2015
Itha Isibane Sakho: Ucikido Lweentsuku ezi-30
Okthoba 2015


Ulutsha

Itha Isibane Sakho: Ucikido Lweentsuku ezi-30

Kulutsha eBandleni olunobomi obumatasatasa, kungabalula ukuxinga kumzila wesiqhelo wezinto, ngakumbi ngezinto zasemoyeni. Sifunda izibhalo ezingcwele zethu, siyathandaza, kwaye sinqula ngendlela enye phantse yonke imihla kwaye ngoko simangale ukuba kutheni sibonakala sikwizinga eliphantsi lasemoyeni.

Enye yeendlela ezihamba phambili zokugcina isibane sakho somoya sivutha ngokukhazimlayo kukuqinisekisa ukuba unamava womoya anentsingiselo. Kodwa oko kulula ukutsho kunokwenza, ngoko ke nantsi ingcebiso yokukunceda ukuba uqhubeke kwinkqubela-phambili yakho yasemoyeni: Cinga ngesenzo esimalunga nevangeli ongazange wasenza ngaphambili (okanye ongafane usenze) kwaye uzibophelele ukusenza yonke imihla kangange nyanga. Ungaqala kancinane kuba uzokufumana ukuba kulula ukujika iinguqu ezincinane ukuba zibe ngezingapheliyo. Ukwenza izinto ezisikhupha kwindawo epholileyo yethu yasemoyeni kungafuna ukholo olukhulu kunye nenzame kwinxalenye yethu, kodwa xa sizenza zona, simema uMoya OyiNgcwele ukuba ubenathi, kwaye sibonisa ukholo olukhulu kuBawo Osezulwini kunye nomnqweno wokusondela kufutshane naYe. Nazi iingcinga ezimbalwa zokukwenza uqale:

  • Yenza imbono yokutsho imithandazo yakho ekuseni nangokuhlwa. Zama ukuthandazela phezulu.

  • Vuka ngethuba emizuzwini eli-15 phambi kwexesha kwaye ufunde izibhalo ezingcwele zakho phambili kokuba uye esikolweni.

  • Funda iintetho zenkomfa yajikelele edlulileyo.

  • Beka isibhalo esiphuma kwiNcwadi kaMormoni kwiqonga loluntu.

  • Mamela amaculo okanye umculo weBandla endaweni yomculo wakho wesiqhelo.