2022
Phambi Kokuba Size eMhlabeni
EyoMqungu 2022


“Phambi Kokuba Size eMhlabeni,” Imiyalezo yeNyanga Umhlobo EyoMqungu 2022

“Phambi Kokuba Size eMhlabeni”

Imiyalezo yeNyanga Umhlobo EyoMqungu 2022

Phambi Kokuba Size eMhlabeni

Umfanekiso
UBawo oseZulwini kunye noYesu Krestu kwilizwe loomoya langaphambi kobu bomi

Imizobo ngu–Apryl Stott

Phambi kokuba sizalwe, sasiphila ezulwini noBawo oseZulwini. Yena wasifundisa ngecebo laKhe lolonwabo.

Umfanekiso
inkwenkwe ilila, intombazana nebhola ekhatywayo

UBawo oseZulwini wathi sizo kuza emhlabeni ukuze sifumane imizimba. Thina sasiya kufunda kwaye senze ukhetho. Ngamanye amaxesha sasiya kwenza iimpazamo. Sasiya kudinga uMsindisi.

Umfanekiso
intombazana enebhola ekhatywayo ithuthuzela inkwenkwe elilayo

UMsindisi wayeya kusibonisa ukuba siphile njani. Kwaye xa senze ukhetho olungalunganga, sasiya kukwazi ukuguquka.

Umfanekiso
uYesu Krestu kubomi obuphambi kobu

UYesu wathi, “Ndikho; thuma mna.” UBawo oseZulwini wakhetha Yena okokuba abe nguMsindisi wethu. UYesu wathembisa ukuza emhlabeni ukuze asisindise.

Umfanekiso
UBawo oseZulwini noYesu Krestu kubukumkani beselestiyali

Mna ndingamlandela uYesu. Ngenye imini ndiya kukwazi kwaye ndibuyele ndiphile noBawo oseZulwini.

Iphepha lokufakela Imibala

Ndingumntwana kaThixo

Umfanekiso
abantwana bejonge iinkwenkwezi

Cofa kumfanekiso ukuze ukhuphele.

Umzobo ngu-Apryl Stott

Uluva njani uthando lukaBawo oseZulwini?