2014
Amaqhina othando
Februwari 2014


Abantwana

Amaqhina othando

Cela umntu omdala akuncede usike amaphetshana ayi28, ububanzi bube yi2.5 cm) kwaye ubude balo bube yi 20 cm. Kwimini nganye kule nyanga, yenza isenzo senkonzo ukubonakalisa uthando lwakho kumntu ngamnye. Unganceda abazali bakho ukuba bacoce ikhaya lakho okanye ubhalele ummelwane wakho umyalezo wobubele.

Bhala phantsi kwelinye lamaphetshana wakho ukuba usebenze njani kwimini nganye, uze emva koko uncamathise kunye iziphelo zephetshana ukuze wenze isangqa. Ungadibanisa izangqa zakho ngokufaka isiphelo sephetshana elitsha ngaphakathi esangqeni sangezolo phambi kokuncamathisela iziphelo zephetshana elitsha. Bukela amaqhina wakho othando ekhula! Kwaye ungaqhubeka ukongeza kwikhonco lakho lenkonzo naxa inyanga yoMthupha seyedlulile.