2012
Soloko kuphakathi eMbindini
Julayi 2012


Umyalezo wesiMongameli Sokuqala, Julayi 2012

Soloko kuphathi eMbindini

Umfanekiso
NguMongameli Dieter F. Uchtdorf

Ngokwee khalenda ezininzi zehlabathi, uJulayi uchaza umbindi wonyaka cacileyo. Ngelixesha iziqalo kwakunye neziphelo zezinto zibhiyozelwayo kwaye zikhunjulwayo, umbindi wezinto wona awuqwalaselwa awuhoywa.

Iziqalo ngamaxesha okwenza izisombululo, okudala amacebo, ngowamandla ongezelekileyo. Iziphelo ngamaxesha okuvala kwaye adibene neemvakalelo ezininzi zokugqiba izinto okanye zokulahlekelwa. Kodwa xa sizimisela kwindlela yethu yokujonga nokubona izinto, sizibone sisembindini wezinto kungasinceda singaboli kodwa siqonde ubomi ngcono sibe nentsingiselo yobomi.

UMbindi womsebenzi wabafundisi

Xa ndithetha nabafundisi beminyaka emibini abasebatsha elizweni, ndisoloko ndibaxelela ukuba baphakathi embindini wobufundisi babo. Nokuba basandul’ ukufika ngezolo okanye bazakugoduka ngengomso, ndiye ndibacele ukuba bacinge ngokungathi baphakathi embindini.

Abafundisi abatsha bangaziva ngathi abanawo amava okuba basebenze kakuhle, bazeke bathathe ixesha ukuthetha nokwenza ngokuzithemba nokukhalipha. Abafundisi abaqhele umsebenzi kwaye bekufutshane ukuba bagqibe ubufundisi babo bangaziva bebuhlungu xa ubufundisi babo busondele esiphelweni, okanye bacothe ngenxa yokuba bayazixakekisa ingqondo ngokuba bazakwenza ntoni emva kobufundisi beminyaka emibini.

Noba zithini na iimeko kwaye noba bakhonza phi na, inyaniso kukuba abafundisi beNkosi basoloko betyala inkitha yeembewu zeendaba ezimnandi. Xa bezicingela bodwa ukuba baphakathi nobufundisi babo leyonto iyakubaqinisa kwaye iyakubapha amandla wokuba babe zisebenzi ezithembekileyo zeNkosi. Njengokuba kunjalo kubafundisi beminyaka emibini, ke kunjalo nakuthi sonke.

Sisoloko Sisembindini

Le nguquko ngokwezimvo ingaphaya kokubhidanisa kwenqondo. Kukho inyaniso ekhazimlayo emva kwale ngcinga yokuba ‘sisoloko sisembindini’. Ukuba sijonga apho simikhona emephini, siyahendeka ukuba sithi sisekuqaleni. Kodwa ukuba siyajongisisa, naphina sisoloko sisembindini wendawo enkulu.

Njengokuba kunjalo endaweni,kwakunjalo nasexesheni. Singaziva ngathi sisekuqaleni okanye ekugqibeleni kobomi bethu, kodwa xa sijonga apho sikhoyo sithelekise nonaphakade—xa sibona ukuba umoya wethu wakhe waphila ixesha elide elingaphaya kwamandla wethu okubala nokulinganisa kwaye, ngenxa yomnikelo ogqibeleleyo kwaye neNtlawulo kaYesu Krestu, umphefumlo wethu uyakuphila kwinaphakade elizayo—singakwazi ukubona ngenene nangenyaniso ukuba siphakathi embindini.

Kungekudala Ndaziva Ndonwatyiswe yingcinga yokwenza kabutsha ilitye lengcwaba labazali bam. Ixesha aliliphathanga kakuhle ingcwaba, kwaye Ndabona ukuba ilitye elitsha lalifuneka ukubonisa ubomi babo bomzekelo. Xa Ndandijonge iimini zabo zokuzalwa kwakunye nezokufa elityeni labo ezazidityaniswa luphawu lwedash, olu phawu lwexesha nethuba lobomi ngokukhawuleza lwagcwala engqondweni yam kwakunye nentliziyo yam ngekhumbuzo etyebileyo. Ezingcinga zizizikhumbuzo endizixabisileyo zibonisa umzuzu embindini wobomi babazali bam kwaye nasembindini wobomi bam.

Nokuba ithini iminyaka yethu, nokuba siphi na, xa izinto zisenzeka ebomini bethu, sisoloko sisembindini. Oku ngaphaya, siyakusoloko siphakathi embindini.

Ithemba Lokuba Ngaphakathi Embindini

Ewe kuyakubakho amaxa eziqalo kwaye neziphelo ebomini bethu bonke, kodwa ezi zinto zimpawu njee ezisendleleni yethu zombindi wobomi bethu banaphakade. Nokuba sisekuqaleni okanye esiphelweni, nokuba sibancinci okanye sibadala, INkosi iyakwazi ukusisebenzisela injongo Yakhe ukuba sivele sibeke ecaleni noba zeziphi na iingcinga ezinqanda amandla wethu okukhonza kwaye sivumele intando Yakhe ibumbe ubomi bethu.

Imbongi ithi, “Loo ngumhla apho iNkosi idalileyo; si [fanele] kukuvuyisana kwaye sonwabe kuyo” (Iindumiso 118:24). U Amulek uyasikhumbuza ukuba “obu bomi lixesha lokuba abantu balungiselele ukudibana noThixo; ewe; bonani lo mhla lusuku lobu bomi kuba abantu benze imisebenzi yabo” (Alma 34:32; ingcaciso igxininisisiwe). Kwaye imbongi iyazonwabela engqondweni yayo, ”Unaphakade—wenziwa lixesha langoku.”1

Ukusoloko siphakathi embindini kuthetha ukuba lo mdlalo awunaso isiphelo, ithemba alilahleki, uloyiso alunasiphelo. Ngoba nokuba njani apho sikhoyo okanye nopba iimeko zethu zinjani’ iziqalo ezingunaphakade kwaye unaphakade weziphelo uyazolula ame phambi kwethu.

Sisoloko siphakathi embindini.

Izikhumbuzo

  1. Emily Dickinson, “Forever—is composed of Nows,” in The Complete Poems of Emily Dickinson, ed. Thomas H. Johnson (1960), 624.

Ukufundisa lo Myalezo

Cingisisa ngokuxoxa nosapho uhlobo “abasoloko bephakathi embindini ngayo,” nokuba bayaqala okanye sisi okanye enye into. Bakhuthaze ukuba benze okusemandleni wabo kwiinkqubo zabo zanamhlanje, bangahlali kwixesha elidlulileyo okanye balinde enye inkqubo nomsebenzi ozayo. Ungafuna ukubacebisa ukuba bakhethe into enye abangayenza belusapho ukwenza lengcebiso kwaye babeke usuku apho bafuna ukuzalekisa injongo yabo ngalo.