2022
uKweyisa iHlabathi kwa nokuFumana ukuPhumla
EyeNkanga 2022


Umyalezo weNyanga LiyahonaEyeNkanga 2022

uKweyisa iHlabathi kwa nokuFumana ukuPhumla

Fumana ukuphumla koku kuqina, ukungaqiniseki, kwa nentlungu yeli lizwe ngokweyisa ilizwe ngeminqophiso yakho noThixo

Bazalwane noodade ndivuyiswa kukubanako . ukunibulisa ngalentsasa izukileyo yeSabatha. Nisoloko nisengqondweni yam. Ndimangazwa yindlela enikhawuleza ngayo ukuphakama xana nibona abanye benezidingo Ndiziva ndikhwanqisekile kukholo kwa nobungqina enibubonakalisayo mihla le. Ziyaphalala kum iinyembezi ngentlungu zenu, ukuphoxakala, kwa namaxhala. Ndiyanithanda. Ndiyaniqinisekisa ukuba uBawo oseZulwini kwa noNyana waKhe amThandayo, uYesu Krestu, bayanithanda. Bayazazi ngokusondeleyo iimeko zenu, ukulunga kwenu, izidingo zenu, kwa nemithandazo yenu yokufuna uncedo. Maxa onke, ndiyanithandazela ukuba niluve uThando lwaBo kuni.

Ukuluva uthando lwaBo kubalulekile, kuba kukhangeleka ngathi mihla le sijamelene nemingeni yendaba eziphazamisayo. Nimele ukuba nibenazo iintsuku apho beninga ningafihla iintloko phantsi kweengubo ngethuba lezilingo, nivuswe xa iziphithiphithi zelizwe zidlule.

Kodwa, bazalwane noodade bam abathandekayo, uninzi lwezinto ezimangalisayo luseza. Kwiintsuku ezizayo, siza kubona okukhulu ukubonakaliswa kwamandla oMsindisi ihlabathi elinga zange likubone. Ukusuka ngoku kuye kwithuba Yena ayakubuya ngalo “ngamandla nobuqaqawuli obukhulu,”1 Yena uya kunika angenakubalwa amalungelo, iintsikelelo, kwa nemimangaliso phezu kwamakholwa

Nakubeni kunjalo, ngoku siphila ngokuqinisekileyo kwawona maxesha antsonkothileyo kwimbali yelizwe. Izinto ezintsonkothileyo kwa nemingeni ishiya abantu abaninzi beziva bonganyelwe kwaye bediniwe. Nakubeni kunjalo, gqala amava akutshanje anokusivula amehlo engqondo ngendlela wena kwakunye nam esinokuyifumanela ngayo ukuphumla imiphefumlo yethu.

Ngethuba lokuba iTempile yaseWashington D.C. kutshanje ibivuleleke kuwonkewonke, ilungu lekomiti yokuvumela uluntu lungene luhlole laqaphela utshintshiselwano ngengqiqo ngeli thuba likhapha lihamba- hambisa uninzi lweentatheli ezidumileyo etempileni. Ngandlela ithile usapho oluselutsha lwaba nokuncamathela kolu khenketho lwamajelo eendaba. Enye intatheli yamane ibuza malunga nolu “hambo” lomxhasi wetempile njengoko ephuma kweli igumbi esiya kwelinye ngethuba lokukhonza etempileni Wayefuna ukwazi ukuba ingaba olu hambo etempileni ngumfuziselo wemingeni kuhambo lomntu ngamnye kobu bomi

Inkwenkwe esencinane kusapho yeva kwaye yathatha ingqalelo kule ncoko. Lakuba iqela labakhenkethi lingenile kwigumbi lesipho samandla, inkwenkwe yalatha kwisibingelelo, apho abantu baguqa khona ukwenza iminqophiso kunye noThixo, kwaye yathi, “Owu, yantle leya. Le yindawo yokuba abantu babe nokuphumla kuhambo lwabo lwasetempileni.”

Ndiyathandabuza ukuba inkwenkwe ibisazi nje ukuba ubunzulu kangakanani na umgqalasela wayo Kusenokwenzeka ukuba wayengenambono malunga noqhagamshelwano oluthe ngqo phakathi kokwenza umnqophiso noThixo etempileni kwa nesithembiso esimangazayo soMsindisi

“Yizani kum, nonke nina nibulalekayo nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla.

“Thabathani idyokhwe yam niyithwale; … niyakuyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu.

