Uncedo lweZifundo
18. Tempile iSalt Lake


18. Tempile iSalt Lake

Umfanekiso
ifoto 18

ITempile iSalt Lake, imbonakalo esukela emntla-mpuma. Emva kweentsuku ezimbalwa iqela loovulindlela labaNgcwele beMihla yokuGqibela bangenayo kwiNtlambo iSalt Lake, uMongameli uBrigham Young wabetha umhlaba ngomsimelelo wakhe waza wabhengeza, “Apha siya kwakhela uThixo wethu itempile.” Umhlaba waqhekezwa ngoFebruwari 14, 1853. NgoAprili 6, 1853, amatye embombo abekwa. Itempile yagqitywa yaza yangcwaliswa kwiminyaka engama-40 emva koko ngoAprili 6, 1893. UBumongameli boKuqala neKhoram yaBapostile abaLishumi elineSibini bahlangana apha qho ngeveki becinga nzulu kwaye befuna isikhokelo seNkosi ekulungiseleleni nasekwakheni ubukumkani bukaThixo.

Izehlo eziBalulekileyo: INkosi ithe yanika apha ooMongameli beBandla nabanye abasemaGunyeni Jikelele ukuthululwa komoya wesityhilelo, kubandakanya ISibhengezo esiseMthethweni 2. Kufutshane ngakumbi, uBumongameli boKuqala neQumrhu laBapostile abaLishumi elineSibini ngamxhelo mnye bavumelana baza bapapasha “Usapho: ISibhengezo esiya eLizweni.” Imimiselo yetempile eyenzelwa kunye abaphilileyo nabafileyo ithe yasikelela ubomi bezigidi.