2015
Iintsapho Zingaba Kunye Ngonaphakade
Juni 2015


UMyalezo woBongameli Bokuqala, eyeSilimela 2015

Iintsapho Zingaba Kunye Ngonaphakade

Umfanekiso
Mongameli Henry B. Eyring

Amandla wobubingeleli wokubopha iintsapho ngonaphakade ngesinye sezipho ezinkulu zikaThixo. Wonke umntu oqonda icebo losindiso ulangazelela loo ntsikelelo ingapheliyo. Kwimicimbi yotywino qha eyenzelwa kwiitempile ezimiselweyo zeBandla likaYesu Krestu LabaNgcwele Bemihla Yokugqibela apho uThixo anikeza isithembiso sokuba iintsapho zingabotshwa kunye ngonaphakade.

Izitshixo zobubingeleli ezenza oku kwenzeke zabuyiselwa emhlabeni ngumprofethi u-Eliya kuJoseph Smith kwiTempile yaseKirtland. Ezo zitshixo zagqithiswa kummiselo ongaphulwanga kubaprofethi abaphilayo kwiBandla likaYesu Krestu LabaNgcwele Bemihla Yokugqibela kwade kude kube namhlanje.

UMsindisi kumsebenzi waKhe wasemhlabeni wathetha ngamandla okutywina iintsapho kumazwi wakhe kuPetros, uMpostile waKhe omkhulu, xa Yena wayesithi, “Konke enithe nakubopha emhlabeni, kobotshwa emazulwini; nako konke enithe nakukhulula emhlabeni, kokhululwa emazulwini” (Mateyu 18:18).

Kukwizulu lokuqala kuphela apho singaphila kwiintsapho ngonaphakade. Apho singaba kwiintsapho kubukho bukaBawo wethu Osezulwini kunye noMsindisi. UMprofethi Joseph Smith waluchaza olo luvo lumangalisayo ngale ndlela kwiiMfundiso kunye neMinqophiso:

“Xa uMsindisi eyakuvela siyakumbona ngendlela ayiyo. Siyakumbona ukuba ungumntu njengathi.

“Kwaye olunxibelelwano lukhoyo phakathi kwethu apha luyakubakho phakathi kwethu phaya, qha luyakube luhamba nozuko olungunaphakade, zuko olo singalonwabeliyo okwangoku” ( Iimfundiso & neMinqophiso 130:1–2).

Esi sibhalo sibonisa ukuba ngokuzithemba singacebela izinga lasezulwini kubudlelwane bethu kwiintsapho zethu. Singawakhathalela ngokwaneleyo amalungu weentsapho zethu, aphilayo kunye nabhubhileyo, ukwenza konke esingakwazi ukubanikeza imimiselo yobubingeleli eyakuthi isibophe ezulwini.

Uninzi lwenu, abancinci nabadala, nenza oko. Niwakhangele amagama wezinyanya ezingakayifumani imimiselo enganitywina kunye.

Phantse nonke ninezihlobo eziphilayo ezingekatywinwa kwiintsapho ngamandla wobubingeleli. Uninzi lunezihlobo eziphilayo esezifumene imimiselo yobubingeleli kodwa ezingayigciniyo iminqophiso eziyenze noThixo. UThixo uyakunisikelela ukuba nikwazi ukunceda nifikelele kuzo zonke ezo zihlobo elukholweni. Ninesithembiso iNkosi esenzayo kubafundi baYo abahambayo bazise abanye kuYo.

“Kwaye nabani na onifumanayo, nam ndiyakuba lapho kuba Ndiyakuhamba phambi kobuso benu. Ndiyakuba kwisandla senu sasekunene kunye nakwikhohlo lenu, kwaye uMoya wam uyakuba sezintliziyweni zenu, kwaye iingelosi zam ziyakuningqonga, zinithwalele phezulu” (Iimfundiso neMinqophiso 84:88).

Kwifestile ye-ofisi yam ndibona abatshakazi nabayeni abatsha yonke imihla benemifanekiso yabo ithathwa phakathi kweentyatyambo ezintle kunye nemithombo etsitsela phezulu. Umyeni omtsha uhlala ethwala umtshakazi wakhe ezingalweni zakhe, angcambaze nje imitsi embalwa, ngelixa umfoti ethabatha imifanekiso yomtshato. Ngalo lonke ixesha ndibona oko, ndicinga ngabalingane endithe ndabazi abathe exesheni ngamanye amaxesha kwilixa elifutshane emva kosuku lomtshato wabo kwanyanzeleka ukuba bathwalane ngendlela ezizezinye xa ubomi buye banzima. Imisebenzi ingalahleka Abantwana bangazalwa nemicelingeni emikhulu. Ingulo ingafika. Kwaye ngoko, iziqhelo zokuba senze kwabanye ngendlela esasinokuthanda ukuba benze ngayo kuthi xa kwakulula ziyakusenza amaqhawe namaqhawekazi kuloo maxesha anzima xa kuthatha ngaphezulu kunoko besicinga ukuba sinako kuthi.

Sityala iintsapho zethu uhlobo lobudlelwane esingabuthatha sibuse kubukho bukaThixo. Kufuneka sizame unganiki isikhubekisi okanye sithathe isikhubekisi. Singazimisela ukuxolela ngokukhawuleza kunye nangokugcweleyo. Singazama ukufuna ulonwabo lwabanye ngaphezu kolwethu. Singabanobubele kwintetho yethu. Njengoko sizama ukwenza zonke ezi zinto, siyakumemela uMoya Oyingcwele kwiintsapho zethu kunye nakubomi bethu.

Isiqinisekiso sam kuni sesokuba, ngoncedo lweNkosi kunye neentliziyo eziguqukileyo, singabamba inkangelo kobu bomi bentlobo yobomi esifuna ukubanabo ngonaphakade. UBawo Osezulwini uyasithanda. Yena usifuna sibuyele kuYe. UMsindisi, emandleni weDini laKhe, wenza kwenzeke utshintsho ezintliziyweni zethu esiludingayo ukuze singene kwiitempile ezingcwele, senze iminqophiso esinokuthi emva koko siyigcine, kwaye exesheni siphile kwiintsapho ngonaphakade ekhaya kwakhona kuzuko lwezulu lokuqala.

Ukufundisa ngaloMyalezo

Njengokuba usaba ngemfundiso yeentsapho zangonaphakade, cingisisa ngento uMdala Richard G. Scott weQumrhu LwabaPostile Abamashumi Elinambini awayitshoyo: “Hlala uzama ukomeleza iintsapho. Fundisa ngombono wokubaluleka kweentsapho ezitywinwa etempileni. … Xa unombono wemimiselo yotywino yasetempileni, uzakunceda wakhe ubukumkani bukaThixo emhlabeni” (“I Have Given You an Example,” Liyahona, Canzibe 2014 34). Ungabanceda kanjani abo ubafundisayo bakhulise umbono wokubaluleka kokutywinwa etempileni? Mema abo bangekatywinwa baxoxe ngamanyathelo abanokuwathabatha malunga naloo mmiselo. Mema abo sele betywinwiwe baxoxe ukuba bangawugcina kanjani umbono wosapho lwabo lwangonaphakade kwaye nokusebenza baphucule ubudlelwane babo omnye komnye.