Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 111


Icandelo 111

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eSalem, eMassachusetts, Agasti 6, 1836. Ngeli xesha iinkokeli zeBandla zazisetyaleni kakhulu ngenxa yemisebenzi yazo ebufundisini. Zisiva ukuba isambuku esikhulu semali siya kufumaneka kubo eSalem, uMprofeti, uSidney Rigdon, uHyrum Smith, no-Oliver Cowdery bahamba apho ukusuka eKirtland, eOhio, besiya kuphanda eli bango, kunye nokushumayela ivangeli ecaleni. Abazalwana bathengisa izinto eziliqela zeshishini leBandla baza benza nokushumayela okuthile. Xa kwacaca ukuba akukho mali yayiza kuza ngaphambili, babuyela eKirtland. Amanqaku aliqela abalulekileyo endaweni engemva agqama emazwini esi sityhilelo.

1–5, INkosi ijonga kwiimfuno zenyama zezicaka Zayo; 6–11, Iya kusebenzana neZiyon ngenceba ize ilungelelanise zonke izinto ngokulungele izicaka Zayo.

1 Mna, iNkosi uThixo wenu, ndikholisekile lolu hambo lwenu luzayo, nangona nineempazamo zenu.

2 Ndinobutyebi obuninzi kwesi sixeko obubobenu, ngenxa yokulungiselela iZiyon, nabantu abaninzi kwesi sixeko, abo ndiya kubahlanganisa ngexesha elifanelekileyo ngenxa yokulungiselela iZiyon, ngoncedo lwenu.

3 Ke ngoko, kufanelekile okokuba nakhe ubudlelane nabantu kwesi sixeko, njengoko niya kukhokelwa, nanjengoko kuya kunikelwa kuni.

4 Kwaye kuya kwenzeka ngexesha elifanelekileyo okokuba ndiya kunikela esi sixeko ezandleni zenu, kuba niya kuba namandla phezu kwaso, njengokuba bengayi kubhaqa ndawo zenu zifihlakeleyo; ngokuphathelele egolideni nesilivere ziya kuba zezenu nobutyebi baso.

5 Musani ukuzixhalisa ngamatyala enu, kuba ndiya kuninika amandla okuwahlawula.

6 Musani ukuzixhalisa ngeZiyon, kuba ndiya kusebenzana nayo ngenceba.

7 Hlalani kule ndawo, nakwiingingqi ezingqongileyo;

8 Kwaye indawo leyo yintando yam okokuba nihlale kuyo, ngakumbi, kuya kwenziwa ngomqondiso kuni woxolo namandla oMoya wam, oya kuqukuqela kuni.

9 Le ndawo inokuzuzwa ngengqesho. Kwaye buzani ngenkuthalo ngokunxulumene nabemi bamandulo ngakumbi nabaseki besi sixeko;

10 Kuba kukho ubutyebi benu obungaphezulu kunobunye kwesi sixeko.

11 Ke ngoko, lumkani njengeenyoka kwaye ningabi nasono; kwaye ndiya kuyalela zonke izinto ngokulungele nina, ngokukhawuleza njengoko ninako ukuzamkela. Amen.