2014
Ehlotyeni leNkonzo
Februwari 2014


Ulutsha

Ehlotyeni leNkonzo

Umbhali uhlala eVirginia, eUSA.

Kwelinye ixesha lasehlotyeni ndachitha ixesha lam kwilizwe langaphandle ndisebenza nabantwana abanezidingo ezikhethekileyo. Xa ndandiqala ukudibana nabo bantwana, ndandiphethwe luvalo ngeyona ndlela imangalisayo. Ndandingathethi ulwimi lwabo, kodwa ndandithembele kuMoya ukuba uzokundikhokela kwintsebenziswano yam. Ndathi Ndakwazana nomntwana ngamnye, Ndaqonda ukuba ulwimi aluxingi phambi kothando. Ndadlala, ndahleka, kwaye ndenza nemisebenzi yezandla nabantwana kwaye andikwazanga kuyinceda ukuba ndive ndibathanda bona ngokugqibeleleyo. Ndaluthi tshe olathando uBawo waseZulwini analo lwabantwana Bakhe, kwaye uyolo olwagcwalisa intliziyo yam alunakuchazwa nokuchazwa.

Nanini na xa ndisebenzela ukunceda abanye, andivi uthando lwabo ndisebenzela ukubanceda qha kodwa kunye nalo olukaBawo waseZulwini Ngokwenene ndize ndayazi ukuba “xa nisebenzela uluntu lwenu nisebenzela kuphela uThixo wenu.” (Mozaya 2:17). Injongo yokukhonza kwam, nokuba kukwimisebenzi yokunceda emikhulu okanye kukwizenzo ezincinci zobubele, kukuzukisa uThixo (bona Matewu 5:16). Ndiyathemba ukuba xa ndikhonza ngokunceda abanye, abantu bayakuliqaphela uthando lwam lukaBawo waseZulwini kwaye njengokuba ndisebenzela abanye, nokuKhanya kukaKrestu okuvutha ngaphakathi kum.