2012
Isitshixo Esinye sokuba noSapho Olonwabileyo
Okthoba 2012


Umyalezo wesiMongameli Sokuqala, Okhthobha 2012

Isitshixo Esinye sokuba noSapho Olonwabileyo

Umfanekiso
NguMongameli Dieter F. Uchtdorf

Umbhali omkhulu waseRashiya uLelo Tolstoy waqala incwadi yakhe ethi Anna Kerina ngala magama: “Iintsapho ezonwabileyo zonke ziyafana; zonke iintsapho ezingonwabanga azonwabanga ngendlela yazo.”1 Kodwa nangona ndingenaso isiqinesikiso sika Tolstoy sokuba zonke iintsapho ezonwabileyo ziyafana, Ndiye Ndafumanisa ukuba kukho into enye uninzi lwezintsapho ezinayo ezibadibanisayo: Banendlela yokuxolelana kwaye nokulibala iimpazamo zabanye kwaye bakhangele okulungileyo.

Abo abakwintsapho ezingonwabanga, kwelinye icala, basoloko befumana iimpazamo, babenenqala, kwaye babonakala bengakwazi ukuyekelela izono ezidlulileyo.

“Ewe, kodwa …” baqala ngokutsho abo abangonwabanga. “Ewe,kodwa awubazi ubuhlungu andivise bona,” atsho omnye. “Ewe, kodwa Awumazi ukuba unentliziyo embi kangakanani na,” atsho nomnye.

Umhlawumbi bobabini banyanisile; mhlawumbi akekho kubo onenyaniso.

Zininzi iindlela namanqanaba okukhubekisa Maninzi amanqanaba okuva intlungu. Kodwa into endiyiqapheleyo kukuba sisoloko siquma umsindo wethu ukuze sanelise isazela sethu sizixelele amabali angekhoyo ngeenjongo zabanye eziqalekisa izenzo zabo ukuba azixoleleki kwaye zinempakamo kube ke, kwangexesha elinye, siphakamisela phezulu kuqala injongo zethu sizenza nyulu namsulwa.

Inja yenkosi

Kunebali lakudala lama-Welsh eliphuma kwiminyaka engamakhulu ayishumi nesithathu edlulileyo ngonkosana eyabuya ekhaya yathola inja yayo ichiphiza igazi ebusweni. Lendoda yabaleka yangena ngaphakathi kwaye, woyika kakhulu, ebona umtanakhe oyinkwenkwe engekho embhedeni wakhe omncinane owawu phendukile. Ngokuqumba wathatha ummese wakhe omude wabulala inja yakhe. Ixeshana emva koko, weva isikhalo senkwenkwe yakhe — umtana wayephilile! Ecaleni komtana kwakulele ingcuka efileyo. Inja, ngokwanyani,yavikela umtana wenkosana kwingcuka eyayifuna ukumbulala.

Lebali liyethusa, kodwa liyisibonelo esihle. Libonisa ngokwethutyana ibali esizixelela lona ngokuziphatha kwabanye abantu ngendlela engahambelani ngokwenzeke ngokwenyani — ngamanye amaxesha asifuni nokwazi kwaleyo nyaniso. Sizibona sinobulungisa ekuqumbeni kwethu bese siphatheka kakubi kwaye sibe nenzondo. Ngamanye amaxesha amagqubu wethu ahlale iinyanga okanye iminyaka. Ngelinye ixesha lihlale ubomi bakho bonke.

Usapho olwahlukeneyo

Omnye utata wayengakwazi ukuxolela unyana wakhe ngokwehlukana nendlela ebemfundise yona. Lenkwenkwe ibinechomi utata wakhe ebengazithandi, kwaye wayenza izinto ezininsi zazingahambiselani nako utata wakhe ebecinga ukuba azenze. Oku kwaqeda ubudlelwane phakathi kukatata kanye nonyana. Kwaye xa esekwazi unyana, wahamba ekhaya akazange abuye. Khange bathethe futhi.

Lo tata wazibona enze into elungileyo? Mhlawumbi

Lo nyana wazibona enze into elungileyo? Mhlawumbi

Endikwaziyo ukuba losapho lwaluqhekekile kwaye lwalungenwabanga ngokuba utata kanye nonyana babengakwazi ukuxolelana. Babesoloko banenkumbulo yezinto zakudala ezaziphakathi kwabo. Bagcwalisa itliziyo zabo ngokuqumba endaweni yothando noxolo. Omnye nomye walahlekelwa lithuba lokuba namandla wokuletha okuhle empilweni yomnye. Oku kwehlukana kwabonakala ingathi kwakukukhulu kwaye omnye nomye waba isiboshwa kwijele lomoya emhlabeni wentliziyo yakhe.

