Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 26


Icandelo 26

Isityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti, uOliver Cowdery, noJohn Whitmer, eHarmony, ePennsylvania, Julayi 1830 (bona isihloko secandelo 24).

1, Bayalelwa ukuba bafunde nzulu izibhalo kwaye bashumayele; 2, Umthetho wesivumelwano esiqhelekileyo uyaqiniswa.

1 Qaphelani, ndithi kuni okokuba niya kwenza ixesha lenu linikelwe ekufundeni nzulu izibhalo, nasekushumayeleni, nasekuqiniseni ibandla eColesville, nasekwenzeni imisebenzi yenu enzima elizweni, njengoko kuyimfuneko, kude kubesemva kokuba niya kuya entshona ukuya kubamba inkomfa elandelayo; kwaye ngoku kuya kwenziwa ukuba kwaziwe oko niya kukwenza.

2 Kwaye zonke izinto ziya kwenziwa ngesivumelwano esiqhelekileyo ebandleni, ngomthandazo ongakumbi nokholo, kuba zonke izinto niya kuzifumana ngokholo. Amen.