2012
Uxolo Luzisa Ulonwabo
Okthoba 2012


Abantwana

Ukuxolela Kuzisa Ulonwabo

Umongameli Urchtdorf ufundisa ukuba kufuneka sixolele amalunga osapho lwethu. Jonga ukuba okukhethwe nguYosefa kwakunye noAnna kwenze ntoni kusapho lwabo.

uYosefa kwakunye nodadewabo omncinci, uAna, xa bedlala bobabini. uAna wathatha ithoyi ka Yosefa. Enze njani uYosefa?

uYosefa ucaphukela uAnna. uAna uyalila. Umama kaYosefa uyamqeqesha ngokulwa kwakhe nodade wakhe. uYosefa uphatheke kabi ngokukhetha kabi.

uJosefa uxolela uAna kwaye uthola enye ithoyi angadlala ngayo. Badlala kunye kamnandi bonwabile. Umama wabo uyonwaba ukuba uYosefa ebe nobubele kumnakwabo kwaye ulethe uxolo kusapho lwabo. uYosefu uyavuya ngokukhetha ukuxolela.

Kudala, uYosefa kanye noAna kufanele bancede umama wabo alungisele ukutya kwasebususku. uYosefa akafuni ukunceda. Kufuneka uAna enze ntoni?

uAna uxelela umama wakhe. uAnna unomsindo ulwela ukuba esenza wonke umsebenzi ngokwakhe yedwa. Xa besitya isidlo sedinala bonke abonwabanga ngenxa yengxabano.

uAna uxolela uYosefa kwaye unceda ukulungiselela ukutya kwasebusuku. umama wabo unombulelo ngoncedo lukaAna. Usapho luvuyela ukuba kunye xa behleli bonke kwidina. uAna uziva onwabile ukuba ukhethe ukuxola.

Wenza njani ngokukhetha ukuxola uncede kanjani ukonwaba kosapho?