2015
Isikhumbuzo soMthandazo
Septemba 2015


Abantwana

Isikhumbuzo soMthandazo

UMongameli Eyring ufundisa ukuba kubalulekile ukuthandaza nosapho lwakho. Wena ungaba ngumzekelo kusapho lwakho ngokuthandaza imihla-ngemihla. Ungakwazi nokulukhumbuza usapho lwakho ngokuthandaza kunye imihla-ngemihla. Khumbula esi sicatshulwa sisuka kwenye intetho kaMongameli Eyring: “UBawo oseZulwini uyayiva imithandazo yakho. Yena uyakuthanda. Yena uyalazi igama lakho” (“Continuing Revelation,” Liyahona EyeNkanga 2014, 73). Sibhale esi sicatshulwa kwikhadi okanye kwiphetshana uze ulibeke apho lonke usapho lwakho luyakulibona khona. Ngoluhlobo unokwazi ukusoloko ukhumbula ukuba uBawo oseZulwini ufuna ukuva kuwe!