“Kuba idyokhwe yam imnandi, nomthwalo wam ulula.”2

Umfanekiso
Isihlwele kwinkofa yajikelele

Bazalwana kwa noodade endibathandayo, ndibuhlungu ngabo bashiya iBandla ngenxa yokuba baziva ngathi ubulungu buneemfuno ezingaphaya. Abakafumaninisi ukuba ukwenza kwa nokugcina iminqophiso ngokwenene kwenza ubomi bubelula Umntu ngamnye owenza iminqophiso kumaqula obhaptizo kwa nasezitempileni—kwaye ayigcine—unokufikelela okwandisiweyo kumandla kaYesu Krestu. Nceda ucamngce le nyaniso imangazayo!

Umvuzo wokugcina iminqophiso noThixo ngamandla avela emazulwini —amandla asiqinisayo sikwazi ukumelana nezilingo zethu, nezihendo, kwa neentlungu zentliziyo. La mandla ayenza lula indlela yethu. Abo baphila imithetho ewuphakameleyo umhlaba kaYesu Krestu banokufikelela kumandla aKhe awuphakameleyo umhlaba. Ngolo hlobo, abagcini minqophiso banelungelo kuhlobo olukhethekileyo lokuphumla oluza kubo ngobudlelwane babo bokunqophisana noThixo.

Phambi kokuba uMsindisi azinikezele kwintlungu kumhlatyana okuthiwa yiGetsemane kwa nendawo ekuthiwa luKakayi, Yena wabhengeza kubaPostile baKhe,“Ehlabathini niya kuba neembandezelo: kodwa yomelelani;Mna ndiloyisile ihlabathi.”3 Emv koko, uYesu wacenga ngamnye kuthi ukuba senze ngokufanayo xa Yena wayesithi “Mna ndinga okokuba nina ninganako ukuloyisa ihlabathi.”4

Bazalwana noodade bam endibathandayo, umyalezo wam kuni namhlanje ngowokuba kuba uYesu Krestu waloyisa eli lizwe liwe esonweni, kwaye kuba Yena wahlawulela ngamnye kuthi, nani ngokunjalo ninakho ukuloyisa eli lizwe lizaliswe sisono, labakhathalele iziqu zabo,kwa nelidinayo amaxesha amaninzi.

Kuba uMsindisi, ngeNtlawulelo yaKhe engenasiphelo, wahlangula ngamnye kuthi kubuthathaka, kwiimpazamo, kwa nakwisono, kwaye ngenxa yokuba Yena weva zonke iintlungu, amaxhala, kwa nemithwalo owakhe wayiva,5 ngoko njengokuba uguquka ngokunyanisekileyo kwaye ufune uncedo lwaKhe, ungaphakama ube ngaphezu kweli lizwe sikulo liyingozi

Ungazoyisa ezi zibetho zidinayo zakwamoya kwa nezemvakalelo zelizwe,eziquka ukuzigwagwisa, ukuzingca, umsindo, ukungakwazi ukuziphatha, intiyo, ukunyoluka, umona, kwa nokoyika. Nakubeni sirhangqwe ziinguqulelo zenyaniso ezibhidayo nezingenabunyani, ukuphumla—kuthetha isiqabu noxolo—nkqu phakathi kwengxaki ezihluphayo.

Le nyaniso ibalulekileyo ithunuka imibuzo emithathu esisiseko:

Okokuqala, kuthetha ukuthini ukuloyisa ihlabathi?

Okwesibini, sikwenza njani oko?

Okwesithathu, ukuloyisa ihlabathi kubusikelela njani ubomi bethu

Kuthetha ukuthini ukuloyisa ihlabathi? Kuthetha ukoyisa isilingo sokukhathalela ngakumbi izinto zehlabathi nezingento yanto kunezinto zikaThixo Kuthetha ukuthemba imfundiso kaKrestu ngaphezulu kunobulumko babantu behlabathi. Ithetha ukonwatyiswa yinyaniso, ukugxeka inkohliso, kwaye ube “ngumlandeli othobekileyo kaKrestu.”6 Ithetha ukukhetha ukuzisuba nakweyiphi na into egxotha uMoya. Ithetha ukuvuma ukuziyeka nkqu ezo zonke sikholwa zizo izono zethu.7

Ke kaloku, ukuloyisa ihlabathi ngokuqinisekileyo akuthethi ukugqibelela kobu bomi, kungathethi nokuba iingxaki zakho ziza kuphela emehlweni ngephanyazo—kuba azizokuphela. Kwaye ayi thethi ukuba akuzokuphinda wenze iimpazamo . Kodwa ukuloyisa ihlabathi kuthetha ukuba unokuxhathisa ngcono kwizilingo. Intliziyo yakho uya kuyiva ithobekile njengoko ukholo lwakho kuYesu Krestu lukhula.8 Ukuloyisa ihlabathi kuthetha ukwandisa uthando lwakho kuThixo kwa noNyana waKhe amThandayo ngaphezu kokuthanda omnye umntu okanye enye into eyenye.

