IMbali yeBandla
Zimbabwe: Isishwankathelo


“Zimbabwe: Isishwankathelo,” Iimbali Zehlabathi: Zimbabwe (2022)

“Zimbabwe: Isishwankathelo,” Iimbali Zehlabathi: Zimbabwe

Umfanekiso
imaphu yaseZimbabwe

IMBali yeBandla

eZimbabwe

Umhlaba omhle waseZimbabwe ubelikhaya labaNgcwele beMihla yokuGqibela ukusukela ngeminyaka yoo 1930. Kumashumi eminyaka yokuqala yokusekwa kweBandla, abemi baseYurophu babehamba imigama emide ukuze badibane kunye kumaziko afana neSalisbury (kamva eyaba yiHarare), neBulawayo, neGweru kwaye ngamathuba athile bethabatha uhambo olude ngakumbi ukubakhona kwiinkomfa zebandla eMzantsi Afrika.

Ukususwa kwemiqathango yobuhlanga yokuba nenxaxheba kwiBandla ngo1978 kwazisa ixesha lenguqulelo. AbaNgcwele beMihla yokuGqibela abaneemvelaphi ezahlukeneyo bazabalazela ukudala indawo yomanyano phakathi kweengxwabangxwaba zobuhlanga nezopolitiko. Ngeminyaka yoo 1980 no 1990, iBandla lakhula phakathi kwabemi baseZimbabwe abathetha isiShona nesiNgesi. Ngo 1999, iNcwadi kaMormoni yapapashwa ngesiShona nengingqi yokuqala eZimbabwe yasekwa eHarare. Ngamaxesha obunzima, abaNgcwele beMihla yokuGqibela bafikelela kwiinethewekhi zebandla ukuxhasana.

Ukuqala ngo 1985, abaNgcwele beMihla yokuGqibela bahamba baya eRhawutini beyela imimiselo yetempile. Ngo 2020 kwahlatywa isoyi yeTempile yaseHarare Zimbabwe.

Ukomelela nokunyamezela kwabaNgcwele beMihla yokuGqibela eZimbabwe, ngokukhatshwa ziziqhamo ezilungileyo zemigudu yabo, kuzisa engqondweni isithembiso soMsindisi: “Banoyolo abalambela banxanelwe ubulungisa: ngokuba baya kuhluthiswa bona” (Mateyu 5:6).

Iinkcukacha eziKhawulezayo

Igama Elisemthethweni: IRiphablikhi yaseZimbawe/Nyika yeZimbabwe/Ilizwe leZimbabwe/Dziko la Zimbabwe/Nyika ye Zimbabwe/Hango yeZimbabwe/Zimbabwe Nù/Inyika yeZimbabwe/Tiko ra Zimbabwe/Naha ya Zimbabwe/Cisi ca Zimbabwe/Shango ḽa Zimbabwe/Ilizwe lase-Zimbabwe

Esikhulu Harare

Isixeko Esikhulu: Harare

Iilwini Ezisemthethweni: IsiNgesi, isiShona, isiNdebele, isiChewa, isiChibarwe, isiKalanga, isiKoisan, isiNambya, isiNdau, isiShangani, isiSotho, isiTonga, isiTswana, isiVenda, nesiXhosa.

Ummandla woMhlaba: 386,847 km2 (240,376 mi2)

Ummandla weBandla: Afrika eMzantsi

IiMishini: 2 (Harare neBulawayo)

Amabandla: 91

IiTempile: 1 (Harare)