Izibhalo
2 Nifayi 9


Isahluko 9

UYakobi uchaza okokuba amaYuda aya kuhlanganiselwa kuwo onke amazwe awo esithembiso—Intlawulelo ihlawulela umntu ekuWeni—Imizimba yabafileyo iya kuvuka emangcwabeni, noomoya babo esihogweni naseparadesi—Iya kugwetywa—Intlawulelo isindisa ekufeni, esihogweni, kumtyholi, nasekuthuthumbeni okungenasiphelo—Amalungisa aya kusindiswa ebukumkanini bukaThixo—Izohlwayo zezono zikhankanyiwe—ONgcwele kaSirayeli ngumgcini wesango. Malunga 559–545 P.K.

1 Kwaye ngoku, bazalwana bam abathandekayo, ndizifundile ezi zinto ukuze nazi malunga neminqophiso yeNkosi athe wanqophisana ngayo kunye nayo yonke indlu kaSirayeli—

2 Athe wathetha ngayo kumaYuda, ngomlomo wabaprofeti abangcwele, kwanasekuqalekeni ukuhla, ukusuka kwisizukulwana ukuya kwisizukulwana, kude kufike ilixa lokuba beya kubuyiselwa kulo ibandla eliyinyani nomhlambi kaThixo; xa beya kuhlanganiselwa ekhaya kumazwe elifa labo, kwaye baya kuzinziswa kuwo onke amazwe abo esithembiso.

3 Qaphelani, bazalwana bam abathandekayo, ndizithetha kuni ezi zinto ukuze nibe nokugcoba, kwaye niziphakamisele phezulu iintloko zenu ngonaphakade, ngenxa yeentsikelelo eya kuthi iNkosi uThixo izithobe phezu kwabantwana benu.

4 Kuba ndiyazi ukuba niphengulule ngakumbi, abaninzi benu, ukuze nazi ngezinto ezisezayo; ngako oko ndiyazi ukuba niyayazi ukuba inyama yethu kufuneka iguge kwaye ife; nangona kunjalo, sikuyo imizimba yethu siya kumbona uThixo.

5 Ewe, ndiyazi ukuba niyayazi ukuba ngomzimba uya kuzibonakalisa kwabo baseYerusalem, apho sasivela khona; kuba kuyimfuneko ukuba kube phakathi kwabo; kuba kufanelekile ukuba uMdali omkhulu aziyekele abe phantsi komntu esenyameni, kwaye afele bonke abantu, ukuze bonke abantu babephantsi kwakhe.

6 Kuba njengoko ukufa kwehla phezu kwabo bonke abantu, ukuze kuzaliseke icebo lenceba loMdali omkhulu, kumele kubekho amandla ovuko, kwaye uvuko lumele luze emntwini ngenxa yokuwa; kwaye ukuwa kweza ngenxa yokona; kwaye ngenxa yokuba abantu bawa baye basikelwa ngaphandle kobuso beNkosi.

7 Ngako oko, kumele kube yintlawulelo engenamda—ngaphandle kokuba ibe yintlawulelo engenamda oku konakala akunako ukuvatha ukungonakali. Ngako oko, isigwebo sokuqala esehla phezu komntu bekuya kufuneka sihlale singenaxesha lasiphelo. Kwaye ukuba kunjalo, le nyama ibiya kulala phantsi ibole kwaye ivuthulukele kunina wayo umhlaba, ingaze ivuke.

8 Owu ubulumko bukaThixo, inceba yakhe nobabalo! Kuba qaphela, ukuba inyama ibingayi kuphinda ivuke oomoya bethu bebeya kuba phantsi kwalaa ngelosi yawayo yasuka phambi kobuso bukaThixo waNaphakade, yaza yaba ngumtyholi, ingaze iphinde ivuke.

