku, mna, Nifayi, ndithetha malunga neziprofetho athe ubawo wathetha ngazo, malunga noYosefu, owayethatyathelwa eYiputa.

2 Kuba qaphela, ngokwenene waprofetha malunga nembewu yakhe yonke. Kwaye iziprofetho athe wazibhala, azikho ninzi kakhulu ngakumbi. Kwaye waprofetha malunga nathi, kwaye nezizukulwana zethu ezisezayo; kwaye zibhalwe kumacwecwe phezu kwamacwecwe obhedu.

3 Ngako oko, emva kokuba ubawo ephezile ukuthetha malunga neziprofetho zikaYosefu, waye wabiza abantwana bakaLeymeni, oonyana bakhe kunye neentombi zakhe, waza wathi kubo: Qaphelani, boonyana bam, neentombi zam, abangoonyana neentombi zezibulo lam, ndinga ninganika indlebe kumazwi am.

4 Kuba iNkosi uThixo ithe: Kangangokuba niya kuyigcina imiyalelo yam niya kuphumelela elizweni; kwaye kangangokuba ningasayi kuyigcina imiyalelo yam niya kusikelwa ngaphandle ebusweni bam.

5 Kodwa qaphelani, boonyana neentombi zam, andinako ukwehla ndiye engcwabeni lam ngaphandle kokuba ndishiye intsikelelo phezu kwenu; kuba qaphelani, ukuba nikhuliswe ngendlela enifanele ukuba nihambe ngayo aniyi kuze niyityeshele.

6 Ngako oko, ukuba niqalekisiwe, qaphelani, ndishiya intsikelelo yam phezu kwenu, ukuze isiqalekiso sisuswe kuni kwaye sibekwe phezu kweentloko zabazali benu.

7 Ngako oko, ngenxa yentsikelelo yam iNkosi uThixo ayiyi kuniyekela ukuba nitshabalale; ngako oko, iya kuba nenceba kuni nakuyo imbewu yenu ngonaphakade.

8 Kwaye kwenzekile ukuba emva kokuba ubawo ephezile ukuthetha noonyana neentombi zikaLeymeni, wenza ukuba oonyana neentombi zikaLemuweli ukuba ziziswe phambi kwakhe.

9 Kwaye wathetha nabo, esithi: Qaphelani boonyana neentombi zam, abangoonyana neentombi zonyana wam wesibini; qaphelani, ndishiya kuni intsikelelo efanayo naleyo endiyishiye koonyana neentombi zikaLeymeni; ngako oko, anisayi kutshatyalaliswa kwaphela; kodwa ekupheleni imbewu yenu iya kusikelelwa.

10 Kwaye kwenzekile ukuba akube ephezile ubawo ukuthetha nabo, qaphela, uye wathetha noonyana bakaIshmayeli, ewe, kwanayo indlu yakhe iphela.

11 Kwaye emva kokuba ephezile ukuthetha nabo, waye wathetha noSem, esithi: Usikelelekile wena, nembewu yakho; kuba uya kulidla ilifa ilizwe njengomntakwenu uNifayi. Kwaye imbewu yakho iya kubalwa kunye nembewu yakhe; kwaye uya kufana kanye nomntakwenu, nembewu yakho ifane kanye nembewu yakhe; kwaye uya kusikeleleka kuyo yonke imihla yakho.

12 Kwaye kwenzekile emva kokuba ubawo, uLihayi, ethethile kuyo indlu yakhe iphela, ngokweemvakalelo zentliziyo yakhe noMoya weNkosi owawukuye, waye woluphala. Kwaye kwenzekile ukuba waye wafa, waza wangcwatywa.

13 Kwaye kwenzekile ukuba azibanga ninzi iintsuku emva kokuba efile, uLeymeni noLemuweli noonyana bakaIshmayeli baba nomsindo kum ngenxa yezoluleko zeNkosi.

14 Kuba mna, Nifayi, ndanyanzeleka ukuba ndithethe nabo, ngokwelizwi layo; kuba ndandithethe izinto ezininzi kubo, kwaye nobawo kanjalo, phambi kokufa kwakhe; ezininzi zazo zibhaliwe phezu kwamanye amacwecwe am; kuba inxenye engakumbi yembali ibhalwe kwamanye amacwecwe am.

15 Kwaye phezu kwala ndibhala izinto zomphefumlo wam, kwaye nezininzi izibhalo ezikrolwe phezu kwamacwecwe obhedu. Kuba umphefumlo wam uyavuyiswa zizibhalo, kwaye nentliziyo yam iyazikisa ukucinga ngazo, kwaye ndiyazibhala ukuze bazifunde kwaye zibe luncedo lwabantwana bam.

16 Qaphela, umphefumlo wam uyavuyiswa zizinto zeNkosi; kwaye nentliziyo yam iyazikisa ukucinga ngamaxesha onke ngezinto endithe ndazibona kwaye ndaziva.

17 Nangona kunjalo, ndingenakumelana nokulunga okukhulu kweNkosi, ekundiboniseni imisebenzi yayo emikhulu nemangalisayo, intliziyo yam iyadanduluka: Owu mntundini olusizi endinguye! Ewe, intliziyo yam iselusizini ngenxa yenyama yam; umphefumlo wam ubuhlungu ngenxa yobugwenxa bam.

