2022
iLifa le Nkuthazo—Izicatshulwa
EyeNkanga 2022


Umyalezo weNyanga LiyahonaEyeNkanga 2022

iLifa le Nkuthazo

Izicatshulwa

Umfanekiso
inqwelo-moya yephepha nesithunzi senqwelo-moya

Njengoko umama wam wandixelelayo xa ndandikhalazela into enzima, “Owu, Hal, kunjalo inzima. Imele ukuba njalo. Ubomi luvavanyo.”

Ebekuthetha oko ngokuzola, nkqu nangoncumo, kuba wayesazi izinto ezimbini. Nokuba kuzatyalazwa kangakanani, okubaluleke ngaphezulu kukuba afike ekhaya abe noBawo wakhe oseZulwini. Kwaye wayesazi angakwenza oko ngokholo kuMsindisi wakhe. …

Ilifa lenkuthazo awalishiya kuthi lichazwe ngcono ku Moronayi 7, apho uMormoni akhuthaza unyana wakhe uMoronayi kwa nabantu bakhe. …

Ubeka uYesu Krestu kuqala, njengabo bonke abaphumelelayo ekunikeni inkuthazo kwabo bazabalazela ukunyuka kwindlela eya ekhaya ezulwini. …

UMormon wabona ubulali njengobungqina bokomelela kokholo lwabo. …

UMormoni ngoko ukhuthaza bona ngokungqina ukuba basendleleni yokufumana isipho sokuzaliswa kweentliziyo zabo ngothando olumsulwa lukaKrestu. …

Xa ndibuyela emva ukucinga, ndiyabona ngoku indlela olwa thando lwenene—uthando olumsulwa lukaKrestu—lwamomeleza, lwamkhokela, lwamgcina, kwaye lwamtshintsha umama wam kumzabalazo kwindlela yakhe eya kwikhaya lanaphakade. …

… Umsindisi uyayazi imizabalazo yakho ngokwenkcukacha. Yena uyawazi amandla akho amakhulu ukukhula elukholweni,ithemba, kwa nothando lwenene.

Imiyalelo kwa neminqophiso Yena akunika yona ayizomvavanyo zokulawula wena. Zisisipho sokukunceda sikuphakamise khon’ukuze ube nakho ukuya kufikelela kuzo zonke izipho zikaThixo kwaye ubuyele kwikhaya lanaphakade kuBawo oseZulwini kwa ne Nkosi, abakuthandayo.