9 Kwaye oomoya bethu bebeya kufana naye, kwaye sibe ngoomtyholi, iingelosi zomtyholi, size sivalelwe ngaphandle kubuso bukaThixo wethu, kwaye sihlale noyise wobuxoki, siselusizini, njengaye; ewe, kulowo wakhohlisa abazali bethu bokuqala, owathi wazimilisa okwesithunywa sokukhanya, kwaye aphembelele abantwana babantu kumayelenqe afihlakeleyo okubulala nazo zonke iintlobo zemisebenzi yobumnyama efihlakeleyo.

10 Owu obunjani ubulungisa boThixo wethu, osilungiselela indlela yokuphuncuka kwizandla zelo rhamncwa loyikekayo; ewe, elo rhamncwa, ukufa nesihogo, endikubiza ukufa komzimba, kananjalo ukufa komoya.

11 Kwaye ngenxa yendlela yentlangulo kaThixo wethu, oNgcwele kaSirayeli, oku kufa, endithethe ngako, okukokomzuzwana, kuya kubakhulula abafileyo bako; ukufa oko okulingcwaba.

12 Kwaye oku kufa ndithethe ngako, oku kukufa ngokomoya, kuya kubakhulula abafileyo bako; ukufa okukokomoya kusisihogo; ngako oko, ukufa nesihogo kumele kukhulule abafileyo bazo, kwaye isihogo kumele sikhulule abathinjwa baso bekumoya, kwaye nengcwaba limele likhulule abathinjwa balo bomzimba, kwaye imizimba noomoya babantu baya kubuyiselwa omnye komnye; kwaye kungamandla ovuko lwakhe oNgcwele kaSirayeli.

13 Owu ukuba likhulu kwecebo loThixo wethu! Kuba kwelinye icala, iparadesi kaThixo kumele ikhulule oomoya bamalungisa, kwaye nengcwaba likhulule imizimba yamalungisa; kwaye umoya womzimba ubuyiselwe kuwo kwakhona, baze bonke abantu babe nokungonakali, kwaye bangabi nakufa, kwaye bayimiphefumlo ephilayo, benolwazi olugqibeleleyo benjengathi enyameni, ngaphandle nje kokuba ulwazi lwethu luya kugqibelela.

14 Ngako oko, siya kuba nolwazi olugqibeleleyo lwawo onke amatyala ethu, nokungacoceki kwethu, nobuze bethu; kwaye amalungisa aya kubanolwazi olugqibeleleyo ngolonwabo lwawo, nobulungisa bawo, bembathiswe ubunyulu, ewe, kwa nangaso isambatho sobulungisa.

15 Kwaye kuya kwenzeka ukuba xa abantu bonke beya kube bedlule koku kufa kokuqala baye ebomini, ngenxa yokuba beye bangabi nakufa, kumele bavele phambi kwesihlalo sokugweba soNgcwele kaSirayeli; kuze ke kufike umgwebo, kwaye ke kufuneka bagwetywe malunga nomgwebo ongcwele kaThixo.

16 Kwaye ngokuqinisekileyo, njengoko iNkosi iphila, kuba iNkosi uThixo iyithethile, kwaye ililizwi lakhe lanaphakade, elingenakudlula, lokuba abo bangamalungisa baya kuhlala besengamalungisa, kwaye abo banyhuku-nyhuku baya kuhlala besenyhuku-nyhuku; ngako oko, abo banyhuku-nyhuku bangumtyholi neengelosi zakhe; kwaye baya kuhamba baye kuphoswa emlilweni wanaphakade, olungiselelwe bona; kwaye nentuthumbo yabo injengedike lomlilo nesalfure, edangatya layo linyukela phezulu ngonaphakade kanaphakade kwaye alinasiphelo.

17 Owu ubukhulu nobulungisa bukaThixo wethu! Kuba uya wafezekisa amazwi akhe, kwaye aphume emlonyeni wakhe, kwaye umthetho wakhe kumele uzaliseke.

