2021
ITempile yaseKirtland
EyoMsintsi 2021


“ITemple yaseKirtland,” Umhlobo, EyoMsintsi 2021.

UMyalezo wangeNyanga Umhlobo, EyoMsintsi 2021

ITempile yaseKirtland

Umfanekiso
UJoseph Smith ebona umbono weTempile yaseKirtland

UThixo waxelela uJoseph Smith ukuba okhe itempile. Isityhilelo sabonisa indlela eyayiya kukhangeleka ngayo. Yayiya kuba yindlu kaThixo.

Umfanekiso
ukwakhiwa kweTempile yaseKirtland

AbaNgcwele basebenzisana ukuncedisa ekwakheni itempile. Amadoda okha iindonga ezinde. Abafazi benza iikhetheni kunye nekhaphethi. Abantwana bancedisa ngokuzisa izixhobo zokwakha namanzi kubasebenzi.

Umfanekiso
abantu becula

Xa itempile yayigqityiwe, abaNgcwele baye bangena ngaphakathi. Bacula ingoma kwaye babekhwaza “Hosana!” UJoseph wenza umthandazo wokungcwalisa (wokusikelela) itempile.

Umfanekiso
UYesu Krestu endwendwela iTempile yaseKirtland

Emva kweveki, uYesu Krestu wandwendwela uJoseph Smith no-Oliver Cowdery etempileni. UYesu wathi Yena uyayamkela itempile njengendlu yaKhe.

Umfanekiso
abantwana kumhlaba wasetempileni

Namhlanje kukhona iitempile kwihlabathi jikelele. Itempile nganye iyindawo engcwele. Ngenye imini ndiya kungena ngaphakathi kwaye ndenze izithembiso kunye noThixo.

Iphepha lokufakela Imibala

ITempile Iyindawo eNgcwele

Umfanekiso
omnye umntwana esabelana nomnye ngekopi ye-Umhlobo

Cofa kumfanekiso ukuze ukhuphele.

Umzobo ngu-Apryl Stott

Kutheni itempile ikhethekile?