2021
Ukuzakha Wena ngokuGqwesileyo
EyoMsintsi 2021


“Ukuzakha Wena ngokuGqwesileyo,” Kwenzelwe Ukomelezwa KoLutsha, EyoMsintsi 2021, 6–7.

UMyalezo wangeNyanga Kwenzelwe Ukomelezwa KoLutsha, EyoMsintsi 2021

Ukuzakha Wena ngokuGqwesileyo

Iindlela ezintlanu zokwakha ubomi obonwabileyo nobugcobileyo.

IMfundiso neMinqophiso 95:13–14

Umfanekiso
I-X-Ray yentombazana encinane, isicwangciso setempile

Imizobo nguJuliet Percival

Xa iNkosi yayiyalela uJoseph Smith ukuba okhe iTempile yaseKirtland, Yona ayizange imshiye ukuba azicingele indlela awayeya kukwenza ngayo ngokunokwakhe. Yatyhila isicwangciso esasiya kukhokelela empumelelweni.

“Mayakhiwe indlu, ingekuko okohlobo lwehlabathi,” yabhengeza iNkosi. “Mayakhiwe emva kohlobo endiya kulubonisa” (IMfundiso neMinqophiso 95:13–14). INkosi yaze yanika imiyalelo yokokuba mayokhiwe njani itempile (bona IMfundiso neMinqophiso 95:15–17).

Ngombulelo, iNkosi isibonisile okungaphezu kunokwakha iitempile nje qha. Yona ikwasinike nemiyalelo yokusinceda ukuba sibe ngabantu abagqwesileyo esingaba ngabo. Njengoko siyilandela, siya kukwakha ubomi bethu “ingekuko okohlobo lwehlabathi” kodwa ngendlela iNkosi eyenze ngayo.

Nazi iindlela ezintlanu zokwakha ubomi obonwabileyo nobugcobileyo obugxile kuYesu Krestu.

Yokha Isiseko Esiqinisekileyo

Nawuphi na umyili wezakhiwo okanye umokhi uya kukuxelela ukuba isiseko esiluqilima sibalulekile nakwesiphi na isakhiwo. UHilamani wafundisa ukuba esona siseko sigqwesileyo sobomi bethu “liliwa loMkhululi wethu, onguKrestu, uNyana kaThixo” (Hilamani 5:12). Singenza uKrestu isiseko sethu ngokuza kuYe nangokulandela iimfundiso zaKhe. Uziva uqhuba kanjani ekwenzeni uKrestu isiseko sobomi bakho?

Nceda Abanye

Umfanekiso
iinyawo

Enye indlela enkulu yokwakha ubomi bethu, ngokukaMongameli Dieter F. Uchtdorf, owayesakuba nguMcebisi weSibini kuBongameli bokuQala, iza xa “sisezinyaweni zethu sikhonza iNkosi sinceda nabo basingqongileyo.”1 Xa unceda abanye, wenza oko uYesu wakwenzayo kwaye ufunda ukufana naYe ngakumbi. Kwaye awuzukusikelela kuphela ubomi babantu obancedayo, kodwa nawe uya kusikeleleka kananjalo.

Yenza Isicwangciso Esiqhelekileyo soMthandazo kunye Nofundo lweZibhalo eziNgcwele

Umfanekiso
izandla ezithandazayo

Enye indlela yokwakha ubomi obonwabileyo kukwakha ubudlelwane noBawo waseZulwini kunye noYesu Krestu. Indlela enkulu yokwenza oko kungomthandazo nangofundo lwezibhalo ezingcwele.

UMongameli Uchtdorf wathi: “Ukomeleza ubudlelwane bethu noThixo, kufuneka sibenexesha elibalulekileyo sodwa kunye naYe. Uqwalasele ngokuzolileyo kumthandazo wobuqu wemihla ngemihla kunye nofundo lwezibhalo ezingcwele… kuya kuba lutyalo-mali olukrele-krele lwexesha lethu kunye neenzame zethu ekusondeleni kufutshane noBawo wethu oseZulwini.”2

Umthandazo ulithuba lokuqhagamshelana noBawo wethu oseZulwini. Uyasazi, kwaye uyasithanda, kwaye ufuna ukuva kuthi! Xa sithandaza ngokunyanisekileyo, sinikela ngemibulelo yethu, kwaye sicele izinto esizisweleyo, Yena uyamamela kwaye usoloko ephendula ngendlela yaKhe nangexesha laKhe.

Xa kuziwa kufundo lwezibhalo ezingcwele, akukho ndlela enye elungileyo yokwenza njalo. Into ebalulekileyo yeyokuba uyakwenza! UMongameli Russell M. Nelson ufundise, “Ukuzintywilisa yonke imihla elizwini likaThixo kubalulekile ekuphileni kwasemoyeni.”3 Ukuchitha ixesha suku ngalunye ezibhalweni ezingcwele, ngaphandle kokuthandabuza, kuya kukunceda wokhe ubomi bokholo kunye namandla.

Zingqonge Nabo Bakukhuthaza ukuba Wenze Okulungileyo

Umfanekiso
inkwenkwe eneengalo ezoluliweyo

UBawo oseZulwini ufuna ukuba siqhagamshelane kwaye sokhe nobudlelwane nabanye—ingakumbi usapho kunye nabahlobo. Sihlala sibunjwa ngabo sichitha ixesha nabo. Nokokuba bangamalungu eBandla okanye abangawo, kumele uzingqonge nabantu abakunceda ukuba uphile ivangeli, ugcine imigangatho yeNkosi, kwakunye nokuba ubengumntu ongcono. Usenokubanceda abo bakungqongileyo benze okufanayo. Ngowuphi kubahlobo bakho okunceda ukuba wokhe isiseko sakho phezu kobulungisa?

Fumana uVuyo eKwakheni Isiseko Sakho

Zininzi ezinye iindlela ongokha ngazo ubomi bakho ukuba bomelele ngokwasemoyeni kwakunye nokuba novuyo, kuquka nokuya enkonzweni nokuthatha umthendeleko, nokwenza nokugcina iminqophiso, kunye nokulandela ingcebiso yabaprofeti abaphilayo.

Kubalulekile ukukhumbula ukuba zonke ezi zinto zithatha umsebenzi nexesha. Kusoloko kukhona ukwakhiwa kunye nokufunda ekumele kwenziwe, kodwa akunyanzelekanga ukuba ukwenze wedwa. INkosi iya kukunceda suku ngalunye njengoko usenza konke ukwakha ubomi obuya kuthi wena kunye naYo niqhayise ngabo kwaye oko kuya kukuzisela uvuyo.

Izikhumbuzo

  1. Dieter F. Uchtdorf, “Waiting on the Road to Damascus,” Tshazimpunzi 2011 inkomfa yajikelele (Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2011, 76).

  2. Dieter. F. Uchtdorf, “Of Things That Matter Most,” eyeDwarha 2010 inkomfa yajikelele (Ensign okanye Liyahona, Nkanga 2010, 21).

  3. Russell M. Nelson, “Mveni Yena,” Tshazimpunzi 2020 inkomfa yajikelele (Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2020, 89).