18 Ndirhangqiwe ngapha nangapha, ngenxa yezilingo nezono ezithi ngokulula zindikhathaze.

19 Kwaye ndakulangazelela ukugcoba, intliziyo yam iyancwina ngenxa yezono zam; nangona kunjalo, ndiyamazi endithembele kuye.

20 UThixo wam ube ngumxhasi wam; uye wandikhokela ukuphuma ezimbandezelweni zam entlango; kwaye undilondolozile phezu kwamanzi enzonzobila enkulu.

21 Undizalise ngothando lwakhe, ngokude luyigqibe inyama yam.

22 Uzibhidanisile iintshaba zam, wada wazenza ukuba zingcangcazele phambi kwam.

23 Qaphela, usivile isikhalo sam emini, kwaye undinike ulwazi ngemibono ngexesha lasebusuku.

24 Kwaye emini ndikhulule ngokukhalipha ngemithandazo enamandlakazi phambi kwakhe; ewe, ilizwi lam ndilithumele phezulu enyangweni; kwaye iingelosi zehla zandilungiselela.

25 Kwaye phezu kwamaphiko oMoya wakhe umzimba wam waye wathwalelwa kude phezu kwentaba ephakame ngokugqithisileyo. Kwaye amehlo am abone izinto ezinkulu, ewe, nezinkulu kakhulu ukuba zibonwe ngumntu; ke ngoko ndaye ndaxelelwa ukuba mandingazibhali.

26 Owu ke, ukuba ndibone izinto ezinkulu kangaka, ukuba iNkosi ngokuzithoba kwayo kubantwana babantu ithe yahambela abantu ngenceba engaka, kungani ukuba intliziyo yam yenze isijwili nomphefumlo wam uzulazule kwintlambo yosizi, nenyama yam ibune namandla am athothe, ngenxa yeembandezelo?

27 Kwaye kungani ukuba ndizinikele esonweni, ngenxa yenyama yam? Ewe, kungani ukuba ndivumele izilingo, ukuze umtyholi afumane indawo entliziyweni yam ukuze atshabalalise uxolo lwam kwaye abandezele umphefumlo wam? Kungani ukuba ndibe nomsindo ngenxa yotshaba lwam?

28 Vuka, mphefumlo wam! Ungaphindi ujinge esonweni. Gcoba, Owu ntliziyo yam, kwaye ungaphindi ulunike indawo utshaba lomphefumlo wam.

29 Musa ukuba nomsindo kwakhona ngenxa yeentshaba zam. Musa ukuyekelela mandla am ngenxa yeembandezelo zam.

30 Gcoba, Owu ntliziyo yam, kwaye wenze isijwili eNkosini, kwaye uthi: Owu Nkosi, ndiya kukudumisa ngonaphakade; ewe, umphefumlo wam uya kugcoba kuwe, Thixo wam, neliwa losindiso lwam.

31 Owu Nkosi, ingaba uya kuwukhulula na umphefumlo wam? Ingaba uya kundihlangula ndiphume ezandleni zeentshaba zam? Ungandenza ukuba ndigungqe kwakuvela isono?

32 Akwaba amasango esihogo angavalwa ngamaxesha onke phambi kwam, ngenxa yokuba intliziyo yam yaphukile kwaye nomoya wam utyumkile! Owu Nkosi, yanga akungewavali amasango akho obulungisa phambi kwam, ukuze ndihambe endleleni yentlambo esezantsi, ukuze ndibe ngqingqwa kwindlela ethe tye!

33 Owu Nkosi, unga ungandirhanga jikelele ngengubo yobulungisa bakho! Owu Nkosi, unga ungandivelisela indlela yokuba ndiphuncule phambi kweentshaba zam! Uya kuyenza indlela yam ithi tye na phambi kwam! Unga akungebeki sikhubekiso endleleni yam—kodwa undicocele indlela yam phambi kwam, kwaye ungayibiyeli indlela yam, kodwa ubiyele eyotshaba lwam.

34 Owu Nkosi, ndithembele kuwe, kwaye ndiya kuthembela kuwe ngonaphakade. Andiyi kubeka themba lam kwingalo yenyama; kuba ndiyazi ukuba uqalekisiwe lowo ubeka ithemba lakhe kwingalo yenyama. Ewe, uqalekisiwe lowo ubeka ithemba lakhe ebantwini okanye owenza inyama ibe yingalo yakhe.

35 Ewe, ndiyazi ukuba uThixo uya kunika ngokungakumbi kulowo ucelayo. Ewe, uThixo wam uya kundinika, ukuba andiceli okuphosakeleyo; ke ngoko ndiya kuliphakamisela phezulu ilizwi lam kuwe; ewe, ndiya kwenza isijwili kuwe, Thixo wam, oliliwa lobulungisa bam. Qaphela, ilizwi lam liya kunyukela phezulu kuwe ngonaphakade, liwa lam noThixo wam wanaphakade. Amen.