2015
Gqiba Nesibane Sakho Sisavutha
Okthoba 2015


Umyalezo woBongameli Bokuqala, EyeDwarha 2015

Gqiba Ngesibane Sakho Sisavutha

Kudala kwelaseGrike, iimbaleki zazikhuphisana kugqatso olwawubizwa ngokuba yilampadedromiya.1 Kugqatso, iimbaleki zazibamba isibane ezandleni zazo kwaye zigqithisele kwenye imbaleki elandelayo kude imbaleki yokugqibela yeqela iwela umgca wokugqibela.

Ibhaso lalinganikezwa kwiqela elalibaleka ngokukhawuleza kakhulu- lalinikezwa kwiqela lokuqala elalifikelela kumgca wokugqibela nesibane salo sisavutha.

Kunesifundo esinzulu apha, esinye esifundiswa ngabaprofethi bakudala kunye nabanamhlanje: nangona ngeli lixa kubalulekile ukuqala ugqatso, kubaluleke ngakumbi kakhulu ukuba sigqiba ugqatso nesibane sethu sisavutha.

USolomon Waqala Ngamandla

Ukumkani omkhulu uSolomon ungumzekelo womntu owaqala ngamandla. Xa wayemncinane, “ubemthanda uYehova, ehamba emimiselweni kaDavide uyise” (1 Iikumkani 3:3). UThixo wayevuya ngaye kwaye wathi, “Cela into, ndikuphe”(1 Iikumkani 3:5).

Endaweni yokuba acele ubutyebi okanye nobomi obude, uSolomon wacela “intliziyo evayo, yokubalawula abantu bakho, ahlule phakathi kokulungileyo nokungendawo” (1 Iikumkani 3:9).

Oku kwayonwabisa iNkosi kakhulu yaze yasikelela uSolomon hayi ngobulumko kuphela kodwa nangobutyebi obungenakulinganiselwa kunye nobomi obude.

Nangona uSolomon wayelumkile kakhulu kwaye wenza izinto ezininzi ezinkulu, akazange agqibe ngamandla. Ngosizi, ekuhambeni kwexesha ebomini bakhe, “USolomon wenza okubi emehlweni kaYehova; akamlandela uYehova ngokukholisekileyo” (1 Iikumkani 11:6).

Ukugqiba Ugqatso Lwethu

Mangaphi amatyeli apho siqala into yaye singayigqibi? Ukutya ngokusempilweni? Iinkqubo zokujima? Izicwangciso zokufunda izibhalo yonke imihla? Izigqibo zokuba ngabafundi bakaYesu Krestu abangcono?

Ingaba senza izicwangciso kangaphi na ngenyanga yoMdumbe kwaye sizilandelele ngokuzimisela okungathethekiyo okweentsuku ezimbalwa, okweeveki ezimbalwa, okanye okweenyanga ezimbalwa kuphela ukufumanisa ngenyanga yeDwarha, ilangatya lesicwangciso sethu lincinane kunothuthu olubandayo?

Ngenye imini ndabona umfanekiso ombana nje wenja eyayingqengqileyo ecaleni kwephetshana eyayilishwabanisile. Wawufundeka ngolu hlobo, “Isiqinisekisi Soqeqesho Lwentobeko Yenja.”

Thina sibanjalo ngamanye amaxesha.

Sinezicwangciso ezilungileyo; siqala ngamandla; sifuna ukuba ngoondoqo. Kodwa ekupheleni sishiya izicwangciso zethu zishwatywanisiwe, zilahliwe, kwaye zilityelwe.

Kuyindalo yoluntu ukuba sikhubeke, sahluleke, kwaye ngamanye amaxesha sifune ukuphuma kugqatso. Kodwa njengabafundi bakaYesu Krestu, sizibophelele hayi ukuqala ugqatso kuphela kodwa nokulugqiba—kwaye silugqibe nesibane sethu sisavutha ngokukhazimlayo. UMsindisi wathembisa abafundi baKhe, “Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa” (Matewu 24:13).

