Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 65


Icandelo 65

Isityhilelo ngomthandazo sinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eHiram, eOhio, Oktobha 30, 1831.

1–2, Izitshixo zobukumkani bukaThixo zinikelwe ebantwini emhlabeni, kwaye injongo yevangeli iya koyisa; 3–6, Ubukumkani bemileniyam bezulu buya kuza buze budibanise ubukumkani bukaThixo emhlabeni.

1 Phulaphulani, kwaye yabonani, ilizwi elinjengomnye othunyelwe ezantsi evela phezulu, onamandlakazi kwaye enamandla, okuhambela kwakhe phambili kuse eziphelweni zomhlaba, ewe, ozwi lakhe lisebantwini—Tyenenezani indlela yeNkosi, yenzani iindlela zayo zithi tye.

2 Izitshixo zobukumkani bukaThixo zinikelwe ebantwini emhlabeni, kwaye ukususela ngoku ivangeli iya kudlulela phambili kwiziphelo zomhlaba, njengelitye elithwetyulwe entabeni kungengazandla lisiya kuqengqelekela phambili, kude kube lizalise wonke umhlaba.

3 Ewe, ilizwi elimemezayo—Tyenenezani indlela yeNkosi, lungiselelani nina isidlo seMvana, senzeni sihlale silungele uMyeni.

4 Thandazani eNkosini, bizani egameni layo elingcwele, yenzani kwazeke imisebenzi yayo emangalisayo phakathi kwabantu.

5 Bizani eNkosini, ukuze ubukumkani bayo bube nokuhambela phambili phezu komhlaba, ukuze abemi bawo babufumane, baze balungele imihla ezayo, kuyo kuya kuza uNyana woMntu esihla ezulwini, evathe ukuqaqamba kobuqaqawuli bakhe, ekhawulela ubukumkani bukaThixo obucwangciswe emhlabeni.

6 Ngako oko, bunga ubukumkani bukaThixo bungahambela phambili, ukuze ubukumkani bezulu bube nokuza, ukuze wena, Owu Thixo, ube nokuzukiswa ezulwini njalo nasemhlabeni, ukuze iintshaba zakho zibe nokoyiswa; kuba imbeko yeyakho, amandla nozuko, ngonaphakade kanaphakade. Amen.