“Ukuwa Kwakuyinxalenye yeCebo likaThixo,” Liyahona, EyoMqungu 2022
Umyalezo weNyanga Liyahona EyoMqungu 2022
Ukuwa Kwakuyinxalenye yeCebo likaThixo
Ngenxa yokuwa, sifumana ukuza emhlabeni kwaye ngenye imini siya kukwazi ukubuyela siyokuphila noBawo oseZulwini kwakhona.
KuMyezo weEden, uThixo wayalela uAdam noEva ukuba bangasityi isiqhamo somthi wokwazi okulungileyo nokungalunganga. Waze wabaxelela Yena, “Umele ukuzikhethela, … kodwa, khumbula okokuba ndikwalele” (Moses 3:17). USathana wahenda uEva ukuba atye isiqhamo somthi. Yena wamxelela, “Niya kuba njengoothixo, nazi okulungileyo nokubi” (Moses 4:11). Waye wasitya isiqhamo kwaye waye wabelana ngaso noAdam. UThixo wabakhuphela ngaphandle eMyezweni weEden
Ukuwa
Adam and Eve Cast Out of the Garden[U-Adam noEva Bakhutshelwa Ngaphandle eMyezweni], nguGary L. Kapp, ayimelanga ikotshwe
Xa uAdam noEva babesebemkile eMyezweni weEden, babengasekho kubukho bukaThixo. Oku kwahlukana noThixo kubizwa ngokufa ngokomoya. Ukumka emyezweni kwakuthetha ukuba uAdam noEva baye baba nomzimba ofayo kwaye banako ukufa. Nangona uAdam noEva babengasekho kunye noThixo kwaye babenomzimba ofayo, babonwabile kwaye benethemba bakubona ukuba bangakwazi ukuqhubekeka (bona Moses 5:10–11). “UAdam wawa ukuze abantu babekho, kwaye abantu bakho, ukuze bafumane uvuyo” (2 Nifayi 2:25).
Ixesha lokuVavanywa
Xa sizalwa, siphila kude noThixo, ngokufanayo nokuba uAdam noEva benzayo emva kokuwa. USathana usihenda ukuba senze ukhetho olubi. Ezi zihendo zisivumela ukuba sivavanywe kwaye sikhethe phakathi kokuhle nokubi (bona Alma 12:24). Xesha ngalinye sisona kwaye singaguquki, siya sibhekelela kude kuBawo oseZulwini. Kodwa ukuba siyaguquka, siya sisondela kufuphi kuBawo oseZulwini.
Ukufa ngoKwenyama
Umhlaba wadalelwa thina (bona 1 Nifayi 17:36). Ukuwa kwakwenza kwabanako ukwenzeka ukuba uAdam noEva babe nokuphila umyalelo kaThixo wokuba nabantwana, kuvumela thina ukuba size apha emhlabeni nomzimba wenyama. Imizimba yethu iya kufa ngenye imini, kodwa imimoya yethu iya kuqhubekeka ukuphila. Imizimba nemimoya yethu iya kumanyaniswa kwakhona xa sivusiwe ekufeni.
Ukusindiswa nguYesu Krestu
The Resurrection [Uvuko], nguHarry Andersen
Ngamandla entlawulelo kaYesu Krestu, sinako ukoyisa ukufa kwenyama kunye nokufa ngokomoya. Ngenxa yokuba uKrestu wavuka ekufeni, wonke umntu ozelwe kulo mhlaba uya kuvuka kwaye aphile ngonaphakade. Kwaye ngenxa yokuba uYesu Krestu wathwala izono zethu, singaguquka kwaye sixolelwe ukuze siphile noBawo oseZulwini kwakhona.
© 2021 yiIntellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe e-USA. Isivumelo sesiNgesi: 6/19. Isivumelo senguqulelo: 6/19. Inguqulelo yeMonthly Liahona Message, January 2022. Xhosa. 18295 774