2016
Ulonwabo lwabo Sibathandayo
Janyuwari 2016


Umyalezo woBongameli BokuQala, uMqungu 2016

Ulonwabo lwabo Sibathandayo

Sonke sifunela abo sibathandayo ulonwabo , kwaye sibafunela intlungu encinane kangangoko kunokwenzeka. Njengoko sifunda iingxelo zolonwabo—kunye nezentlungu- kwiNcwadi kaMormoni, iintliziyo zethu ziyachukumiseka njengoko sicinga ngabo sibathandayo. Nantsi ingxelo yokwenene yexesha lolonwabo:

“Kwaye kwenzekile okokuba kungabikho mbambano elizweni, ngenxa yothando lukaThixo olwaye lwazinza lwahlala ezintliziyweni zabantu.

“Kwaye kwakungekho mona, nazingxabano, naziphithiphithi, nahenyuzo, nabuxoki,nakubulala, okanye naluphi na uhlobo loburheletya, kwaye ngokwenene kwakungenakubakho bantu babonwabe ngaphezulu phakathi kwabo bonke abantu ababedalwe ngesandla sikaThixo.”

Ngoko ke siyafunda:

“Kwaye babenokunjani ukusikeleleka! Kuba iNkosi yaye yabasikelela kuzo zonke izenzo zabo; ewe, kwa nokude basikelelwe kwaye bachunyiswa yade iminyaka elikhulu elineshumi yabe idlule; kwaye isizukulwana sokuqala ukusuka kuKrestu sadlula, kwaye kwakungekho mbambano kulo lonke ilizwe.” (4 Nifayi 1:15–16, 18).

Abafundi abathandayo bakaKrestu bayathandaza kwaye basebenzela intsikelelo enjalo kwabanye abantu kunye nabo buqu. Okuvela kwiingxelo kwiNcwadi kaMormoni kunye, nakuninzi lwethu, kumava wethu, siyazi ukuba isipho solonwabo siyafikeleleka. Siyazi ukuba indlela eya elonwabeni iphawulwe ngokucacileyo. Thina siyazi futhi ukugcina ulonwabo akukho lula ngaphandle kokuba, njengama Nifayithi emva kondwendwelo loMsindisi, “uthando lukaThixo” luhlala ezintliziyweni zethu.

Olo thando lwalusezintliziyweni zamaNifayithi kuba ayegcina umthetho owawusenza oko kubenokwenzeka. Isishwankathelo saloomthetho sifumaneka kwimithandazo yomthendeleko, ethi iqale ngombongozo wentliziyo onyanisekileyo kuBawo wethu Osezulwini onothando. Thina sithandaza ngentliziyo egcwele ukholo, kwaye nangothando olunzulu, kuMsindisi wethu. Sizinikezela ngenjongo yokwenene ukuthabathela kuthi igama laKhe, ukumkhumbula Yena, kunye nokugcina imiyalelo yaKhe yonke. Ekugqibeleni, sibonisa ukholo ukuba uMoya oyiNgcwele, ilungu lesithathu lobuThixo, unokuhlala usoloko unathi, ungqine kwiintliziyo zethu ngoBawo kunye noNyana waKhe oyiNtanda. (Bona Iimfundiso & IMinqophiso 20:77, 79.)

Ngobudlelwane boMoya oyiNgcwele, iintliziyo zethu zingatshintsha khon’ ukuze sifune kwaye samkele uthando lukaBawo wethu Osezulwini kunye neNkosi uYesu Krestu. Indlela yokufumana uthando lukaThixo kwiintliziyo zethu ilula, njenge ndlela yokuphulukana noluvo lolothando ezintliziyweni zethu. Umzekelo, omnye umntu angakhetha ukuthandaza kancinci kuBawo Osezulwini okanye ukungahlawuli isishumi esipheleleyo okanye ukuyeka ukuzondla kwilizwi likaThixo okanye ukungahoyi amahlwempu kunye nabasweleyo.

Naluphi na ukhetho lokungagcini imiyalelo yeNkosi lungabangela ukuba uMoya urhoxe kwiintliziyo zethu. Ngaloo lahleko, ulonwabo luyanyamalala.

Ulonwabo esilufunela abo sibathandayo luxhomekeke kukhetho lwabo. Kangangoko sithanda umntwana, umphandi, okanye abahlobo bethu, asinakubanyanzela ukuba bagcine imithetho khon’ ukuze balungele ukuba uMoya oyiNgcwele ubachukumise kwaye utshintshe iintliziyo zabo.

Ngoko ke olona ncedo lungundoqo esingalunikeza kungaba yiyo nantoni na ekhokelela abo sibathandayo ukuba bagade ukhetho lwabo. U-Alma wakwenza oko ngesimemo onganikela ngaso:

“Kodwa okokuba ningazithoba phambi kweNkosi, nize nilibize igama layo elingcwele, nize nilinde kwaye nithandaze ngamaxesha onke, ukuze ningahendeki ngaphezu koko ninakho ukukuthwala, nize njalo nikhokelwe nguMoya oyiNgcwele, nithozame, nilulame, nithobeke, nibe nomonde, nizele luthando nako konke ukuzeka kade umsindo;

“Ninokholo kuyo iNkosi; ninethemba lokuba niya kufumana ubomi obu ngunaphakade; ninothando lukaThixo ngamaxesha onke ezintliziyweni zenu, ukuze nibe nokuphakanyiselwa phezulu ngomhla wokugqibela nize ningene ekuphumleni kwakhe” (Alma 13:28–29).

Ndiyathandaza ukuba abo ubathandayo bangasamkela isimemo esiphembelelekileyo sokukhetha indlela eya elonwabeni olungapheliyo.

Ukufundisa Ngalo Myalezo

UMongameli Eyring ufundisa ukuba ulonwabo esiluvayo ebomini luxhomekeke kwizigqibo esizenzayo. Njengoko uxoxa ngalo myalezo, cingisisa ngokuqwalasela kwizinto uMongameli Eyring azitshoyo esingazikhetha ukuzenza (ezinje ngokuthandaza, ukusebenza, ukubonisa ukholo, kunye nokuzinikezela ngenjongo yokwenene) ukusikhokelela kuloo ndlela eya elonwabeni. Ubungamema abo ubafundisayo ukuba babhale phantsi izenzo ezimbini okanye ezintathu abangathanda ukuzithabatha ezingabalathisa ngcono “kwindlela eya elonwabeni olungapheliyo.”