18 Kodwa, qaphela, amalungisa, abangcwele bakhe oNgcwele kaSirayeli, abo bathi bakholwa kuye oNgcwele kaSirayeli, abo bathe bayinyamezela iminqamlezo yehlabathi, kwaye balicekisa ihlazo lalo, baya kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo, obabulungiselelwe bona ukususela kwisiseko sehlabathi, kwaye uvuyo lwabo luya kuzaliseka ngonaphakade.

19 Owu ubukhulu benceba kaThixo wethu, oNgcwele kaSirayeli! Kuba uyabakhulula abangcwele bakhe kwelo rhamncwa loyikekayo umtyholi, nokufa, nesihogo, kwaye nelo dike lomlilo nesalfure, eliyintuthumbo engenasiphelo.

20 Owu ubukhulu bobungcwele boThixo wethu! Kuba uyazazi zonke izinto, kwaye akukho nanye into angayaziyo.

21 Kwaye uza ehlabathini ukuze abe nokusindisa bonke abantu ukuba baya kuliphulaphula ilizwi lakhe; kuba qaphelani, unyamezela iintlungu zabantu bonke, ewe, iintlungu zazo zonke izidalwa eziphilayo, bekunye amadoda, abafazi, nabantwana abangabosapho luka-Adam.

22 Kwaye ukunyamezela oku ukuze uvuko luze phezu kwabo bonke abantu, ukuze bonke babe nokuma phambi kwakhe ngomhla omkhulu womgwebo.

23 Kwaye uyalela bonke abantu ukuba baguquke, kwaye babhaptizwe egameni lakhe, benokholo olugqibeleleyo kuye oNgcwele kaSirayeli, okanye abanako ukusindiswa ebukumkanini bukaThixo.

24 Kwaye ukuba abaguquki baze bakholelwe egameni lakhe, baze babhaptizwe egameni lakhe, baze banyamezele kude kube sekupheleni, kumele bagwetywe; kuba iNkosi uThixo, oyiNgcwele kaSirayeli, iyithethile.

25 Ngako oko, unike umthetho; kwaye apho kunganikwanga mthetho akukho sohlwayo sinikwayo; kwaye apho kungekho sohlwayo akukho sigwebo; kwaye apho kungekho sigwebo iinceba zakhe oyiNgcwele kaSirayeli zinebango phezu kwabo, ngenxa yentlawulelo; kuba bahlangulwe ngamandla akhe.

26 Kuba intlawulelo izalisekisa iimfuno zobulungisa phezu kwabo bonke abo bangenawo umthetho abawunikiweyo, ukuze bakhululwe kwelo rhamncwa loyikekayo, ukufa nesihogo, nomtyholi, nedike lomlilo nesalfure, eliyintuthumbo engenasiphelo; kwaye babuyiselwa kulaa Thixo owabanika umphefumlo, onguye oyiNgcwele kaSirayeli.

27 Kodwa yeha kulowo uwunikiweyo umthetho, ewe, onayo yonke imiyalelo kaThixo, njengathi, kwaye lowo uyophulayo, kwaye nalowo uyichithayo imihla yakhe yokulingwa, kuba iyoyikeka imo yakhe!

28 Owu elo cebo lobuqhetseba longendawo! Owu ukuba lilize, kwaye nobuthathaka, kwaye nobuyatha babantu! Xa sukuba befundile bacinga ukuba banobulumko, kwaye bangaliphulaphuli icebiso likaThixo, kuba balibekela ecaleni, becinga ukuba bayazazela, ngako oko, ubulumko babo bubuyatha kwaye obungenaluncedo kubo. Kwaye baya kutshabalala.

29 Kodwa ukuba ngabafundileyo kulungile, ukuba baya ziphulaphula iingcebiso zikaThixo.

30 Kodwa yeha kwabo bazizityebi, abazizityebi ngokwezinto zehlabathi. Kuba ngenxa yokuba bezizityebi bayabacekisa abangamahlwempu, kwaye babatshutshise abanobulali, kwaye iintliziyo zabo ziphezu kobutyebi babo; ngako oko, ubutyebi babo bunguthixo wabo. Kwaye qaphela, ubutyebi babo buya kutshabalala kunye nabo kanjalo.

