“UIsaya uFundisa ngoYesu Krestu,” UMyalezo weNyanga Umhlobo, EyoMsintsi 2022
“UIsaya uFundisa ngoYesu Krestu”
UMyalezo weNyanga Umhlobo, EyoMsintsi 2022
UIsaya uFundisa ngoYesu Krestu
UIsaya wayengumprofeti. Yena wayephila phambi kokuba uYesu Krestu azalwe. Kodwa wayesazi ukuba uYesu wayeza kuza.
UIsaya wathi uYesu wayeza kuzalwa njengoNyana kaThixo. UYesu wayeza kunceda kwaye aphilise abanye.
UIsaya watsho kananjalo uYesu wayeza kuza emhlabeni. Yena wayezakubizwa uMthetheleli woXolo. Yena wayeza kunikezela ngobomi baKhe esenzela thina kuba usithanda kakhulu.
Izinto uIsaya awazifundisayo zaye zenzeka. Kwiminyaka emininzi kamva, uYesu weza emhlabeni. Yena wasibonisa indlela. Yena wafa waze waphila kwakhona. Yena uyaphila namhlanje!
Mna ndingafunda ngoYesu Krestu. Xa ndikhumbula oko andenzele kona Yena, ndiva uxolo kunye nethemba!
Iphepha lokufakela Imibala
Mna NdingaFunda ngoYesu Krestu.
Cofa kumfanekiso ukuze ukhuphele.
Umzobo ngu Apryl Stott
Leliphi ibali olithandayo ngoYesu?
© 2022 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Isivumelo sesiNgesi: 6/19. Isivumelo senguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Friend Message, September 2022. Xhosa. 18299 774