2016
Izenzo Ezikhokelela Elonwabeni
Janyuwari 2016


Ulutsha

Izenzo Ezikhokelela Elonwabeni

UMongameli Eyring ufundisa ukuba “ulonwabo esilufunela abo sibathandayo luxhomekeke kukhetho lwabo.”

Ungafunda ngesiphumo esithi ukhetho lubenaso kwimizekelo yooNifayi, Leymeni kunye noLemuweli. ULeymeni kunye noLemuweli bambombozela kwaye babengafuni ukugcina imiyalelo (bona 1 Nifayi 2:12). Isiphumo soko, bona kunye nezizukulwana zabo baqalekiswa kwaye basikelwa ngaphandle kubukho beNkosi (bona 2 Nifayi 5:20–24). UNifayi wakhetha ukuthobela imithetho (bona 1 Nifayi 3:7), kwaye ngenxa yoko, yena kunye nabantu bakhe “bahlala ngohlobo lolonwabo” (2 Nifayi 5:27).

Ungakhetha ukuba ulunge kwaye wonwabe. Kodwa abantu abakungqongileyo mhlawumbi bayakwenza ukhetho olungalunganga olukhokelela kwintlupheko kunye nogqushalazo. Nangona ezo zigqibo kuzezabo ukuzenza, umzekelo wakho ungachukumisela ukhetho lwabo kubulungisa. Ingaba ukhetho lwakho lungabazisela kanjani ulonwabo abanye? Xoxa nosapho lwakho ngeendlela ezahlukeneyo ongaphembelela ngazo ngokuhle abo bakungqongileyo kwaye ubancede baluve ulonwabo.