Uncedo lweZifundo
13. Ndlu eNkulu eNauvoo


13. Ndlu eNkulu eNauvoo

Umfanekiso
ifoto 13

UJoseph Smith Omnci. nosapho lwakhe bafudukela kwiNdlu eNkulu eNauvoo ngoAgasti 1843. Kamva iphiko longezwa kwicala lasempumalanga lesakhiwo esiyintloko ukwenza isiphumo samagumbi angama-22. Ekuqalekeni kuJanuwari 1844, uEbenezer Robinson wongamela indlu njengehotele, weza uMprofeti wagcinela amagumbi amathandathu usapho lwakhe. Indlu yasebenza nook njengombindi woluntu lwaseNauvoo. Izihlonitshwa ezibalulekileyo zazisamkelelwa apha nguMprofeti.

Izehlo eziBalulekileyo: NgoJuni 27, 1844, uMprofeti uJoseph nomkhuluwa wakhe uHyrum badutyulwa baze babulawa eCarthage, eIllinois, kwaye imizimba yabo yaziswa kule ndlu ukuze ingcwatywe phambi komcwabo. Bangcwatyelwe kumhlaba wamangcwaba wosapho omncinane kanye ngaphesheya kweMain Stalato, entshonalanga kwekhaya elakhiwe ngeziqu ezidala zemithi uJoseph awayehlala kulo xa wayeqala ukufika eNauvoo. UEmma Smith wahlala kwiNdlu eNkulu kwada kwaba ngowe-1871. Ngoko ke wafudukela kwiNdlu yaseNauvoo, apho wafa ngowe-1879.