2022
Ukuwa Kwakuyinxalenye yeCebo likaThixo
EyoMqungu 2022


“Ukuwa Kwakuyinxalenye yeCebo likaThixo,” Liyahona, EyoMqungu 2022

Umyalezo weNyanga Liyahona EyoMqungu 2022

Ukuwa Kwakuyinxalenye yeCebo likaThixo

Ngenxa yokuwa, sifumana ukuza emhlabeni kwaye ngenye imini siya kukwazi ukubuyela siyokuphila noBawo oseZulwini kwakhona.

Umfanekiso
Adam noEva

Adam and Eve in the Garden of Eden [U-Adam noEva kuMyezo weEden], nguRobert T. Barret

KuMyezo weEden, uThixo wayalela uAdam noEva ukuba bangasityi isiqhamo somthi wokwazi okulungileyo nokungalunganga. Waze wabaxelela Yena, “Umele ukuzikhethela, … kodwa, khumbula okokuba ndikwalele” (Moses 3:17). USathana wahenda uEva ukuba atye isiqhamo somthi. Yena wamxelela, “Niya kuba njengoothixo, nazi okulungileyo nokubi” (Moses 4:11). Waye wasitya isiqhamo kwaye waye wabelana ngaso noAdam. UThixo wabakhuphela ngaphandle eMyezweni weEden

Ukuwa

Umfanekiso
U-Adam no-Eva

Adam and Eve Cast Out of the Garden[U-Adam noEva Bakhutshelwa Ngaphandle eMyezweni], nguGary L. Kapp, ayimelanga ikotshwe

Xa uAdam noEva babesebemkile eMyezweni weEden, babengasekho kubukho bukaThixo. Oku kwahlukana noThixo kubizwa ngokufa ngokomoya. Ukumka emyezweni kwakuthetha ukuba uAdam noEva baye baba nomzimba ofayo kwaye banako ukufa. Nangona uAdam noEva babengasekho kunye noThixo kwaye babenomzimba ofayo, babonwabile kwaye benethemba bakubona ukuba bangakwazi ukuqhubekeka (bona Moses 5:10–11). “UAdam wawa ukuze abantu babekho, kwaye abantu bakho, ukuze bafumane uvuyo” (2 Nifayi 2:25).

Ixesha lokuVavanywa

Xa sizalwa, siphila kude noThixo, ngokufanayo nokuba uAdam noEva benzayo emva kokuwa. USathana usihenda ukuba senze ukhetho olubi. Ezi zihendo zisivumela ukuba sivavanywe kwaye sikhethe phakathi kokuhle nokubi (bona Alma 12:24). Xesha ngalinye sisona kwaye singaguquki, siya sibhekelela kude kuBawo oseZulwini. Kodwa ukuba siyaguquka, siya sisondela kufuphi kuBawo oseZulwini.

Ukufa ngoKwenyama

Umfanekiso
amangcwaba

Umhlaba wadalelwa thina (bona 1 Nifayi 17:36). Ukuwa kwakwenza kwabanako ukwenzeka ukuba uAdam noEva babe nokuphila umyalelo kaThixo wokuba nabantwana, kuvumela thina ukuba size apha emhlabeni nomzimba wenyama. Imizimba yethu iya kufa ngenye imini, kodwa imimoya yethu iya kuqhubekeka ukuphila. Imizimba nemimoya yethu iya kumanyaniswa kwakhona xa sivusiwe ekufeni.

Ukusindiswa nguYesu Krestu

Umfanekiso
Uvuko lukaYesu Krestu

The Resurrection [Uvuko], nguHarry Andersen

Ngamandla entlawulelo kaYesu Krestu, sinako ukoyisa ukufa kwenyama kunye nokufa ngokomoya. Ngenxa yokuba uKrestu wavuka ekufeni, wonke umntu ozelwe kulo mhlaba uya kuvuka kwaye aphile ngonaphakade. Kwaye ngenxa yokuba uYesu Krestu wathwala izono zethu, singaguquka kwaye sixolelwe ukuze siphile noBawo oseZulwini kwakhona.