Ngenhlanhla, onothando kwaye nobulumko uTata waNaphakade oseZulwini wasinikeza indlela yokuhlula lokwehlukaniswa okwenzwa ukuzicingela. LeNtlawulo enkulu engapheliyo yeyona senzo sikhulu kakhulu esibonisa uxolelwano kwakunye nokubuyisana. Ubukhulu balo kungaphezulu kokuqonda kwethu, kodwa ndiyanqina ngentliziyo kanye nomphefumulo wami ukuba yenzeka ngokwenyani kwaye inamandla onke. uMsindisi wazinikezela ukuba asikhulule ezonweni zethu. Ngaye sithola uxolelo lwezono.

Alukho usapho olugqibeleleyo.

Akekho ongenasono Sonke siyawenza amaphutha, kwakunye nami nawe. Sonke sinamanxeba. Sonke silimaze abanye.

Kwenzeka ngomnikelo woMsindisi ukuba sithole ushitsilelo kanye nempilo yaphakade. Xa samkela iindlela Zakhe futhi soyise ikratshi lethu ngokuthambisa iintliziyo zethu, singazisa ukubuyisana kwaye noxolo kwiintsapho kwaye nasebomini bethu. uThixo uzosinceda ukuba sibenoxolo, ukuba silangazelele ukuba nentliziyo ebekezelayo, nokuba sibe ngabokuqala bokuxolisa nokuba asenzanga nto, sibeke ecaleni inqala lakudala kwaye singaphindi silinese kwakhona. Sibulela uThixo, owasinika uNyana Wakhe okuPhela Kwakhe, kwaye kuNyana, Owanikela ngobomi Bakhe kuthi.

Siyaluva uthando lukaThixo imihla ngemihla. Kutheni singazinikeli thina kancinci kubantu bethu njengoba iculo elithandekayo lifundisa “Ngokuba Ndinikwe Okuninzi”2 Inkosi isivulele umnyango wokuba sixolelwe thina. Akunoba yinto elungileyo xa sibeka ecaleni amabhongo namatshamba ekratshi lethu kwaye siqale ukubona ukuvuleka komnyango wentsikelelo yoxolo kwabo sisokola kunye nabo — ikakhulu bonke abosapho lwethu?

Ekugqibeleni, uvuyo aluphumi ekugqibeleni kodwa kubonakala ngokusebenzisa imigaqo yezulu, nangokuhamba kancinci. Isimongameli sokuQala kwakunye neQumrhu labaPostile Abalishumi Elinesibini basixelele: “Ukonwaba kobomi bosapho kwenzeka xa siphila ngeemfundiso zeNkosi uYesu Krestu. Imitshato ephumelelayo kwakunye nosapho ziqaliswa kwaye zikhuliswa ngemigaqo yokholo, umthandazo, inguquko, uxolelwano intlonipho, uthando, ububele, ukusebenza, nezinto ezinobulungisa esingazenza.”3

Uxolo lumiswe embindini walenyaniso, esekwe kwicebo lokwonaba likaBawo wethu Wasemazulwini. Ngokuba uxolo ludibanisa imigaqo, ludibanisa abantu. Isitshixo, esivula iminyango etshixiweyo, isiqalo sendlela yenyaniso, kwaye yiyo ixabiseke kakhulu kwithemba losapho olonwabile.

Yanga uThixo asincede ukuba sibenokuxolela kwiintsapho zethu, sibenoxolwelano kwabanye abantu, kwaye sibenoxolwelano nakuthi futhi. Ndithandaza ukuba singaba nethuba lokubona uxolo njengendlela elungileyo afana ngayo amasapho onwabile.

Izikhumbuzo

  1. uLeo Tolsoy, uAnna Karenina, inguqulelo. uConstance Garnett (2008), 2.

  2. “Ngokuba ndinikwe okuninzi” Amaculo, no. 219.

  3. “Usapho: Isaziso Ehlabathini,” kwiLiyahona yangoNovemba 2010, 129; emphasis added

Ukufundisa ngaloMyalezo

“Xa ulungiselela isifundo sakho,zibuze ukuba lomgaqo ufana kanjani nezinto amalunga osapho lwakho akwaziyo okanye abakubonile ebomini babo.” (Ukufundisa, Akukho Bizo lukhulu kangaka [1999], 171). Cinga ngokumema amalunga osapho ukuba babelane ngezinto ezintle abazibonileyo okanye abazaziyo ngoxolo. Thetha ngezo zinto, uthethe kakhulu ngezizinsikelelo zoxolo. Gqibezela ngokunikeza ubungqina bokuxabiseka koxolelwano komnye nomnye.