31 Kwaye yeha kwabo bazizithulu abangafuniyo ukuva; kuba baya kutshabalala.

32 Yeha kwabo bazimfama abangafuniyo ukubona; kuba baya kutshabalala kanjalo.

33 Yeha kwabo bangolukanga ngentliziyo, kuba ulwazi lobugwenxa babo luya kubatshabalalisa ngomhla wokugqibela.

34 Yeha kuye olixoki, kuba uya kuphoswa ezantsi esihogweni.

35 Yeha kulowo ungumbulali obulala ngabom, kuba uya kufa.

36 Yeha kubo abo benza uhenyuzo, kuba baya kuphoswa ezantsi esihogweni.

37 Ewe, yeha kubo abo banqula izithixo, kuba umtyholi wabatyholi uya vuyiswa ngabo.

38 Kwaye, lilonke, yeha kubo bonke abafela ezonweni zabo; kuba baya kubuyela kuThixo, kwaye babubone ubuso bakhe, baze bahlale besezonweni zabo.

39 Owu, bazalwana bam abathandekayo, khumbulani ukoyikeka kokona ngokuchasene naloo Thixo uNgcwele, kwaye kanjalo ukoyikeka kokuziyekela ekulukuhlweni ngulowo unobuqhinga. Khumbulani, ukucinga ngokwenyama kukufa, kwaye ukucinga ngokomoya bubomi obungunaphakade.

40 Owu, bazalwana bam abathandekayo, nikani indlebe kuwo amazwi am. Khumbulani ubungangamsha bakhe oNgcwele kaSirayeli. Musani ukuthi ndithethe izinto ezinzima ngokuchasene nani; kuba ukuba nenza njalo, niya kuyinyelisa inyaniso; kuba ndithethe amazwi oMenzi wenu. Ndiyazi ukuba amazwi enyaniso anzima kuko konke okungacocekanga; kodwa abangamalungisa abawoyiki, kuba bayayithanda inyaniso kwaye abagungqi.

41 Owu ke, bazalwana bam abathandekayo, yizani kuyo iNkosi, eyiNgcwele. Khumbulani ukuba iindlela zakhe zibubulungisa. Qaphelani, indlela yomntu icuthene, kodwa ihleli emendweni othe tye phambi kwakhe, kwaye umgcini wesango nguye oNgcwele kaSirayeli; kwaye akabekanga sicaka kulo; kwaye ayikho enye indlela ngaphandle kokuba kube kungesango; kuba akanakukhohliswa, kuba iNkosi uThixo ligama lakhe.

42 Kwaye lowo unkqonkqozayo, uya kuvulelwa; kwaye izilumko, nabafundileyo, nabo bazizityebi, abazikhukhumalisayo ngenxa yemfundo yabo, nobulumko babo, nobutyebi babo—ewe, ngabo abo abacekisayo; kwaye ngaphandle kokuba baziphosele kude ezi zinto, kwaye bazijonge ngokwezidenge phambi koThixo, kwaye bahlele ezantsi ebunzulwini bentobeko, akasayi kubavulela.

43 Kodwa izinto zezilumko nabo bazilumkeleyo ziya kufihlwa kubo ngonaphakade—ewe, olo lonwabo luthe lwalungiselelwa abangcwele.

44 Owu, bazalwana bam abathandekayo, khumbulani amazwi am. Qaphelani, ndiyazikhulula izambatho zam, kwaye ndiyazivuthulula phambi kwenu; ndithandaza uThixo wosindiso lwam ukuba andikhangele ngeliso lakhe elibona konke; ngako oko, niya kuthi nazi ngomhla wokugqibela, xa sukuba bonke abantu beya kugwetywa ngokwemisebenzi yabo, okokuba uThixo kaSirayeli wangqina ukuba ndabuvuthulula ubugwenxa benu emphefumlweni wam, kwaye nokokuba ndime ndinenkazimlo phambi kwakhe, kwaye ndimsulwa egazini lenu.

