2015
Iintsapho noMthandazo
Septemba 2015


Umyalezo woBongameli bokuQala, eyoMsintsi 2015

Iintsapho no Mthandazo

Kwakhe kwathi, njengokuba ndandihleli ecaleni komandlalo katata wam ubusuku bonke, wathetha ngobuntwana bakhe. Yena wathetha ngothando lwabazali bakhe kumaxesha anzima kunye nothando lukaBawo wakhe oseZulwini kunye noMsindisi. Mna ndandisazi ukuba wayesifa ngenxa yomhlaza, ngoko ke akuzange kundimangalise ukuba ngamanye amaxesha wayebhidanisa imizwa yakhe kuBawo wakhe oseZulwini nothando kunye nobubele bukayise wasemhlabeni. Owam utata wayemana ukuthi xa ethandaza, yena wayecinga ukuba wayebona kwingqondo yakhe uncumo lukaBawo oseZulwini.

Abakhe abazali babemfundise ngomzekelo ukuthandaza ngokungathi uthetha noThixo kwaye uThixo wayezakumphendula ngothando. Yena wayedinga loomzekelo kude kube sekugqibeleni. Xa intlungu yayisitsho ngamandla, samfumana kusasa esemadolweni ngakumandlalo. Yena wayebuthathaka kakhulu ukubuyela kumandlalo. Yena wasixelela ukuba wayethandazela ukubuza uBawo wakhe oseZulwini ukuba kwakutheni lento wayesokola kakhulu nangona wayesoloko ezama ukulunga. Yena wathi impendulo yobubele yafika: “uThixo udinga oonyana abakhaliphileyo.”

Kwaye kengoko yena waba lijoni kwada kwaba sekugqibeleni, ethemba ukuba uThixo wayemthanda, kwaye wayemmamela, kwaye wayeyakumphakamisela phezulu. Yena wayesikelelekile ngokuba azi kwangethuba kwaye ukungaze alibale ukuba uThixo onothando ukufutshane okomthandazo.

Yilonto iNkosi yafundisa abazali, “Kwaye bona ngokunjalo bayakubafundisa abantwana babo ukuthandaza, kunye nokuhamba ngokuthe nkqo phambi kweNkosi” Imfundiso & Iminqophiso 68: 28.

Ivangeli kaYesu Krestu ibuyiselwe neNcwadi kaMormoni kunye nazo zonke izitshixo zobubingeleli ezinokubopha iintsapho ngenxa yokuba uJoseph Smith eseyinkwenkwe wathandaza ngokholo. Yena waluzuza olo kholo kusapho olunothando nolunyanisekileyo.

Kwiminyaka engamashumi amabini edlulileyo iNkosi yanika iintsapho lengcebiso kwi “USapho: Isibhengezo kulo iHlabathi” esuka kuBongameli BokuQala kunye neQumrhu labaPostile Abalishumi nambini: “Imitshato kunye neentsapho eziphumelelayo zisekelwa kwaye zigcinwa kwimithetho-siseko yokholo, umthandazo, inguquko, uxolelo, intlonipho, uthando, imfesane, umsebenzi, kunye nezenzo zokuzonwabisa ezindilisekileyo.”1

Thina sikwelita elongamelayo ityala lombulelo kusapho lukaJoseph Smith umProfethi ngendlela akhuliswe ngayo. Usapho lwakhe lalingengomzekelo wokholo nomthandazo kuphela kodwa kwanayo nenguquko, uxolelo, intlonipho, uthando, imfesane, umsebenzi, kunye nezenzo zokuzonwabisa ezindilisekileyo.”

Izizukulwana eziza emva kwakho zingakubiza osikelelekileyo ngenxa yomzekelo womthandazo kusapho lwakho. Wena usenokungakhulisi isicaka esikhulu sikaThixo, kodwa wena ngemithandazo yakho kunye nomzekelo wakho wokunyaniseka unganceda iNkosi uYesu Krestu akhulisele phezulu abafundi abalungileyo kwanabayintanda.

Kuko konke oko unokukhetha ukwenza ukunceda iNkosi, umthandazo uzakuba kumbindi wako. Kukho caba abantu abaqhelekileyo abathi bona, xa bethandaza, baphembelele abanye ukuba bavule amehlo wabo ukubona ukuba ngubani ophaya. Wena ungaba ngonjalo umntu.

Cinga ngokuba ingayintoni intsingiselo yoko kwabo baguqa nawe kumthandazo wosapho. Xa besiva ukuba uthetha kuThixo ngokholo, ukholo lwabo luyakwanda baze nabo bathethe noThixo. Xa uthandazela ukubulela uThixo ngeentsikelelo abazaziyo ziye zafika, ukholo lwabo luyakukhula elokuba uThixo uyabathanda kwaye Yena uphendula imithandazo yakho kwaye uyakuyiphendula neyabo. Oko kungenzeka kumthandazo wosapho kuphela xa wena uyewehlelwa koko kwimithandazo yakho yangasese, ixesha nexesha.

Mna ndisasikelelwa ngutata kunye nomama owathetha noThixo. Umzekelo wabo wamandla omthandazo kwiintsapho usaqhubekeka ukusikelela izizukulwana ezeza emva kwabo.

Abantwana kunye nabazukulwana bam basikelelwa mihla yonke ngumzekelo wabazali bam. Ukholo lokuba uThixo onothando uyayiva kwaye uyayiphendula imithandazo lugqithiselwe kubo. Wena ungalidala ilifa elinjalo kusapho lwakho. Ndithandazela ukuba uyakwenza njalo.

Isikhumbuzo

  1. “Usapho: Isibhengezo kulo iHlabathi,” Liyahona EyeNkanga. 2010, 129.

Bhiyozela isikhumbuzo seminyaka engama-20 seSibhengezo ngoSapho.

“USapho: ISibhengezo kulo iHlabathi” lufundisa imithetho-siseko ebalulekileyo namhlanje ngokufanayo nangoko yaqala ukwaziswa ngeyoMsintsi 23, 1995. Cingisisa ngokumema abantu okanye iintsapho ozifundisayo ekubhiyozeleni isikhumbuzo seminyaka engama-20 yesisibhengezo.

  1. Ubalula ngokoluhlu imithetho-siseko esiyiqulathileyo enokubaluleka okukhethekileyo kubo. (Bona indlela uMongameli Eyring akwenza ngako oku ngomthandazo kulomyalezo ungentla.)

  2. Uxoxa indlela umthetho-siseko ngamnye ongabasikelela ngayo namhla nangamso.

  3. Ukuseka iimbono ezicacilelyo eziquka loo mithetho-siseko kubomi babo kunye nokuzaba kunye nabanye.