2023
Ukwabelana ngeVangeli kaYesu Krestu
EyeKhala 2023


“Ukwabelana ngeVangeli kaYesu Krestu,” Liyahona, EyeKhala 2023.

UMyalezo weNyanga we Liyahona EyeKhala 2023

Ukwabelana ngeVangeli kaYesu Krestu

Umfanekiso
intombazana eselula enezibhalo ezingcwele ezivulwe emathangeni ayo

Xa sicinga ngeentsikelelo esizifumanayo ngenxa yokuba singamalungu eBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, sifuna ukwabelana ngevangeli nabo sibathandayo. Singakwazi ukwabelana ngobungqina bethu benyani ngamazwi kunye nomzekelo wethu. Singathandazela impembelelo ukwazi ngubani esinokwabelana naye kwaye nento emasiyithethe.

Umfanekiso
UYesu esolula isandla sakhe kwindoda engumlwelwe

Thanda Abanye

Inxalenye ebalulekileyo yokwabelana ngevangeli kukuthanda abanye. Xa sibonisa uthando lwethu kwabanye ngezenzo ezinobuKrestu, sabelana ngevangeli kaYesu Krestu—ngamanye amaxesha ngaphandle kokuthetha nelizwi. Kwaye xa abanye besazi ukuba sikhathala ngokwenene ngabo, banokuvuleleka ngakumbi ukuva iingcinga zethu ngevangeli. (Bona Gary E. Stevenson, “Love, Share, Invite,” Liyahona, Canzibe 2022, 84–87.)

Yabelana ngokuQhelekileyo nangokuDaliweyo

Singabelana ngako oko sikuthandayo ngevangeli. Xa sisenza oku njengenxalenye yobomi bethu, akuzuba qathalala okanye kungakhululeki. Umzekelo, singathetha nosapho lwethu okanye nezihlobo ngoko esikwenzayo ngeCawa. Okanye singabaxelela ngolonwabo esiluvayo xa sikhonza abanye. (Bona Dieter F. Uchtdorf, “Missionary Work: Sharing What Is in Your Heart,” Liyahona, May 2019, 15–18.)

Memela Abanye baziManye Nathi

Singamema abanye kuba bafunde ngakumbi ngevangeli. Umzekelo, singabamema ukuba beze kumhlangano weBandla okanye umsebenzi, bafunde iNcwadi kaMormoni, babukele umboniso bhanyabhanya weBandla, okanye batyelele abafundisi bevangeli. La mava angabanceda beve uMoya kwaye bafune ukufunda ngakumbi.

Umfanekiso
amakhosikazi amadala amabini ehleli kwaye ethetha

Buza ngaMava Abo

Emveni izihlobo kunye namalungu osapho esiza ebandleni okanye enesifundiso nabafundisi bevangeli, singababuza ngamava abo. Ezinye iimfundiso zevangeli zingaba kanti zintsha kubo, ngoko singaphendula imibuzo abanayo. Singabonisa uthando lwethu kunye nenkxaso kwimizamo yabo yokuza kuKrestu.

Yongeza kwiiNkolelo Zabo

Sizixabisile kwaye sizihloniphile iinkolelo zabanye, kwaye siyazama ukongeza kukholo abasele benalo. Umzekelo, isihlobo esesifumene intuthuzelo kwizibhalo zeBhayibhile singafumana intuthuzelo kananjalo kwiimfundiso esabelana ngazo kwiNcwadi kaMormoni.

Umfanekiso
amantombazana amancinane enceda inkosikazi endala ukuwela isitalato

Nceda Amalungu Amatsha eBandla

Xa abantu bezimanya neBandla, singabanceda ukomeleza ukholo lwabo. Singangabahlobo babo, siphendule imibuzo yabo, kwaye sibaxhase xa befumana ubizo. Singabakhuthaza baqhubekeke belandela uYesu Krestu kwaye befunda ngevangeli yaKhe.

Umfanekiso
abafundisi bevangeli abangabadala ababini kunye nendoda bejonge ifowuni kunye

Khonza Umsebenzi weVangeli Ixesha Elipheleleyo

Ukongeza kulwabelwano lwevangeli kubomi bethu bemihla ngemihla, amalungu eBandla anokubizelwa ukukhonza njengabafundisi bevangeli bexesha elipheleleyo. Ukuba bazilungiselele, abafana abancinane banokukhonza ngexesha ukusukela kwiminyaka eyi 18. Amantombazana amancinane kunye nabadala kananjalo bangakhonza. Ungafumana ulwazi olongezelelekileyo ku ChurchofJesusChrist.org/callings/missionary.