2012
Embindini wolungiselelo lwakho lokuba nguMfundisi.
Julayi 2012


ulutsha

Embindini wolungiselelo lwakho Lokuba nguMfundisi weMinyaka Emibini

UMongameli Uchtdorf uchazela abefundisi ukuba bazibone besembindini wobufundisi babo. Ungasebenzisa lombono kulungiselelo lwakho lokuya ebufundisini: nokuba uneminyaka eyi 12 okanye eyi 18, ungazilungiselela ukuya ebufundisini.

Zeziphi ezinye zezinto ongazenza “phakathi embindini” wokulungiselela ukuba ngumfundisi?

  • Soloko ufanelekile ukuya etempileni.

  • Funda ukubona iimpembelelo ezivela kuMoya oyiNgcwele ngokubhala phantsi iimpembelelo zakho kwaye uzilandele.

  • Thandazela abefundisi beminyaka emibini.

  • Cela abafundisi abasengingqini yakho ukuba bakucebise ngokufanele ukwenze ukulungiselela ukuya ebufundisini.

  • Funda ukugcina ukuphatha ixesha lakho kakuhle, kunye neenkqubo ezibalulekileyo ezifana nokubaluncedo, ukufunda izibhalo ezingcwele, kwaye nokubhala kwidayari okanye ijenali.

  • Xa uthetha nelungu losapho, yabelana nalo ngesibhalo esingcwele osithandileyo kamva nje. Cacisa okucingayo ngesi sibhalo singcwele.

  • Buza iitshomi zakho ngeenkolo zabo kwaye nabakholelwa kuko. Yiba nomdla nolangazelelo lokwabelana ngeenkolelo yakho. Bameme ecaweni okanye kwii nkqubo zecawa.

Njengokuba ubona ukuba uphakathi embindini wobufundisi bakho, ungaphila ubomi bakho ukuze bufanele ukuthenjwa nguYesu kwaye nobuqabane bomoya.