2022
Ukuncedisa eLubizweni lweBandla
EyoKwindla 2022


“Ukuncedisa eLubizweni lweBandla,” Liyahona, EyoKwindla 2022.

UMyalezo wangeNyanga weLiyahona, EyoKwindla 2022

Ukuncedisa eLubizweni lweBandla

Iinkokheli zeBandla zicela amalungu ukuba ancedise kwimisebenzi ethile eyaziwa njengokuba “lubizo.” Ubizo lunika amalungu ithuba lokuba ancedise abanye nokuba basondele ngakumbi kuThixo.

Umfanekiso
indoda esesitulweni esinamavili ifundisa iklasi yeBandla

Ifoto nguDavid Bowen Newton

Xa sincedisa elubizweni lwethu, sinceda ekufezeni umsebenzi kaThixo. Sifundisa abanye malunga noBawo oseZulwini nangoYesu Krestu kwaye sinceda abo sibafundisayo ukuba basondele ngakumbi kuBo. Kwaye sikwafumana iintsikelelo njengoko sincedisa ngokunyanisekileyo.

Ukufumana Ubizo

Umfanekiso
umfana omncinane eme phambi kwentlangano yeBandla

Abo bancedisa eBandleni babizwa nguThixo. Iinkokheli zeBandla zithandazela impembelelo yokwazi ukuba zicele bani ukuba ancedise kubizo ngalunye. Inkokheli yeBandla icela ilungu ukuba lincedise kwaye icacisa imisebenzi yobizo. Amalungu ayaxhaswa kwintlangano yeBandla apho amalungu esebe anikela ngelizwi lenkxaso. Oku kuthetha ukuba bazimisele ukuxhasa umntu obiziweyo. Emva koko ilungu liphiwa intsikelelo yinkokheli yobubingeleli. Oku kubizwa ngokuba kukumiselwa bucala. Ilungu liya kunikwa igunya lokuba lisebenze elubizweni nezinye iintsikelelo zokuba zimncede akhonze.

OoBhishophu

Ubhishophu yinkokheli yesebe. (Esebeni, umongameli wesebe uyafana nobhishophu.) Umongameli wengqokelela yamasebe uye acebise ngombambi wobubingeleli ofanelekileyo ukuba makabizwe njengobhishophu. UBongameli bokuQala bayalwamkela ubizo. Ubhishophu uye axhaswe kwaye amiselwe bucala. Kwaye ukwafumana izitshixo zobubingeleli, oko kuthetha ukuba unegunya lokukhokela isebe. Ubhishophu, uncedisa kwaye akhokele onke amalungu esebe.

UBongameli

Amaqumrhu obubingeleli noMbutho waManina, nowaMantombazana Amancinane, nowaBantwana Abancinane, noweSikolo sangeCawa ikhokelwa bubongameli, ngokwesiqhelo ngumongameli nabacebisi ababini. Ubongameli bamaqumrhu wabadala bubizwa kwaye bumiselwe bucala bubongameli bengqokelela yamasebe. Ububhishophu bucela amalungu ukuba ancedise kobunye ubongameli esebeni kwaye bawamisela bucala. Zonke iinkokheli zincedisa amalungu emaqumrhwini azo okanye kwimibutho yazo. Zilungiselela iimfuno zamalungu kwaye ziwanceda ukuba aluve uthando lukaThixo.

Umfanekiso
umfazi ezisa ukutya kumama ophethe umntwana

Olunye Ubizo

Olunye ubizo lweBandla luquka ukufundisa, nokuncedisa ngomculo, nokugcina amaxwebhu, nokucwangcisela imisebenzi yolutsha nabantwana, kunye nokuncedisa ngezinye iindlela. Ubizo ngalunye eBandleni lubalulekile kwaye lunika amalungu ithuba lokuba ancedise abanye nokuba bakhonze uThixo. Njengoko sisebenzisana sonke ekufezekiseni ubizo lwethu, siye someleze abanye kwaye sincede iBandla ukuba likhule.