2017
Uncumo Lungenza Umehluko
Janyuwari 2017


Ulutsha

Uncumo Lungenza Umehluko

Umongameli uUchdorf uchonga amanqaku amabini esinokuthi sibenawo kwezethu izenzo: Thanda uThixo kunye nabantu. Kodwa maxawambi akululanga olohlobo ukuthanda abanye. Kubo bonke ubomi bakho, kungakho amanye amaxesha ufumana kunzima ukunxumelela nabanye abantu- mhlawumbi omnye umntu ukuhluphile okanye uyanzinyelwa kuku nxibelelana okanye awuhambiselani nomnye umntu. Ngawo lamaxesha, zama ukukhumbula uthando owalivayo kwizihlobo, usapho, Ubawo Wethu Osemazulwini no Yesu Krestu. Khumbula uvuyo owaluvayo kwezimeko uze uzame ukubona ukuba wonke umntu ebene thuba lokuva uthando olunje. Khumbula ukuba wonke umntu uyintombi okanye unyana ka Thixo kwaye ufanelwe luthando Lwakhe kwakunye Nelakho uthando.

Cinga ngomntu uthile ebomini bakho othe wanobunzima bokuhambiselana naye. Baquke kwimithandazo yakho kwaye ucele uBawo Osemazulwini avule intliziyo yakho kubo. Uzoqalisa ukubabona ngendlela Ababona ngayo: njengabantwana Bakhe abafanele uthando.

Emveni uthandazile, benzele into entle! Mhlawumbi ubamemele kwisenzo Esiqukayo okanye kwimpumo nezihlobo. Zityumbe ekubancedeni kumsebezi wasekhaya. Nokuthi “hallo” uze ubancumele. Intwana ezincinci zingenza umehluko omkhulu.… Kubomi benu nobabini!