2022
Umva Kanjani Yena?
EyoKwindla 2022


“Umva Kanjani Yena?,” Kwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyoKwindla 2022.

UMyalezo wangeNyanga wo-Kwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyoKwindla 2022.

Umva Kanjani Yena?

Uphuma kwintetho yenkomfa yajikelele kaTshazimpunzi 2020.

Umfanekiso
iingceba zephazile
Umfanekiso
abantu kunye neengceba zephazile ezilahlekileyo

Imizobo ngu–Oksana Grivina

Kwakunye nenkokhelo enoxolo oyifumana kuMoya oyiNgcwele, ukusukela kwixesha ngexesha, uThixo ngokunamandla kwaye nangobuqu uyasiqinisekisa omnye nomnye wethu ukuba Yena uyasazi kwaye uyasithanda. Ngelo xesha, kwimizuzu yobunzima, uMsindisi ubuyisela la mava kwingqondo yethu.

Cinga ngobomi obubobakho. La mava asenokuza ngamaxesha angundoqo ebomini bethu okanye ngezinto ezisenokubonakala ekuqaleni ngathi zizehlo ezingabalulekanga. La mathuba omoya abalulekileyo aza ngamaxesha ahlukeneyo nangeendlela ezahlukeneyo, yenzelwe ubuqu komnye nomnye wethu.

UJoseph Smith wachaza ukuba ngamanye amaxesha siye sifumane “izihlandlo zesaquphe zeengcinga” kwaye ngamanye amaxesha umpompozo olusulungekileyo lwengqiqo.1

UMongameli uDallin H. Oaks, ekuphenduleni indoda eyayinyanisekile eyayibanga ukuba yona yayingakaze ibenamava anjalo, wacebisa, “Mhlawumbi imithandazo yakho seyiphenduliwe ngokuphinda-phindiweyo, kodwa wena okulindeleyo kugxile kuphawu olukhulu okanye kwilizwi elikhwazayo kakhulu apho ude ucinge ukuba awuzange ubenampendulo.”2

Mva nje sive uMongameli uRusell M. Nelson esithi: “Ndiyanimema ukuba nicinge ngokunzulu kwaye narhoqo ngalo mbuzo usisiseko: Wena umva njani Yena? Kwaye nam ndiyanimema ukuba nithathe amanyathelo wokumva ngokungcono Yena kwakunye narhoqo.”3

Amanqaku

  1. Teachings of Presidents of the Church: Joseph Smith (2007), 132.

  2. Dallin H. Oaks, Life’s Lessons Learned: Personal Reflections (2011), 116.

  3. Russell M. Nelson, “‘How Do You #HearHim?’ A Special Invitation,” Feb. 26, 2020, blog.ChurchofJesusChrist.org).