2015
Ukubotshwelelwa Ngonaphakade Kusapho Lwam
Juni 2015


Ulutsha

Ukubotshwelelwa Ngonaphakade Kusapho Lwam

Umbhali uhlala eUtah,USA.

Xa ndenziwa umntwana wolunye usapho ebudaleni beminyaka emithathu, umama wam ondizalayo wavumela ukuba ukuthathwa kwam kugqitywe kuphela ukuba abazali bam abatsha babevuma ukuba ndenzelwe imimiselo yam yaseCaweni xa ndineminyaka eyi12. Wacinga ukuba kumele ndibemdala ngokwaneleyo khon’ ukuze ndizenzele isigqibo, kodwa kwakunzima kakhulu ukulinda.

Ewe, kwakunzima ukubona uninzi lwabahlobo bam bebhapatizwa xa babeneminyaka esibhozo, kodwa eyona nto eyayinzima kakhulu yayikukwazi ukuba andinakutywinwa kubazali bam abatsha kunye nabantakwethu abahlanu abadala ndide ndibeneminyaka eli 12. Ndandisoyika ukuba ndandinokwehlelwa yinto kwaye ndandingenakwazi ukutywinwa kubo.

Njengoko usuku lwam lokuzalwa lweminyaka eli 12 lwalusondela, saqala sacebela ubhapatizo lwam kunye notywino kusapho lwam. Abazali bam bandiyekela ukuba ndikhethe itempile esingatywinelwa kuyo. Ndandihlala ndicinga ukuba iTempile yaseSan Diego California yayi yeyona intle kakhulu, kunjalo nje usapho lwam lonke lwavuma ukuba siqhube siye kutywinelwa eCalifornia.

Ndandingasakwazi ukulinda ukuba ndibelusapho lwangonaphakade nosapho lwam kunye nabantakwethu. Ngelixa lotywino lwam, ndeva uMoya ngamandla kakhulu kangangokuba kude kubenzima nokuyibeka ngamazwi. Kungoku nje ndade ndatywinwa nosapho lwam ekugqibeleni, izimvo zam zokukhathazeka ziguqulwe ngentuthuzelo kunye noxolo, nokwazi ukuba ngoku ndibotshelelwe ngonaphakade kubo.