Izibhalo
2 Nifayi 8


Isahluko 8

UYakobi uqhubekeka efunda kuIsaya: Ngemihla yokugqibela, iNkosi iya kuyithuthuzela iZiyon kwaye ihlanganise uSirayeli—Abakhululweyo baya kuza eZiyon phakathi kokugcoba okukhulu—Thelekisa Isaya 51 no 52:1–2. Malunga 559–545 P.K.

1 Ndiphulaphuleni, nina balandela emva kobulungisa. Khangelani kwiliwa enaqetshulwa kulo, kwaye nakumngxuma womhadi lowo nanombiwe kuwo.

2 Khangelani kuAbraham, uyihlo, kwaye nakuSara, lowo wanizalayo; kuba ndambiza yedwa, kwaye ndamsikelela.

3 Kuba iNkosi iya kuyithuthuzela iZiyon, iya kuyithuthuzela yonke imiqwebedu yayo; kwaye ayenze intlango yayo ifane ne-Eden, kwaye nenkqantosi yomyezo yayo ifane nomyezo weNkosi. Ukugcoba, novuyo kuya kufumaneka kuyo, ukunika imibulelo nesandi selizwi lwengoma.

4 Ndiphulaphuleni, bantu bam; kwaye ndinikeni indlebe, Owu sizwe sam; kuba umthetho uya kuphuma uvela kum, kwaye ndiya kusenza isigwebo sam sibe njengesibane sabo abantu.

5 Ubulungisa bam bukufuphi; usindiso lwam luze ngaphambili, kwaye ingalo yam iya kubagweba abantu. Iziqithi ziya kundikhonza, kwaye baya kuthembela kwingalo yam.

6 Phakamiselani amehlo enu emazulwini, kwaye nikhangele ezantsi emhlabeni; kuba amazulu aya kuthi shwaka njengomsi, kwaye umhlaba uya kuguga njengesambatho; kwaye abo bawuhleliyo baya kufa kwangolo hlobo. Kodwa usindiso lwam luya kuba ngonaphakade, kwaye ubulungisa bam abuyi kubhangiswa.

7 Ndiphulaphuleni, nina nibaziyo ubulungisa, abantu endithe ndawubhala ezintliziyweni zabo umthetho wam, maze ningaloyiki ungcikivo lwabantu, ningazoyiki nazo izenyeliso zabo.

8 Kuba amanundu aya kubadla abagqibe njengesambatho, kwaye nempehla iya kubadla njengoboya. Kodwa ubulungisa bam buya kuba ngonaphakade, kwaye usindiso lwam lusuke kwisizukulwana ukuya kwisizukulwana.

9 Vuka, vuka! Vatha ukomelela, Owu ngalo yeNkosi; vuka nje ngemihla yamandulo. Akunguye na lowo owaxabela uRahabhi, waze wayosela inamba enkulu?

10 Akunguye na lowo walomisayo ulwandle, amanzi enzulu enkulu; lowo wenza iinzulu zolwandle zayindlela ukuze abahlawulelweyo bawelele ngaphaya?

11 Ke ngoko, abakhululiweyo beNkosi baya kubuya, kwaye beze bevuma ingoma yeZiyon; novuyo lwanaphakade nobungcwele buya kuhlala phezu kweentloko zabo; kwaye baya kuzuza ukugcoba novuyo; usizi nokuzila ziya kubaleka zimke.

12 Ndinguye, ewe, ndinguye okuthuthuzelayo. Qaphela, ungubani na wena, ukuba ungoyika umntu, oya kuthi afe, kwaye nonyana womntu, oya kuthi enziwe abe njengengca?

13 Uze uyilibale iNkosi umenzi wakho, eyathi yawolula amazulu, yaza yazibeka iziseko zomhlaba, kwaye woyika ngalo lonke ixesha imihla yonke, ngenxa yoburhalarhume bombandezeli, ngokungathi sele elungele ukutshabalalisa? Kwaye buphi uburhalarhume bombandezeli?

14 Umthinjwa oselubhacweni uyakhawuleza, ukuze akhululwe, kwaye nokuba aze angafeli emhadini, nokokuba isonka sakhe singapheli.

15 Kodwa ndiyiyo iNkosi uThixo wakho, emaza ayo agqumayo; iNkosi yeMikhosi ligama lam.

16 Kwaye ndiwabekile amazwi am emlonyeni wakho, kwaye ndikugqumile esithunzini sezandla zam, ukuze ndilime amazulu kwaye ndibeke iziseko zomhlaba, ndize ndithi kuyo iZiyon: Qaphelani, ningabantu bam.

17 Vuka, vuka, phakama, Owu Yerusalem, ethe yasela esandleni seNkosi indebe yoburhalarhume bayo—usele intlenge yendebe eyoyikekayo ikhanyiwe—

18 Kwaye kungekho namnye umkhokelayo phakathi kwabo bonke oonyana athe wabazala; kungekho namnye othe wamthabatha ngesandla, kubo bonke oonyana athe wabakhulisa.

19 Aba babini oonyana baze kuwe, ngubani na oya kuba nosizi nguwe—kukudakumba kwakho nentshabalalo, nendlala nekrele—kwaye ngubani na endiya kukuthuthuzela ngaye?

20 Oonyana bakho bawe isiduli, ngaphandle kwababini; balele ekungeneni kwazo zonke izitrato; njengenkunzi edlongodlongo emnatheni, bazele buburhalarhume beNkosi, kukukhalima koThixo wakho.

21 Ke ngoko yiva le nto ngoku, wena ubandezelekileyo, kwaye unxila, kwaye kungeyiyo iwayini:

22 Itsho njalo iNkosi yakho, iNkosi noThixo wakho ebacengelayo abantu bayo; qaphelani, ndiyithabathile esandleni senu indebe eyoyikekayo, intlenge yendebe yoburhalarhume bam; akusayi kuze uphinde uyisele kwakhona.

23 Kodwa ndiya kuyibeka ezandleni zabo banibandezelayo; abathi emphefumlweni wakho: Qubuda phantsi, ukuze sihambe sigqithe—kwaye wawubeka umzimba wakho njengomhlaba nanjengesitrato kwabo babehamba begqitha.

24 Vuka, vuka, vatha ukomelela kwakho, Owu Ziyon; vatha izambatho zakho ezibukekayo, Owu Yerusalem, isixeko esingcwele; kuba ukususela ngoku akusayi kuphinda kuze kuwe abangolukanga naba zinqambi.

25 Zivuthulule eluthulini; phakama, hlala phantsi, Owu Yerusalem; zikhulule kwizibophelelo zentamo yakho; Owu mthinjwa wentombi yayo iZiyon.