45 Owu, bazalwana bam abathandekayo, zifulatheleni izono zenu; niwavuthulule amatyathanga alowo onokunibophelela aniqinise; yizani kuloo Thixo uliliwa losindiso lwenu.

46 Yilungiseni imiphefumlo yenu niyilungiselela loo mini izukileyo xa ubulungisa buya kunikezelwa kumalungisa, kwanawo umhla womgwebo, ukuze ningabi nakufinyela luloyiko olukhulu; ukuze ningalikhumbuli ngokugqibeleleyo ityala lenu eloyikekayo, nize ninyanzeleke ukuba nidanduluke: Zingcwele, zingcwele izigwebo zakho, Owu Nkosi Thixo Somandla—kodwa ndiyalazi ityala lam; ndawophula umthetho wakho, kwaye iziphoso zam zezam; kwaye umtyholi ebendifumene, ukuze ndibe lixhoba losizi lwakhe oloyikekayo.

47 Kodwa qaphelani, bazalwana bam, ingaba na kuyimfuneko ukuba ndinivusele kubunyani oboyikisayo bezi zinto? Bendingayihlupha imiphefumlo yenu ukuba iingcinga zenu bezimsulwa? Bendinganicacisela malunga nokucaca kwenyaniso ukuba benikhululwe esonweni?

48 Qaphelani, ukuba nibe ningcwele bendiya kuthetha nani ngobungcwele; kodwa njengokuba ningekho ngcwele, kwaye nikhangele kum njengo titshala wenu, kumele ukuba kube yimfuneko ukuba ndinifundise iziphumo zesono.

49 Qaphelani, umphefumlo wam usithiyile isono, kwaye intliziyo yam iyavuyiswa bubulungisa; kwaye ndiya kulidumisa igama elingcwele likaThixo wam.

50 Yizani, bazalwana bam, nonke nina ninxaniweyo, yizani emanzini; kwaye lowo ungenayo imali, makeze athenge kwaye atye; ewe, uthenge iwayini nobisi ngaphandle kwemali nangaphandle kwexabiso.

51 Ngako oko, musani ukusebenzisa imali kuloo nto ingenaxabiso, okanye umsebenzi wakho ngaloo nto ingenako ukukwanelisa. Ndiphulaphuleni ngenkuthalo, kwaye niwakhumbule amazwi endiwathethileyo; kwaye nize kuye oNgcwele kaSirayeli, kwaye nizondle ngoko kungaboliyo, nokungena konakaliswa, kwaye niyenze imiphefumlo yenu ikuvuyele ukutyeba.

52 Qaphelani, bazalwana bam abathandekayo, khumbulani amazwi oThixo wenu; thandazani kuye amaxesha onke ngemini, kwaye ninikele imibulelo kulo igama lakhe elingcwele ngobusuku. Mazivuye iintliziyo zenu.

53 Kwaye nikubone ukuba mikhulu kweminqophiso yeNkosi, nokuba kukhulu kweentobeko zakhe kubantwana babantu; nangenxa yobungangamsha bakhe, yobabalo lwakhe nenceba yakhe, usithembisile ukuba imbewu yethu ayisayi kutshatyalaliswa kuphele, ngokwasenyameni, kodwa uya kuyilondoloza; nakwizizukulwana ezizayo iya kuba lisebe elinobulungisa kuyo indlu kaSirayeli.

54 Kwaye ngoku, bazalwana bam, ndinga ndingathetha ngokungakumbi nani; kodwa ngengomso ndiya kunichazela intsalela yamazwi am. Amen.