Mandikhe ndicaphule into uMsindisi ayithembisile kolusuku lwethu: Ukuba sigcina imiyalelo yaKhe kwaye sigqiba nesibane sethu sisavutha, siyakubanobomi obungunaphakade, obona busisiphokazi esikhulu sazo zonke izipho zikaThixo (bona Iimfundiso & NemiNqophiso 14:7; bona futhi 2 Nifayi 31:20 ).

Ukhanyo Olungasokuze Lufe

Ngamanye amaxesha emva kokukhubeka, okanye ukunikezela, siye sityhafe kwaye sikholelwe ukuba isibane sethu sicimile kwaye ugqatso lwethu siphulukene nalo. Kodwa ndiyangqina ukuba Ukhanyo lukaKrestu alunakuze lucinywe. Lona lukhanya kubusuku obumnyama kwaye luyakubasa iintliziyo zethu futhi ukuba qha sithambekisela kuYe iintliziyo zethu. (bona 1 Iikumkani 8:58).

Nokuba singawa kangaphi na okanye kude kangakanani na, uKhanyo lukaKrestu luyavutha rhoqo ngokukhamzilayo. Kwaye nkqu nakobunzulu bobusuku, ukuba kodwa sinyathelela ngakuYe, ukhanyo lwaKhe luyakutshisa ziphele izithunzi kwaye lubase kwakhona imiphefumlo yethu.

Lo mdyarho wobufundi ayikukubaleka ngesantya samendu; lugqatso lomgama omde. Kwaye kwenza umehluko omcinane ukuba sihamba ngokukhawuleza okungakanani na. Eneneni, indlela kuphela esinokuphulukana ngayo nomdyarho kukunikezela ekugqibeleni okanye kukuxhoma itawuli.

Njengoko siqhubeka sinyukela phezulu kwaye sisondela ngakuMsindisi wethu, siphumelela umdyarho nezibane zethu zisavutha ngokukhazimlayo.

Kuba isibane asikho malunga nathi okanye malunga nento esiyenzayo.

Sona simalunga noMsindisi wehlabathi.

Kwaye olo luKhanyo olungenokwenziwa lube luzizi. Lona luKhanyo oluginya ubumnyama, oluphilisa izilonda zethu, kwaye olucwebezela nkqu nasembindini wobunzulu beentlungu kunye nobumnyama obungaqondakaliyo.

Lona luKhanyo olwagqitha konke ukuqonda.

Yanga omnye nomnye wethu angagqiba indlela esithe sayiqala. Kwaye ngoncedo loMsindisi kunye noMkhululi wethu, uYesu Krestu, siyakugqiba ngovuyo kwaye izibane zethu zisavutha.

Isikhumbuzo

  1. Harpers Dictionary of Classical Antiquities(1898), “Lampadedromia,” www.perseus.tufts.edu/hopper. Ipawusaniyasi ichaza umdyarho wesibane owahlukileyo apho ababambi bezibane, kwakukwenzakala umntu omnye wayephuma kuhlanga ngalunye, babengagqithisi ngesibane sabo. Kodwa njenga kwi lampadedromia,umphumeleli yayiba ngumntu wokuqala ofika esiphelweni somdyarho nesibane sakhe sisavutha.

Ukufundisa KuloMyalezo

Cingisisa ngokukhuthaza abo ubafundisayo ukuba baqwalasele apho bakhoyo “kwimidyarho” yabo yobomi. Ingaba izibane zabo ziyavutha ngokukhazimla? Ungafunda isaci esithi Ukhanyo lukaKrestu “lukhanyo oluginya ubumnyama, oluphilisa izilonda zethu, kwaye lucwebeza nkqu nasembindini weentlungu ezinzulu kunye nasebumnyameni obungathethekiyo.” Ngoko ke cingisisa ngokuxoxa nabo ubafundisayo ukuba Ukhanyo lukaKrestu lubuchukumise kanjani ubomi babo kwixesha elidlulileyo kwaye lubuchukumisa ubomi babo kanjani ngoku.