2017
Umsebenzi -nenjongo yo Mbutho wooMama
Janyuwari 2017


Umyalezo waBandwendweli Makhaya eyo Mqungu 2017

Umsebenzi-nenjongo yoMbutho wooMama

Funda ngokuthandaza ezizinto kwaye uphande impembelelo yokuba yintoni na onokuyaba

Ukholo, Usapho, Uncedo

Umsebenzi-nenjongo yoMbutho wooMama iku “lungiselela amabhinqa iintsikelelo zobomi banaphakade” Kutsho uLinda K Burton, Umongameli Jikelele woMbutho wooMama.1 Kungo kholo, usapho, kunye noncedo esizibandakanya nalo kwi “nxanye abalulekileyo Kumsebenzi”2

Umbutho wooMama “lele thutyana kwaye lelomsebenzi wokomoya,” utsho uCarole M. Stephens Umcebisi Wokuqalakwi Mbutho wooMama kwa Bongameli Jikelele. “yinto ebisenziwa ngamabhinqa kwintsuku zoMsindisi, kwaye kuko esiqhubeka sikwenza.”3

Njengoko sijonga kwi bhinqa lomMsamariya equleni, owashiya imbiza yakhe yamanzi waza wabaleka eyokuxelela abanye ukuba uYesu ngumprofeti (bonaYohane 4:6–42 Okanye ku Phebe, owaye nceda abanye ngovuyo kubomi bakhe bonke (bona Abase Roma 16:1–2, Sibona imizekelo yamabhinqa kwintsuku zoMsindisi abathatha inxaxheba ekuzeni kuye uKrestu. Nguye osivulela indlela kubomi banaphakade (bona Yohane 3:16

Njengoba sijonge kodade abangovulindlela bethu eNauvoo, Illinois, abadibanela kwa Sarah Kimball ngo 1842 ukuseka umbutho ongo wabo, sibona icebo lika Thixo loku zisa Umbutho wooMama lubala kwaye limgcamnye nobubingeleli. Emveni uEliza R. Snow wabhala Umgaqo-siseko, umprofethi uJoseph Smith wawujonga kwakhona. Wabona ukuba inkonzo ayikagqitywa ukubunjwa de amabhinqa abe acwangcisiwe. Uye wathi ukuba Inkosi iwamkeleumnikelo wawo kodwa kukhona okungcono. “Ndiyakumisa abafazi ngaphantsi kobubingeleli emva kwepatheni yobubingeleli” watsho.4

Umbutho wooMama ayi lilo nje alinye iqela lamabhinqa azama ukwenza okulungileyo ehlabathini. Yona yahlukile. Yinto ayahlukileyo. Yayi ‘yinto engcono’ ngoba yayi cwangciswe ezantsi kwegunya lobubingeleli. Ucwangciso lwalu linyathelo lwemfuneko ekuthyilweni kwemisebenzi ka thixo emhlabeni.”5

Ukongezwa Kwizibhalo no lwazi

iimfundiso Nemiqondiso 25:2–3, 10; 88:73; reliefsociety.lds.org

Izikhumbuzo

  1. Linda K. Burton, ku Sarah Jane Weaver, “Umbutho wooMama ubhiyozela umhla wozalwa Naga kumbi, eyoKwindla 17,” Iindaba zeBandla eyoKwi. 13, 2015, news.lds.org

  2. Linda K. Burton, ku Sarah Jane Weaver, “Umbutho wooMama ubhiyozela umhla wozalwa”

  3. Carole M. Stephens, ku Weaver, “Umbutho wooMama ubhiyozela umhla wozalwa

  4. Joseph Smith ku Daughters in My Kingdom The History and Work of Relief Society 201197

  5. Daughters in My Kingdom 87

Cingisisa Ngoku

Umbutho wooMama uwanceda njani amabhinqa azalisekise indima yawo ekhethekileyo ka Bawo Osemazulwini aze awakhokelele kubomi obungunaphakade?