2022
UYosefu Ulungiselela Amaxesha Anzima
EyoKwindla 2022


“UYosefu Ulungiselela Amaxesha Anzima,” Imiyalezo yeNyanga Umhlobo, EyoKwindla 2022

“UYosefu Ulungiselela Amaxesha Anzima”

UMyalezo wangeNyanga woMhlobo, EyoKwindla 2022

UYosefu Ulungiselela Amaxesha Anzima

Umfanekiso
UYosefu phambi koFaro

Imizobo ngu–Apryl Stott

UYosefu wayengumprofeti. Wayephila eYiputa. Ngobunye ubusuku uFaro, ukumkani waseYiputa, waye wabanephupha elingaqhelekanga. Waye wabuza uYosefu ukuba lalithetha ukuthini elo phupha.

Umfanekiso
umntwana nesitya esingenanto

UThixo waye wanceda uYosefu ukuba aqonde iphupha. Kwiminyaka esixhenxe, abantu babeya kubanokutya okuninzi. Kuze eminyakeni esixhenxe, babengazukuba nakutya okwaneleyo. UYosefu waxelela uFaro.

Umfanekiso
UYosefu egcina iinkozo eYiputa

UYosefu wathi kwakumele bonge ukutya ngoku. Ngoko ke babeya kulungela amaxesha anzima. UFaro waye wabeka uYosefu akhokele ukulondolozwa kokutya. UYosefu waye wasebenza kanzima.

Umfanekiso
UYosefu ekhuphela abantu iinkozo

Xa kwakufika iminyaka esixhenxe yendlala, abantu babenokutya okwaneleyo kokutyiwa. Babenokutya okwaneleyo kangangokuba babesabelana nabanye.

Umfanekiso
usapho lusondela ngasebandleni

Ndingalungiselela ngoku. Ngoncedo lukaThixo, ndingagqitha kumaxesha anzima!

Iphepha lokufakela Imibala

Ubawo oseZulwini Uya Kundinceda Ndigqithe Kumaxesha Anzima

Umfanekiso
izalamane zivalelisa

Cofa kumfanekiso ukuze ukhuphele.

Umzobo ngu-Apryl Stott

Ingaba uBawo oseZulwini ukuncede nini?