2014
Lungisa phambili kokuba Uthandaze
Okthoba 2014


Ulutsha

Lungisa phambili kokuba Uthandaze

UMongameli Eyring uyasikhumbuza ukuba umthandazo “yindlela-bubini yonxubelelwano phakathi kukaThixo nabantwana baKhe.” Ukuthatha ixesha ekulungiseleni imithandazo yethu kungenza oloo nxubelelwano lendlela-bubini ukuba lwenzeke. Ubungasebenzisa incwadana yembali yakho ukuchitha imizuzu embalwa ekulungiseleni ukuthandaza suku ngalunye. Ubungenza uluhlu lweentsikelelo ofuna ukubulelela uBawo oseZulwini zona, abantu abadinga imthandazo yakho, kunye nemibuzo ongadinga iphendulwe. Kwaye umeme uMoya ngokucula ingoma okanye ufunde imiqolwana embalwa yezibhalo ezingcwele. Njengoko uthandaza, nakekela ukuba uMoya oyiNgcwele ukukhokela kanjani kwinto oyitshoyo, kwaye unakekele imizwa yakho neengcinga zakho (bona D&C 8:2–3). Cingisisa ukubhala amava wakho kwincwadana yakho yembali kwaye uhlole iimpendulo ozifumanayo. Ungasebenzisa imidlalo ekumaphepha 95–97 ka Preach My Gospel: A Guide to Missionary Service ekukuncedeni ukuba uqwalasele imithandazo yakho kwaye uqwalasele uMoya oyiNgcwele.