2012
Umthandazo noXolo
Okthoba 2012


ulutsha

Umthandazo noXolo

Ngobunye ubusuku ndaba nengxabano nomama wam kwaye ndaziva kakubi ngalonto. Ndacinga ukuba mandithandaze. Nangoko ndandiziva ndiqumbile kwaye ndandingafuni ukuba “semoyeni,” bendisazi ukuba umthandazo uzakundinceda ndivuye kwaye uzakundenza ndingabi nomsindo. Xa umama esehambile ekamerini yam, ndaqala ukuthandaza. “Tata wasemaZulwini oligugu, Ndiza kuwe kulobusuku ngokuba …” Hhayi. Ndavula amehlo kwaye andisazange ndigoqe izandla; ndaziva ndingavakali kakuhle Ndaphinda Ndazama kwakhona. “Bawo Osemazulwini, Ndiyafuna …” Oku kwakungavakali kakuhle. Ndaziva ingathi uSathane ufuna ukuba ndiyeke kuthandazela ukucela uBawo wasemaZulwini uncedo.

Kengoko ndeva impembelelo yokuba ndibulele! Ndakwenza oko, kwaye iingcinga zaqala zagcwala ngokukhawuleza kwingqondo yam ngezinto ezinintsi endinombulelo ngazo kuBawo wam waseZulwini. Xa sendigqibile ukuMbulela, ndathetha ngengxaki yam.

Emva koko ndaziva ndinoxolo olumnandi ngaphakathi kum, ndeva imfudumalo emoyeni ngolwazi lokuba uTata waseZulwini kanye nabazali bam bayandithanda kwaye ndingumtwana kaThixo. Ndacela uxolo kumama wam kwaye ndamxolela xa ecela uxolo kum.