2022
Funda ngoYesu Krestu kwaye uFikelele eMandleni waKhe
EyoMsintsi 2022


“Funda ngoYesu Krestu kwaye uFikelele eMandleni waKhe,” Okwenzelwe uKomeleza uLutsha, EyoMsintsi 2022.

UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyoMsintsi 2022

Funda ngoYesu Krestu kwaye uFikelele eMandleni waKhe

Ivela kwintetho yenkomfa yajikelele kaTshazimpunzi 2017.

Ndingathanda ukwabelana ngendlela esinokutsalela ebomini bethu amandla weNkosi noMfundisi wethu, uYesu Krestu.

Siqalisa ngokufunda ngaye Yena.1 “Akwenzeki ukuba umntu asindiswe ekungazini” (IMfundiso neMinqophiso 131:6). Okukhona siyiqonda ngakumbi imfundiso yoMsindisi nento athe Yena wasenzela yona, kokukhona sisazi ukuba Yena angasinika amandla esiwadingayo ebomini bethu.

NjengabaNgcwele beMihla yokuGqibela, sibhekisela kulungiselelo lwaKhe njenge Ntlawulelo kaYesu Krestu, eyathi yenza uvuko lube yinene kumntu wonke kwaye yenza ubomi obungunaphakade bukwazi ukubakho kwabo baguqukayo ezonweni zabo baze bafumane kwaye bagcine imimiselo neminqophiso eyimfuneko.

Phantsi kwecebo elikhulu likaBawo lanaphakade, nguMsindisi oweva owabandezelekayo. NguMsindisi owaqhawula amakhamandela okufa. NguMsindisi owahlawula ixabiso lezono lokona kwethu kwaye uzicima ngokweemeko zokuguquka kwethu. NguMsindisi osikhulula ekufeni kwenyama nokomoya.

Amagama angcwele afana ne Intlawulelo kunye noVuko acacisa oko uMsindisi wakwenzayo, ngokwecebo likaBawo, ukuze sibenokuphila ngethemba kobubomi kwaye sizuze ubomi obungunaphakade kwihlabathi elizayo.