Siloyisa njani, ke ngoko, ihlabathi? Ukumkani uBenjamin wasifundisa ukuba njani. Wathetha oku “umntu wemvelo ulutshaba noThixo” kwaye uhlala enjalo ngonaphakade “ngaphandle kokuba azinikele kwiimpembelelo zoMoya oyiNgcwele, kwaye amkhuphe umntu wemvelo, kwaye abe ngongcwele ngentlawulelo kaKrestu iNkosi .”9 Ithuba ngalinye ufuna kwaye ulandela iimpembelelo zoMoya, ithuba ngalinye usenza nantoni na entle—izinto “umntu wendalo” angenakuzenza—uyaloyisa ihlabathi.

Ukuloyisa ihlabathi akusosiganeko esenzeka ngosuku olunye okanye kwezimbini. Kweenzeka kubomi bonke njengokuba siphinda- phinda ukuyanga imfundiso kaKrestu. Siyaluhlakulela ukholo kuYesu Krestu ngokuguquka mihla le kwaye sigcine iminqophiso ethi isiphe amandla. Sihlala kwindlela yomnqophiso kwaye sisikelelwe ngokomelezwa komoya, ukutyhilelwa, ukukhula kokholo, kwa nokufundiswa ziingelosi. Ukuphila imfundiso kaKrestu kunokuphuhlisa eyona pateni okanye izenzo ezinamandla nezinesidima, zidale ifuthe lakwamoya kubomi bethu.10

Njengoko sizama ukuphila imithetho ewuphakameleyo umhlaba kaYesu Krestu, iimvakalelo zethu kwa nobume bethu ngaphakathi buqalisa ukutshintsha UMsindisi uyasi phakamisa ukusinceda sixhathise kwizilingo zeli hlabathi likhohlakeleyo ngokusisikelela ngothando lwenene, intobeko, isisa okanye izinwe, ububele, ukuzeyisa, uxolo, kwa noku phumla.

Ke kaloku, usenokucinga ukuba oku kuvakala njengomsebenzi onzima wakwamoya kunoku phumla Kodwa nantsi inyaniso ephambili: ngeli thuba ihlabathi lizingisa ekubeni amandla, ubutyebi, ukubaluleka, kwa neenkanuko zenyama zizisa ulonwabo, akunjalo! Azinakho! Into eziyiphuhlisayo liqokobhe elingenanto endaweni “yeentsikelelo kwa nolonwabo [lwabo] bayigcinayo imiyalelo kaThixo.”11

Inyaniso kukuba kudina kakhulu ukufuna ulonwabo apho ungena kuze ulufumane khona! Nangona kunjalo, xa sizibophelela ekusebenzeni noYesu Krestu kwaye senze umsebenzi wakwamoya ofunekayo ukuze siloyise ihlabathi, nguYe, kwaye nguYe kuphela, onawo amandla okusiphakamisa asincede sixhathise kwizilingo zeli hlabathi.

Ke kaloku, ukuloyisa ihlabathi kubusikelela njani ubomi bethu? Impendulo icacile: ukungena kubudlelwane bomnqophiso noThixo kusibophelela kuYe ngendlela eyenza yonke intongobomi ibelula. Ncedani ningandivi kakubi: andikhangenditsho ukuba ukwenza iminqophiso kwenza ubomi lula. Enyanisweni, lindela inkcaso, kuba utshaba alufuni ukuba niwafumane amandla kaYesu Krestu. Kodwa ukuzibopha isiqu sakho noMsindisi kuthetha ukuba uyafikelela kukomelela kwaKhe kwa namandla okuhlangula.

Umfanekiso
uMongameli uEzraTaft Benson

Ndiqinisekisa imfundiso enzulu kaMongameli Ezra Taft Benson: “Amadoda nabafazi ababuyisela ubomi babo kuThixo baya kufumanisa ukuba Yena unakho ukubuphucula ubomi babo ngaphezulu kunokuba benokuzenzela. Uya kulikhulisa uvuyo lwabo, aphucule umbono wabo, akhanyise ingqondo yabo,… abancede bazive bonwabile, ayithuthuzele imiphefumlo yabo, aphucule izihlobo kwaye abanike uxolo olungenambaliso.”12

La malungelo angenakuthelekiswa nanto alandela abo bafuna inkxaso yamazulu ukubanceda boyise eli hlabathi. Ukufezekisa oku, ndigqithisa kumalungu eBandla liphela umyalelo ofanayo nolowo ndiwunike abantu abadala bethu abasebatsha ngoCanzibe ophelileyo. Ndababongoza ngoko—kwaye ndi cenga nina ngoku—thabathani ulawulo lobungqina benu bukaYesu Krestu kwa nevangeli yaKhe. Yisebenzele Yondle khon’ukuze ikhule Yondle ngenyaniso Ungayingcolisi ngeengcinga ezibubuxoki zezilumko zehlabathi zamadoda nabafazi abangakholwanga. Njengokuba uqhubekeka usenza ukomelezwa kobungqina bakho kuYesu Krestu eyona nto iphambili, jonga ukwenzeka kwemimangaliso ebomini bakho.13

