2021
INkomfa yaJikelele: INtlangano yeBandla likaZwelonke
EyoMsintsi 2021


“INkomfa yaJikelele: INtlangano yeBandla likaZwelonke,” Liyahona, EyoMsintsi 2021

UMyalezo wangeNyanga weLiyahona, EyoMsintsi 2021

INkomfa yaJikelele: INtlangano yeBandla likaZwelonke

Simamela abaprofeti kunye nezinye iinkokheli zeBandla ngelixa lenkomfa yajikelele. Basifundisa oko uThixo afuna ukuba sikuve.

Umfanekiso
Umphandle weZiko leNkomfa

Rhoqo kuTshazimpunzi nakweyeDwarha, iBandla libamba uthotho lwemihlangano ebizwa ngokuba yinkomfa yajikelele. Iinkokheli zifundisa kwaye zingqina malunga noYesu Krestu kunye nangevangeli yaKhe. Inkomfa yajikelele ibanjelwa eSalt Lake City, Utah, USA, kwaye iyasasazwa kwihlabathi jikelele ngeelwimi eziphezulu kwama–80. Onke amalungu kunye nabanye abantu abanomdla bayamenywa ukuba bamamele iintetho.

Umfanekiso
Umphakathi weZiko leNkomfa

IiNkomfa zeBandla lokuQala

IBandla lasekwa ngokusesikweni kumhlangano owawubanjwe kuTshazimpunzi, 6, 1830 (bona IMfundiso neMinqophiso 20). Inkomfa yajikelele yokuqala yayibanjwe kweyeSilimela 9, 1830. Ukusukela ngoko, iinkomfa zajikelele ziye zabanjelwa phantsi kwesikhokelo soMongameli weBandla naphi na apho amalungu ayengahlanganela khona. Kwiminyaka ye-1840, iinkokheli zaqala ukubamba inkomfa kabini ngonyaka.

Umfanekiso
UMongameli Nelson esemgangathweni wokushumayela

Indlela iiNkomfa Ezicwangciswa Ngazo Namhlanje

UBongameli bokuQala, neQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini, kunye nezinye iinkokheli zeBandla ziyathetha ngelixa lenkomfa yajikelele. ITabernacle Choir eTemple Square kunye nezinye iikwayala zeBandla zibonelela ngomculo. Inkomfa nganye inamahlelo amahlanu: amathathu ngoMgqibelo kuye namabini ngeCawa. KuTshazimpunzi, ihlelo lesithathu ngoMgqibelo lelamalungu wamaQumrhu woBubingeleli buka-Aron nobukaMelkitsedeke. KweyeDwarha, libalelamalungu oMbutho waManina kunye naMantombazana Asemancinane.

Iimfundiso zeeNkokheli

Kwiinyanga ezingaphambi kwenkomfa, iinkokheli zeBandla ziye zithandazele oko kumele zifundise ngako. INkosi iyaziphembelela ukuba zazi ukuba zithethe ngantoni. Zifundisa iinyaniso zevangeli kwaye zisimemela ukuba sigcine imithetho kaThixo. Ziye zingqine ngoYesu Krestu kwaye zisikhuthaze ukuba simlandele Yena.

Ukufunda kwiNkomfa

Ngaphambili kwenkomfa yajikelele, singathandazela ukuva oko iNkosi ifuna ukuba sikufunde. Njengoko simamela iintetho, uMoya uya kusifundisa oko sidinga ukukwazi. Emva kwenkomfa, iintetho ziyavela ku–ChurchofJesusChrist.org, nakusetyenziso lweThala leeNcwazi zeVangeli, kwakunye nakwi–Liyahona. Singafunda iintetho ngokuthandaza ukuze sifunde ngakumbi ngoYesu Krestu kunye nangevangeli yaKhe.

Okuvela kwiZibhalo eziNgcwele

UYesu Krestu wafundisa ukuba kumele sihlangane rhoqo (bona 3 Nifayi 18:22).

Xa amalungu eBandla enqula kunye, iNkosi iya kuba kunye nawo (bona Mateyu 18:20).

INkosi yayalela amalungu eBandla ukuba “niya kuyalela nize niphuculane” (IMfundiso neMinqophiso 43:8).

Njengoko amalungu eBandla ebonisa ukholo kuKrestu, uMoya waKhe uya kuba kunye nawo njengoko ehlangana (bona IMfundiso neMinqophiso 44:2).