2015
Ukusebenza eMthandazweni
Septemba 2015


Ulutsha

Ukusebenza eMthandazweni

UMongameli Eyring ufundisa ukuba usapho lwakho lungasikelelwa lunxibelelwano lwakho olomeleleyo noBawo oseZulwini. Wena ungalwenza ngcono unxibelelwano lwakho naye Yena ngokwenza ngcono imithandazo yakho! Nanga amanqaku ambalwa wokuba ungakwenza njani oku:

Phambi kokuba uqale umthandazo wakho, thatha imizuzu embalwa ekucingeni ukuba yintoni ofuna ukuyitsho. Cingisisa imibuzo onoba unayo okanye izinto ezikukhathazayo — ungade uzibhale phantsi ukwenzela ukuba ungazilibali. Sebenzisa kwanelixesha ekugutyuleni ingqondo yakho kwiingxolo zosuku ukwenzela ukuze ugqalisele kwiimpembelelo ezinobunono zoMoya oyiNgcwele. Ukuba ingqondo yakho ikholisa ukuzulazula xa uthandaza, zama ukuba nomfanekiso-ngqondweni kaBawo oseZulwini emamele. Thetha ngezinto ezithe ngqo. Kananjalo, shiya imizuzu embalwa ekupheleni komthandazo ukuze umamele uchukumiso loMoya. Wena ungazibhala phantsi iimpembelelo zakho kwincwadana yembali yakho.

Khumbula ukuba umthandazo uluhlobo lomsebenzi, ngoko ungabinaxhala ukuba uthatha iinzame okanye ukhangeleka unzima! Umzamo wakho ekuthandazeni ungakuncenda wakhe unxibelelwano noThixo oluzakusikelela izizukulwana.