2014
Umsebenzi Okhethekileyo kaYesu Krestu: Isonka Sobomi
Okthoba 2014


UMyalezo wabaNdwendweli Makhaya, eyeDwarha 2014

Umsebenzi Okhethekileyo kaYesu Krestu: Isonka Sobomi

Funda ngokuthandaza ezi zinto kwaye ucele ukwazi ukuba ungabelana ngantoni. Ukuqonda kabanzi ubomi nomsebenzi woMsindisi kuza lukhulisa kanjani ukholo lwakho Kuye kwaye kuza kubasikelela kanjani abo ubagadisiweyo ngokufundisa ngokubandwendwela? Inkcukacha ethe vetshe, yiya ku reliefsociety.lds.org

Ukholo, Usapho, Uncedo

UYesu wathi, “Ndim isonka esiphilayo esi sehlayo emazulwini: ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade” (Yohane 6:51). “UYesu ufundisa thina, bafundi baKhe, ukuba kumele sikhangele kuThixo mhla ngamnye isonka uncedo nolwemelezo osiludingayo ngaloo mhla uthile.” watsho uMdala D. Todd Christofferson weQumrhu LabaPostile Abalishumi Elinesibini. “Isimemo seNkosi … sithetha ngoThixo othandayo, owazi nezincinane, izidingo zemihla ngemihla zabantwana baKhe kwaye ozimisele ukubanceda, ngamnye ngamnye. Yena uthi singacela ekholweni kuLowo, “onika bonke engenakumbi, engangcikivi, wobunikwa’ (Yakobi 1:5).”1 Njengoko siqonda ukuba uYesu Krestu uya kusondla ngeemfuno zethu, siya kukhangela kuYe ekomelezweni komoya wethu.

UMdala Jeffrey R. Holland weQumrhu LabaPostile Abalishumi Elinesibini uyasimema “ukuba singenelele kuhambo lwabafundi bakaKrestu bokuqala ababelangazelela isonka sobomi abo bangazange babuyele mva kodwa baya kuYe, bahlala naYe, kwaye bazibonela ukuba ukhuseleko nentsindiso kwakungekho namnye umntu ababe nokuya kuye.”2

IziBhalo Ezongezelelweyo

Yohane 6:32–35; Alma 5:34;3 Nifayi 20:3–8

Okuphuma kwiZibhalo eziNgcwele

UYesu Krestu wayefundisa isihlwele esasingaphezulu kwamawaka amane wabantu. Emva kweentsuku ezintathu, Yena wathi kubafundi baKhe, “Ndisikwa yimfesane ngenxa yesihlwele, ngokuba … bengenanto bangayidlayo:

“Kwaye ukuba ndithe ndabandulula baya emakhayeni abo bengadlanga, botyhafa endleleni. …

“Bamphendula abafundi bakhe, besithi, Wokuzuza phi na umntu ukuba nako ukubahluthisa aba ngezonka, entlango apha?

“Wababuza uYesu, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe.”

UKrestu “wazithabatha izonka zosixhenxe, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, ukuze babeke phambi kwabo; …

“Baye beneentlanzana ezimbalwa: akuba esikelele, wathi mazibekwe phambi kwabo nazo.

“Badla ke bahlutha: basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe.” (Bona Marko 8:1–9.)

Izikhumbuzo

  1. D. Todd Christofferson, “Recognizing God’s Hand in Our Daily Blessings,”Liyahona, uMdumbe 2012, 25.

  2. UJeffrey R. Holland, “He hath Filled the Hungry with Good Things,”Liyahona,uMdumbe 1998, 76.

Cingisisa Ngoku

Xa sisiza kuKrestu, ingaba usondla kanjani?