Umfanekiso
UMongameli Nelson eseqongengeni lokushumayela kwinkomfa yajikelele

Isibongozo sam kuni ngale ntsasa kukuba nifumane uku phumla kubungqwabalala, ukungaqiniseki, kwa neentlungu zeli hlabathi ngoku loyisa ihlabathi ngeminqophiso yenu noThixo. Maziseni ngemithandazo yenu kwa nezenzo ukuba nizimisele ukuloyisa ihlabathi. Cela Yena akhanyise ingqondo yakho kwaye akuthumele uncedo olufunayo Ngosuku ngalunye, bhala iingcinga ezikufikelayo ngeli thuba uthandazayo; wandule ukuzilandela ngokuzimisela. Chitha ixesha elininzi etempileni, kwaye ufune ukuqonda indlela itempile ekufundisa ngayo ukuba ukwazi ukumelana nemingeni yezilingo nokungaqiniseki kweli hlabathi.14

Njengoko senditshilo ngaphambili, ukuqokelelwa kukaSirayeli ngo- wona msebenzi ubalulekileyo ehlabathini kule mihla. Eyona nto ibalulekileyo kolu qokelelo kukulungisa abantu abanakho, abasele belungile, kwaye abakufaneleyo ukwamkela iNkosi xa Yona isiza kwakhona, abantu abasele bemkhethile uYesu Krestu kweli hlabathi lisesonweni, abantu abaluvuyelayo ukhetho lwabo lokuphila imithetho ephakamileyo, nengcwele kaYesu Krestu.

Umfanekiso
umama kwa nentombi bejonge kwimifanekiso yaBongameli beBandla kwiNkomfa yaJikelele

Ndiyanibiza, bazalwane kwa noodade endibathandayo, ukuba nibe ngaba bantu bangamalungisa Xabisa kwaye unike imbeko kwiminqophiso yakho ngaphezukwazo zonke ezinye izibophelelo Njengokuba uvumela uThixo alawule ubomi bakho, ndiyakuthembisa ngoxolo olukhulu, ukuqiniseka, uvuyo, kwaye ewe nokuphumla.

Ngamandla obupostile endinxitywe ngawo, ndiyanisikelela kumendo wenu wokulongamela ihlabathi. Ndinisikelela ukuba nikhule elukholweni kuYesu Krestu kwaye nifunde ngcono ngendlela yokusebenzisa amandla aKhe Ndinisikelela ukuba nibe nakho ukwahlula inyaniso kwimposiso Ndinisikelela ukuba nikhathalele ngakumbi izinto zikaThixo kunezinto zeli hlabathi Ndinisikelela ukuba nizibone iimfuno zabo baningqongileyo kwaye nomeleze abo nibathandayo. Kuba uYesu Krestu waleyisa eli hlabathi , nani ninakho ngokunjalo. Ndiyangqina ngokunjalo egameni elingcwele likaYesu Krestu, amen.

Amanqaku

  1. UJoseph Smith—UMateyu 1:36: “Ngoko kuya kubonakala umqondiso woNyana woMntu ezulwini, kwaye ngoko zonke izizwe zomhlaba ziya kuzila; kwaye ziya kumbona uNyana woMntu esiza esemafini asezulwini, ngamandla nobuqaqawuli obukhulu.”

  2. Mateyu 11:28- 30; ugxininiso longezelelwe.

  3. Yohane 18:33; ugxininiso longezelelwe.

  4. IMfundiso neMinqophiso 64:2; ugxininiso longezelelwe.

  5. Bona Alma 7:11–13.

  6. 2 Nifayi 28:14.

  7. Bona ingxelo kabawo kaKumkani uLamonayi ku Alma 22, ingakumbi Alma 22:18.

  8. Bona Mozaya 5:7.

  9. Bona Mozaya 3:19; ugxininiso longezelelwe.

  10. Bona 2 Nifayi 31; 3 Nifayi 27: 16– 20.

  11. Mozaya 2:41.

  12.  Teachings of Presidents of the Church: Ezra Taft Benson (2014), 42–43.

  13.  Bona Russell M. Nelson, “Choices for Eternity” (worldwide devotional for young adults, Canzibe 15, 2022), broadcasts.ChurchofJesusChrist.org.

  14. President David O. McKay said that in the temple we take a “step-by-step ascent into the Eternal Presence” (in Truman G. Madsen, The Temple: Where Heaven Meets Earth [2008], 11).