IMbali yeBandla
Ukukhonza Abanye njengoko uKrestu Wenzayo


“Ukukhonza Abanye njengoko uKrestu Wenzayo,” Iimbali Zehlabathi: Zimbabwe (2022)

“Ukukhonza Abanye njengoko uKrestu Wenzayo,” Iimbali Zehlabathi: Zimbabwe

Ukukhonza Abanye njengoko uKrestu Wenzayo

USabbath Sibanda Maturure wazalwa ngowama 1952 eShurugwi enesifo esimqobayo esamenza ukuba angakwazi ukuhamba. Oodade wabo abathathu nabo bayifumana njengelifa imeko. Umama wabo, owaye nabantwana aba 11, wayebeleka uSabbath noodade wabo emqolo ngamnye ngamnye ukuya emasimini aluhlaza ukuze babe yinxalenye yemisebenzi eyenziwa lusapho.

Xa wayeneminyaka esibhozo ubudala, uSabbath wasiwa kwiziko elihlala abantu abakhubazekileyo kwaBulawayo, elibizwa ngokuba yiJairos Jiri, elalibonelela ngemfundo nengqesho kubantu abaneziphene. Wazifumanisa ukuba unetalente yokupeyinta. Eli ziko lalithengisa imizobo nemisebenzi yezandla eveliswe ngabahlali kwimiboniso nasevenkileni.

Njengomtsha, wadibana nomfundisi wevangeli ongumKrestu oselula ogama linguWendy komnye umboniso onjalo. UWendy wamxelela yena, “UThixo uyakuthanda.” Wakhomba izinto ezinje zazilula kuye ukuzithetha: “Khangela, ukrelekrele, unxibe kakuhle. Uyakwazi ukuhamba”. Kule nto, waphendula, “Kodwa, Sabbath, uyakwazi ukupeyinta. Mna andinakwazi.”

Emva koko uSabbath waphanda ngobuKrestu. Ecaweni weva umshumayeli ethetha ngoKrestu, uMalusi Olungileyo. USabbath wazibuza yena ukuba, naye, wayengomnye womhlambi kaKrestu. “Impendulo yafika kum, ukuba ndandingomnye wezimvu zeNkosi, kwaye ndimele ndilive ilizwi likaThixo.”

Ekugqibeleni uSabbath wadibana nomhlobo kadade wabo uSusan Ndaizivei Mubvumbi,umlingani ongumhlali kwiziko. Bagqiba ukuba batshate ngo 1975. Ukuze ahlawulele umtshato, uSabbath wathengisa imizobo yakhe emininzi. Oodade wabo kananjalo bakhrowusha kwaye bathunga ukuze bancedise ekuqokeleleni imali.

Ngoka 1986, uSusan wayesebenza kwivenkile yaseJairos Jiri edolophini, apho wathetha noMdala uBoyd Lake, umfundisi wevangeli wabaNgcwele beMihla yokuGqibela. Wammema yena noDade uHelen Lake ukuba bafundise usapho lwakhe. Kungekudala uSusan noSabbath bagqiba ukuba babhaptizwe. Baba ziintsika zeSebe laseNguboyenja elasekwa ngo 1988.

Isebe lalihlanganela kwiholo enkulu eJairos Jiri. Uninzi lwamalungu alo yayingabahlali beziko. Ukususela ngo 1989 de kwasekufeni kwakhe ngo 1998, uSabbath wakhonza njengomongameli wesebe. Amalungu amaninzi esebe azizithulu anikela ubungqina bawo ngentetho yezandla, enza iinguqulelo ezicacileyo zezandla zamaculo afana no “Ndingumntwana KaThixo,” nemidlalo edlalwayo eyenza umdlalo wokuZalwa nebali likaJoseph Smith. Ukuxhasa ngemali imisebenzi yesebe, izixhobo zeseminari, nokuhamba, amalungu ashishinayo athengisa ii-orenji “nezinqululiweyo” (iimvuthuluka zelaphu ezivela kwimizi-mveliso).

“Xa ndijonga ubomi bam,” uSabbath wacinga, “Ndiyaqonda ukuba eyona nto ibuhlungu umntu anokudibana nayo kukucinga ukuba unokwenza yonke into ngokwakhe. Kodwa ukususela ngoko ndinikezele yonke into kuKrestu. Ukuba ndineengxaki, ndiye nje ndizinikele zona kuye.”

USabbath, uSusan, neentombi zabo ezintathu—uBlessings, uSukoluhle, noHelen—batywinwa kwiTempile yaseRhawutini eMzantsi Afrika ngo 1992. Ekupheleni kosuku ngalunye, uSusan noSabbath babehlanganisa usapho lwabo ukuze bathandaze ukuze babulele kwaye bacele ulwalathiso. “Ukuba sinazo izakhono nezinjani, kwaye akukhathaliseki nokuba zibonakala ncinane kangakanani na, kuThixo zibalulekile,” watsho uSabbath. “Zinikele zona kuye ukukhonza abanye, njengoko uKrestu wenzayo.”