2014
Umsebenzi Okhethekileyo kaYesu Krestu: UMalusi Olungileyo
Februwari 2014


UMyalezo wabaNdwendweli Makhaya, kweyoMthupha 2014

Umsebenzi Okhethekileyo kaYesu Krestu: UMalusi Olungileyo

Funda ngomthandazo kulo myalezo kwaye ucele ukwazi oko ongabelana ngako. Ukuqonda kabanzi ubomi nomsebenzi woMsindisi kuzalukhulisa kanjani ukholo lwakho Kuye kwaye kuzakubasikelela kanjani abo ubagadisiweyo ngondwendwelo makhaya lokufundisa? Ukufumana ulwazi oluthe vetshe, iya ku reliefsociety.lds.org.

Ukholo, Usapho, Uncedo

UYesu Krestu, uMalusi Olungileyo, wafundisa:

“Ngomphi umntu kuni othi, enekhulu lezimvu, ukuba ulahlekelwa yenye kuzo, angazishiyi ezingamashumi asithoba anesithoba entlango, asinge kuleyo ilahlekileyo, ade ayifumane? …

“Ndithi kuni, ukuba … kuya kubakho uyolo emazulwini ngomoni omnye oguqukayo” ” (Luka 15:4,7).

Njengoko siqonda kabanzi ukuba uYesu Krestu nguye uMalusi Olungileyo, umnqweno wethu wokulandela umzekelo waKhe uyanda kwaye nowokunceda abo basweleyo. UYesu wathi: “Ndim umalusi olungileyo, kwaye ndiyazazi ezam, ndiyaziwa zezam. … Nobomi bam ndibuncamela izimvu” (Yohane 10:14–15). Ngenxa yeDini likaKrestu, akukho namye oyakulahleka angafumani ndlela yokubuyela ekhaya (bona Luka 15).

UMongameli Thomas S. Monson wathi, “Okwethu kuluxanduva lokukhathalela umhlambi. … Yanga singenyusa iikawusi ekuncedeni.”1

Okuphuma kwiZibhalo eziNgcwele

Iindumiso 23; Izaya 40:11; Mozaya 26:21

Okuphuma Embalini Yethu

UElizabeth Ann Whitney, owathi wazimasa umhlangano weQumrhu lezoNcedo wokuqala, watsho oku ngenguquko yakhe ngo 1830: “Ndathi kwamsinyana ndakuva Ivangeli njengoko abaDala babeyishumayela, ndayazi ukuba yayi lilizwi loMalusi Olungileyo.”2 uElizabeth walandela ilizwi loMalusi Olungileyo kwaye wabhapatizwa wabalilungu.

Nathi ke singaliva ilizwi loMalusi Olungileyo kwaye sabelane ngeemfundiso zaKhe nabanye. UMongameli Monson wathi, “Thina sizizandla zeNkosi apha emhlabeni, ngenjongo yokunceda kwaye sivuselele abantwana baYo.”3

Njengoko umalusi ekhangela imvu elahlekileyo, nabazali bangafunisa ngomntwana wabo othe waphambuka. UMongameli James E. Faust (1920–2007), iSekela lesiBini kuBongameli BokuQala, wathi, “Kwabo bazali bantliziyo zibuhlungu abalungileyo, bezimisile, kwaye bethandazisana ngemfundiso kubantwana babo abangamameliyo, sithi kuni, uMalusi Olungileyo ubajongile abo bantwana. UThixo uyazi kwaye uyayiqonda intlungu enzulu yenu. Likhona ithemba.”4

Izikhumbuzo

  1. Thomas S. Monson, “Heavenly Homes, Forever Families,” Liahona, eyeSilimela 2006, 70.

  2. Elizabeth Ann Whitney, kwiIintombi kuBukumkani Bam: Imbali noMsebenzi weQumrhu loNcedo (2011), 128.

  3. Thomas S. Monson, “Yintoni Endiyenzele Omnye Umntu Namhlanje?” Liahona, eyeNkanga. 2009, 86.

  4. James E. Faust, “ Ezithandekayo Zezona Zimvu Ezithe Zaphambuka,” Liahona,ekaCanzibe 2003, 68.

Yintoni Endingakwazi Ukuba Ndiyenze?

  1. Ukwazi ukuba iNkosi ngoyena Malusi Olungileyo kungasizisela uxolo kanjani ebomini bethu?

  2. Singancedisa ngaziphi iindlela kwabo bathe “bakreqa” ekuqhubekeni eBandleni okanye abo bangengabo lokholo lwethu?

  3. Ndingabaxhasa kanjani abazali abanabantwana babo abathe baphambuka ekuphileni ivangeli?