2022
Ikhokelwa ngabaProfeti abaPhilayo
EyoMsintsi 2022


“Ikhokelwa ngabaProfeti abaPhilayo,” Liyahona, EyoMsintsi 2022.

UMyalezo weNyanga weLiyahona, EyoMsintsi 2022

Ikhokelwa ngabaProfeti abaPhilayo

Umfanekiso
Iinkokheli zeBandla phambi komfanekiso oqingqiweyo kaChristus

Abaprofeti ngamadoda abizwe nguBawo oseZulwini ukuze athethele Yena. Bona bangqina ngoYesu Krestu kwaye bafundisa ivangeli yaKhe. Amalungu eBandla labaNgcwele beMihla yokuGqibela akholelwa kubo bobabini abaprofeti bamandulo nabanamhlanje.

UThixo uThetha ngabaProfeti

Abaprofeti bafumana isityhilelo esivela kuThixo. Xa abaprofeti bechukumiseka ukuba basifundise, kuyafana nokungathi uThixo uthethe nathi (see IMfundiso neMinqophiso 1:38). Thina singathemba ukuba bona basixelela oko uThixo afuna okokuba sikwazi.

Umfanekiso
UMormoni namacwecwe egolide

UMormoni Eshankathela amaCwecwe, ngu Tom Lovell

AbaProfeti baFundisa ngoYesu Krestu

Bonke abaprofeti bangqina ngoYesu Krestu. Bona basifundisa ukuba Yena unguNyana kaThixo. Bona basifundisa ngobomi, umzekelo, nentlawulelo yaKhe. Kwaye basibonisa ukuba simlandele kwaye siyithobele njani imiyalelo yaKhe.

Uxanduva lwabaProfeti

Abaprofeti bafundisa ivangeli kaYesu Krestu. Bona bacacisa ngeentsikelelo esizifumanayo xa sithobela imiyalelo neziphumo esizifumanayo ukuba asiyenzi. Ngamanye amaxesha, base nokuchukumiseka ukuba basixelele ngeziganeko zexesha ezizayo.

Umfanekiso
UMoses namacwecwe

Moses and the Tablets [UMoses namaCwecwe], ngu Jerry Harston

AbaProfeti bamaNdulo

UThixo ubafundise ngabaprofeti abantu ukususela kwasekuqalekeni. Abaprofeti ababephila ngamaxesha eTestamente eNdala baquka uAdam, uNowa, uAbraham, uMoses, uIsaya, kunye nabanye. Kwakukho kananjalo abaprofeti naphakathi kwabantu beNcwadi kaMormoni. Aba baprofeti babequka uLihayi, uMozaya, uAlma, kunye noMoronayi. Singafunda ngoko bona babekufundisa ngokuba sifunde izibhalo.

Abaprofeti baNamnhlanje

UJoseph Smith wayengumprofeti wokuqala kumaxesha anamhlanje. Yena wabuyisela iBandla likaYesu Krestu emhlabeni. URussell M. Nelson ngumprofeti noMongameli weBandla namhlanje. Abacebisi bakhe kuBongameli bokuQala nabaPostile Abalishumi elinaMbini kananjalo bangabaprofeti, iimboni, kwaye nabatyhileli.

Umfanekiso
isibini sibukele inkomfa efowunini

Ukumamela umProfeti

Umprofeti uthetha nathi ngexesha lenkomfa yajikelele nangamanye amaxesha. Yena usifundisa oko uThixo afuna sikwazi nokuba simlandele njani uYesu Krestu namhlanje. Singazifumana iimfundiso zakhe kwi Liyahona naku ChurchofJesusChrist.org.

Iintsikelelo zokuLandela umProfeti

Sizakusikelelwa ukuba silandela iimfundiso zomprofeti. Xa silandela umprofeti, singayazi okokuba senza oko uThixo afuna sikwenze. Singeva uxolo ebomini bethu kwaye sisondele kufuphi kuYesu Krestu.