2022
Zezam ndaye Ndiyazazi
EyoMqungu 2022


“Zezam ndaye Ndiyazazi,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyoMqungu 2022.

UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha EyoMqungu 2022.

“Zezam ndaye Ndiyazazi”

Moses 1

Umfanekiso
intombazana phakathi kwesihlwele

Umfanekiso uphuma kwi-Getty Images

Wakhe waziva ungabalulekanga? Usenokuba waziva ngolu hlobo xa wawucinge malunga nokuba bangaphi na abantu abakhoyo ehlabathini okanye ujonge ukuba zingaphi iinkwenkwezi esibhakabhakeni. Wakhe wacinga ngokuba uThixo ingaba uyakwazi ukuba ungubani nendlela ubomi bakho obuyiyo? Ukuba kunjalo, uMoses unomyalezo wakho.

Kumbono, uThixo wabonisa uMoses isuntswana ngalinye lomhlaba kunye nawo wonke umntu owayeya kuhlala phaya. Kwaye aye “engabaleki njengentlabathi phezu konxweme lolwandle” (Moses 1:28). UThixo waye waxelela uMoses ukuba Yena wenza “amazwe angenakubaleka” (Moses 1:33)—okokuba iindalo zaKhe zifikelela ngaphaya kwalo mhlaba.

UMoses kusenokwenzeka ukuba waziva onganyelwe xa wayebona zonke ezi zinto. Mhlawumbi wacinga: Ndingena ndawoni mna kwiindalo ezininzi kangaka? Kwaye uThixo ukukhumbula njani oku kungaka?

Impendulo kaThixo yayilula: “Zonke izinto zibaliwe kum.” Kanjani? “Zezam ndaye ndiyazazi” (Moses 1:35). UThixo wayemazi ukuba uMoses wayengubani, njengokuba Yena ebazi bonke abantwana baKhe, kunye nazo zonke iindalo zaKhe. Zonke zezaKhe—iinkwenkwezi, intlabathi, kunye ingakumbi nabantwana baKhe emhlabeni. Basisizathu sonke sokuba Yena adale umhlaba. Usindiso lwabo lwanaphakade ngowona msebenzi ubaluleke kakhulu kuThixo.

“Kuba qaphela, lo ngumsebenzi wam nozuko lwam—ekwenzeni kubekho ukungafi nobomi obungunaphakade bomntu” (Moses 1:39).

Ngokufanayo nokuba uMoses wafunda ukuba ungena ndawoni kwicebo likaThixo, nawe ungaqinisekiswa okokuba uThixo uyakwazi! Ukukunceda ukuba ubuyele kuYe kungumsebenzi nozuko lwaKhe. Ngokuba kutheni? Ngokuba wena ungowaKhe. Kwaye akukho nto ingabalulekanga ngoko!